Yobhi
37 “Intliziyo yam iyangongoza luvalo,
Ibe iyaxhuma endaweni yayo.
2 Kumameleni kakuhle ukuzongoma kwelizwi lakhe,
Neendudumo eziphuma emlonyeni wakhe.
6 Uthi kwikhephu, ‘Yiwa emhlabeni,’+
Athi kwizantyalantyala zemvula, ‘Galela ngamandla.’+
7 UThixo umisa zonke izinto ezenziwa ngabantu,
Ukuze bawazi umsebenzi wakhe.
8 Izilwanyana zasendle zithi tshwa emingxunyeni yazo,
Zihlale ezindaweni zazo.
11 Wenza amafu asindwe kukufuma;
Utshawuzisa imibane emafini;+
12 Aya naphi na apho awathuma khona;
Enza nantoni na awayalela yona+ emhlabeni.
13 Usebenzisa wona ukohlwaya+ okanye ukunkcenkceshela umhlaba,
Okanye ukubonisa uthando lwakhe olungagungqiyo.+
15 Uyamazi na uThixo ukuba uwalawula njani amafu,
Nokuba uwulenyezisa njani umbane emafini?
16 Uyawazi wona amafu ukuba ajinga njani esibhakabhakeni?+
Le yimisebenzi emangalisayo yaLowo unolwazi olugqibeleleyo.+
19 Sixelele ukuba sithini kuye;
Sisebumnyameni thina, asinampendulo.
20 Umele axelelwe na ukuba ndifuna ukuthetha naye?
Ukhona na umntu okhe wathetha into ekufuneka iviwe nguThixo?+
21 Abantu ababoni nokukhanya oku,*
Nangona kuqaqambile esibhakabhakeni,
De kufike umoya uphelise amafu.
24 Ngoko ke abantu bamele bamoyike,+
Kuba akabathandi abantu abacinga ukuba bazizilumko.”+