Isaya
1 Lo ngumbono kaIsaya*+ unyana ka-Amotsi ngoYuda neYerusalem ngemihla kaUziya,+ uYotham,+ uAhazi+ kunye noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda:+
3 Inkunzi yenkomo imazi kakuhle umthengi wayo,
Nedonki iyasazi isitali somnikazi wayo.
Abantu bam baziphethe okwabantu abangenalwazi.”
4 Luza kuthi shu olu hlanga lunesono!+
Abantu abasindwa ziziphoso,
Inzala yamadoda angabenzi-bubi, abantwana abonakeleyo!
5 Kazi niza kuphinda nibethwe phi, njengokuba nisiya ningathobeli nje?+
Intloko yonke iyagula,
Nentliziyo yonke inesifo.+
6 Ukususela esithendeni ukuya kutsho entloko, akukho ndawo iphilileyo.
Banamanxeba nemigruzuko nezilonda.
Khange zikhathalelwe,* zibotshwe, okanye zenziwe zithambe ngeoli.+
7 Ilizwe lenu litshabalele.
Izixeko zenu zitshiswe ngomlilo.
Ilizwe lenu ligqitywa ziintlanga nijongile.+
Linjengommandla obhukuqwe ziintlanga.+
8 Intombi yaseZiyon ishiyiwe oku kwekhusi elikwintsimi yeediliya,*
Njengekhusi elikwintsimi yeetyhukhamba,
Njengesixeko esirhangqiweyo.+
10 Yivani ilizwi likaYehova nina bozwilakhe* baseSodom.+
Mamelisisani umthetho* kaThixo wethu nina bantu baseGomora.+
11 “Indinceda ngantoni imibingelelo yenu emininzi?”+ utsho uYehova.
“Ndanele yimibingelelo yenu etshiswa ngomlilo yeenkunzi zeegusha+ namanqatha ezilwanyana ezondlekileyo,+
Alindivuyisi negazi+ lamathole eenkomo aziinkunzi,+ elamatakane eegusha neleebhokhwe.+
13 Ningaphindi nizise iminikelo yokutya engenaxabiso.
Ndiyasenyanya isiqhumiso senu esiqholiweyo.+
Nibhiyozela ukuthwasa kweenyanga,+ iisabatha,+ nibiza neendibano.+
Ndiyazicaphukela iindibano zenu kuba nenza nemilingo.+
14 Ndiye ndazicaphukela iinyanga zenu ezithwasayo, namatheko enu.
Ziye zandisinda.
Ndidiniwe kukuzinyamezela.
Yekani izinto ezimbi enizenzayo phambi kwam.
Yekani ukwenza izinto ezingalunganga.+
17 Fundani ukwenza izinto ezilungileyo, funani ubulungisa,+
Mlungiseni umcinezeli,
Mkhuseleni umntwana ongenatata,*
Mthetheleleni umhlolokazi.”+
18 “Khanize silungise izinto phakathi kwethu,” utsho uYehova.+
“Nangona izono zenu zibomvu njengegazi,
Ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu;+
Nangona zibomvu njengelaphu elibomvu krwe,
Ziza kuba mhlophe njengoboya.
21 Isixeko esithembekileyo+ siye saba ngumfazi othengisa ngomzimba!+
23 Iinkosana zakho zineenkani yaye zisebenzisana namasela.+
Zonke zithanda isinyobo ibe zileqana nezipho.+
24 Ngoko ke iNkosi, uYehova wemikhosi,
Lowo Unamandla kaSirayeli, uthi:
“Yivan’ apha! Ndiza kuzitshabalalisa iintshaba zam,
Ndiza kuziphindezelela kwiintshaba zam.+
Emva koko uza kubizwa ngokuba usisiXeko Sobulungisa, iDolophu Ethembekileyo.+
28 Abantu abangathobeliyo naboni baza kwaphulwa ngaxeshanye,+
Yaye abo bashiya uYehova baza kutshatyalaliswa.+
31 Indoda enamandla iza kufana nengca eyomileyo,
Nomsebenzi wayo ube yintlantsi.
Zombini ziza kutsha ngaxeshanye,
Kungabikho mntu uzicimayo.”