ISAHLUKO SESHUMI
Ngaba Yonk’ Imihla Uyazibuza, “Uphi Na UYehova?”
1, 2. (a) Yayinjani imeko yokomoya yamaYuda omhla kaYeremiya? (b) Yintoni eyayimele yenziwe ngamaYuda ngemeko yawo?
UYEREMIYA wayesezinyembezini. Wayekhathazwa yimeko yabantu bakowabo nayinto awayeyixelelwe nguThixo ngekamva labo. Wayenqwenela ukuba intloko yakhe ifane nomthombo wamanzi namehlo akhe afane nequla ukuze akhale angayeki. UYeremiya wayefanele ukukhathazeka ngenxa yolo hlanga lwakowabo. (Yer. 9:1-3; funda uYeremiya 8:20, 21.) AmaYuda aqhubeka ewugatya umthetho kaYehova aza akalithobela ilizwi lakhe, ngoko ke ayeza kwehlelwa yintlekele.—Yer. 6:19; 9:13.
2 Noko ke, abantu bakwaYuda ababefuna ukuva iindaba ezintle kuphela kwiinkokeli zabo zonqulo, babengenamdla wokwenene koko kwakucingwa nguYehova ngehambo yabo. (Yer. 5:31; 6:14) Babefana nezigulana ezifuna ugqirha oza kuzixelela iindaba ezimnandi ngoxa engazixeleli eyona nto zigula yiyo. Ukuba ubugula kakhulu, ngaba ubungayi kufuna ifunyanwe eyona nto ugula yiyo ukuze unyangwe kuselithuba? Nawo ke amaYuda omhla kaYeremiya ayefanele afune ukwazi eyona nto agula yiyo ngokomoya. Ayefanele azibuze: “Uphi na uYehova?”—Yer. 2:6, 8.
3. (a) AmaYuda ayemele enze ntoni ukuze azibuze, “Uphi na uYehova?” (b) Yiyiphi enye indlela amaYuda ayemele amfune ngayo uYehova?
3 Xa amaYuda ayenokuzibuza ukuba “Uphi na uYehova?” oko kwakuya kuthetha ukuba afuna ukukhokelwa nguThixo xa esenza izigqibo ezikhulu nezincinane. Kodwa amaYuda elo xesha akazange akwenze oko. Emva kokuphanziswa kweYerusalem nasemva kokubuya kwawo ekuthinjweni yiBhabhiloni, ayefanele ‘amfune uYehova.’ Xa emfuna, ayeza kumfumana, atsho azazi iindlela zakhe. (Funda uYeremiya 29:13, 14.) Ayeza kukwenza njani oko? Enye indlela yayikukuba athandaze kuThixo ngokunyanisekileyo aze acele ulwalathiso lwakhe. Eso sisimo sengqondo awayenaso uKumkani uDavide. Wacela oku kuThixo: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho.” (INdu. 25:4) Khawuqwalasele esi simemo sadluliselwa ngoYeremiya nguMphulaphuli wemithandazo kunyaka weshumi wolawulo lukaKumkani uZedekiya. “Ndibize, ndiya kukuphendula yaye ndikulungele ukukuxelela izinto ezinkulu nezingaqiqekiyo ongazaziyo.” (Yer. 33:3) Ukuba lo kumkani nolo hlanga lunemvukelo babebize uThixo, ngewayebatyhilele izinto ‘ezingaqiqekiyo’ kubo, nangokuphanziswa kweYerusalem nokubuyiselwa kwabo kuyo emva kweminyaka engama-70.
4, 5. Ziziphi ezinye iindlela abantu bakaThixo ababenokumfuna ngazo?
4 Enye indlela amaYuda ayenokumfuna ngayo uYehova, yayikukufunda ngembali ukuze abone indlela awabaphatha ngayo abantu bakhe. Oko kwakuya kuwanceda akhumbule izinto ezazenze uThixo wakholiswa ngawo, nezo zaziye zabazisela ingqumbo yakhe. Ayeneencwadi zikaMoses nezinye iingxelo eziphefumlelweyo zembali kuquka ezookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Xa ayenokucamngca ngazo aze aphulaphule abaprofeti bokwenene bakaThixo, amaYuda omhla kaYeremiya ayeya kuyifumana impendulo yombuzo othi, “Uphi na uYehova?”
5 Indlela yesithathu awayenokumfuna ngayo uYehova loo maYuda yayikukufunda kumava awo nawabanye. Oku akuthethi kuthi ayemele azivavanye kuzo zonke izinto ukuze afunde, kunoko ayenokuncedakala ngokunikela ingqalelo kwizinto aye azenza ngaphambili aze abone indlela uYehova aye wazijonga ngayo izenzo zawo. Ukuba ayekwazi ukunikela ingqalelo ngolo hlobo, ayeya kuyiqonda indlela uThixo ayijonga ngayo ihambo yawo.—IMize. 17:10.
6. Umzekelo kaYobhi unokukukhuthaza njani?
6 Makhe sicinge ngendlela okusebenza ngayo oku namhlanje. Ngaba udla ngokuzibuza ukuba “Uphi na uYehova?” xa usenza izigqibo naxa kukho ikhondo ofuna ukulithabatha? Bambi basenokuvakalelwa kukuba oku abakhange bakwenze ngendlela ebebefanele ukukwenza ngayo. Ukuba kunjalo nakuwe, ungalahl’ ithemba. Kwanosolusapho owayethembekile uYobhi wayenayo le ngxaki. Xa wayecinezelekile, wacinga ngesiqu sakhe kuphela. Kwafuneka uElihu amkhumbuze ngempazamo edla ngokwenziwa ngabantu esithi: “Akukho namnye othe, ‘Uphi na uThixo uMenzi wam Ozukileyo?’” (Yobhi 35:10) UElihu wakhuthaza uYobhi wathi: ‘Zibonise unikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.’ (Yobhi 37:14) UYobhi kwakufuneka anikele ingqalelo kwimisebenzi kaYehova yendalo ayibonayo nendlela uThixo asebenzisana ngayo nabantu. Ngenxa yezinto ezamehlelayo, uYobhi watsho waziqonda iindlela zikaYehova. Emva kokuba enyamezele izilingo waza wabona nendlela uYehova azisingatha ngayo izinto, uYobhi wathi: “Ndithethile, kodwa bendingaziqondi izinto ezimangalisa gqitha kum, endingazaziyo. Ndikuve ngondiva, kodwa ngoku iliso lam liyakubona.”—Yobhi 42:3, 5.
7. Njengokuba kubonisiwe kwiphepha 116, yintoni esiza kuxubusha ngayo ngoku?
7 Umprofeti uYeremiya waqhubeka emfuna uYehova de wamfumana. Ngokwahlukileyo kubantu bakowabo, uYeremiya wagqiba amashumi eminyaka ezibuza: “Uphi na uYehova?” Kwesi sahluko siza kufunda kumzekelo kaYeremiya ngendlela esinokumfuna ngayo uYehova size simfumane ngokuthandaza, ngokufundisisa nangamava obuqu.—1 Kron. 28:9.
Kuthetha ukuthini ukuzibuza ukuba, “Uphi na uYehova?” Ziziphi iindlela awayemele azibuze ngazo loo mbuzo amaYuda omhla kaYeremiya?
UYEREMIYA WATHANDAZA KUYEHOVA
8. Ziziphi izinto uYeremiya awazithandazela kuThixo?
8 Kangangeminyaka, ngoxa wayesisithethi sikaThixo kuhlanga lwakwaYuda, uYeremiya wayesoloko efuna uYehova ngokuthandaza. Wayecela uncedo kuThixo xa kufuneka avakalise izigidimi ezingathandwayo ngabantu, xa evakalelwa kukuba kunzima naxa engaqinisekanga ngezizathu zokuba kwenzeke izinto ezithile. UThixo wayemphendula aze ambonise oko amele akwenze. Nantsi imizekelo embalwa yoko.
9. (a) UYeremiya wayichaza njani indlela awayevakalelwa ngayo kuYeremiya 15:15, 16, ibe uYehova wamphendula njani? (b) Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukuchaza indlela ovakalelwa ngayo xa uthandaza?
9 Xa uYeremiya wayethunywe ukuba avakalise isigidimi somgwebo, wavakalelwa kukuba unuka umzondo kuye wonk’ umntu. Ngenxa yoko, lo mprofeti wacela uThixo ukuba amkhumbule. Cinga ngomthandazo wakhe okuYeremiya 15:15, 16, apho achaza indlela awayevakalelwa ngayo ngempendulo kaThixo. (Yifunde.) Kuloo mthandazo, uYeremiya wayevakalisa intlungu akuyo. Ukanti, wathi akufumana amazwi kaThixo, ngokungathi kunjalo, ewafaka emlonyeni wakhe, wonwaba. UYehova wamnceda walixabisa ilungelo awayenalo lokuthwala igama likaThixo nokuvakalisa isigidimi sakhe. UYeremiya wayiqonda kakuhle imbono kaYehova kulo mbandela. Sifunda ntoni thina koku?
10. Yintoni uThixo awayenzayo emva kokuba umprofeti wakhe ethe akasayi kuphinda athethe egameni lakhe?
10 Ngesinye isihlandlo emva kokubethwa nguPashure unyana kaImere, uYeremiya wathi akayi kuphinda athethe egameni likaYehova. UThixo wawuphendula njani umthandazo wakhe? (Funda uYeremiya 20:8, 9.) IBhayibhile ayisixeleli enoba uThixo waphendula uYeremiya ngokuthetha naye ngokungqalileyo kusini na. Kodwa ilizwi likaThixo laba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni akhe, watsho akakwazi ukuthula. Enyanisweni, ngokuthetha kwakhe ngokunyanisekileyo noThixo nangenxa yokwazi kwakhe ukuthanda Kwakhe, uYeremiya wenza kanye oko kwakufunwa nguThixo.
11, 12. UYeremiya wayifumana njani impendulo kumbuzo awayenawo ngokubonakala kwabangendawo bephumelela?
11 UYeremiya wayekhathazeka gqitha xa ebona abangendawo bephumelela. (Funda uYeremiya 12:1, 3.) Nakuba wayengakuthandabuzi ukulunga kukaYehova, lo mprofeti wafuna impendulo ‘kwisimangalo’ sakhe. Ukuthetha kwakhe ngokungqalileyo noThixo, kwakubonisa ulwalamano oluhle ababenalo, kanye njengolo lomntwana noyise. Ekuphela kwento uYeremiya awayengayiqondi sisizathu sokuba izinto ziwahambele kakuhle amaYuda amaninzi ngoxa engendawo. Ngaba uYeremiya wayifumana impendulo eyanelisayo? UYehova wamqinisekisa ukuba wayeza kubusiphula neengcambu ubungendawo. (Yer. 12:14) Njengokuba uYeremiya wayebona indlela ezenzeka ngayo izinto awayezithandazela, umele ukuba wakubona ukuba sesikweni kukaThixo. Oko kumele ukuba kwamenza waqinisa ngakumbi ekuthandazeni kuYise.
12 Ngasekupheleni kolawulo lukaZedekiya, xa iYerusalem yayingqingwe yiBhabhiloni, uYeremiya wabhekisela kuYehova ngokuthi ‘unamehlo avulekileyo phezu kweendlela zonke zoonyana babantu, ukuze anike ngamnye ngokweendlela zakhe nangokwesiqhamo sezenzo zakhe.’ (Yer. 32:19) UYeremiya wayibona imbono kaYehova ngokuphathelele okusesikweni, leyo yokuba uThixo uyakwazi ukubona yonke into esiyenzayo yaye uyayiva nemithandazo enyanisekileyo yabakhonzi bakhe. Nabo abakhonzi bakhe bayabubona ubungqina obungakumbi bokuba uThixo unika umntu “ngamnye ngokweendlela zakhe nangokwesiqhamo sezenzo zakhe.”
13. Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba uThixo uyakufeza ukuthanda kwakhe?
13 Kusenokwenzeka ukuba asikuthandabuzi ukuba sesikweni kukaThixo nobulumko anabo bokufeza ukuthanda kwakhe ngoku nakwixa elizayo. Sekunjalo, sinokuzuza lukhulu xa sicingisisa ngezinto awatyhubela kuzo uYeremiya size sichazele uYehova ngendlela esivakalelwa ngayo xa sithandaza. Ukuphalaza imbilini kwethu ngaloo ndlela kunokusinceda sibe nentembelo kuYehova, size siqiniseke ukuba uza kukufeza ukuthanda kwakhe. Kwanokuba asisiqondi ngokupheleleyo isizathu sokuba izinto zenzeke ngendlela ezenzeka ngayo, okanye isizathu sokuba ukuthanda kukaThixo kungafezeki ngokukhawuleza, sinokuyivakalisa emthandazweni indlela esiqiniseke ngayo ukuba izinto zisesandleni sakhe. Ukuthanda kwakhe kuza kwenzeka ngendlela nangesantya asibona sifanelekile. Oko kuqinisekisiwe; asimele sibe namathandabuzo. Siza kuqhubeka sibuza emthandazweni oku, “Uphi na uYehova?” sinenjongo yokuqonda ukuthanda kwakhe nokuze sibubone ubungqina bokuba uyakufeza.—Yobhi 36:5-7, 26.
Sisiphi isiqinisekiso osifumana kwizinto ezehlela uYeremiya ekufuneni uYehova ngomthandazo?
UYEREMIYA WAYEZIHLOHLA NGOLWAZI
14. Sazi njani ukuba uYeremiya wenza uphando ngembali yabantu bakaThixo?
14 Ngokuphathelele umbuzo othi, “Uphi na uYehova?”, uYeremiya wayeyiqonda kakuhle imfuneko ‘yokwazi uYehova.’ (Yer. 9:24) Umele ukuba wafunda ngembali yabantu bakaThixo njengoko wayehlanganisa iincwadi namhlanje ezibizwa ngokuba yeyoku-1 neyesi-2 yooKumkani. Wakhankanya ngokungqalileyo ‘incwadi yemicimbi kaSolomon,’ ‘incwadi yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli’ kwakunye ‘nencwadi yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda.’ (1 Kum. 11:41; 14:19; 15:7) Ngenxa yoko, wakwazi ukuqonda indlela uYehova ayisingatha ngayo imicimbi eyahlukahlukeneyo. Wakwazi ukubona izinto ezikholisa uYehova nendlela azijonga ngayo izigqibo zabantu. Wayekwazi nokufunda imibhalo ephefumlelweyo eyayikho ngelo xesha efana naleyo yabhalwa nguMoses, uYoshuwa, uSamuweli, uDavide noSolomon. Akuthandabuzeki ukuba wayebazi abaprofeti bangaphambili, nabo bexesha lakhe. UYeremiya wangenelwa njani kufundisiso awayelwenza?
15. Yintoni amele ukuba wazuza uYeremiya kuphando awalwenza ngesiprofeto sikaEliya?
15 UYeremiya wabhala ingxelo ngoIzebhele, umfazi ongendawo kaKumkani uAhabhi waseSamariya. Kwingxelo yakhe wabhala amazwi kaEliya awayechaza ukuba uIzebhele wayeza kudliwa zizinja kwisiqwenga somhlaba waseYizereli. (1 Kum. 21:23) Ngokuvisisana nale ngxelo kaYeremiya, ngoku uyazi ukuba kwiminyaka eli-14 kamva, uIzebhele waphoswa ngefestile, waxovulwa ngamahashe kaYehu, yaza inyama yakhe yadliwa zizinja. (2 Kum. 9:31-37) Uphando awalwenzayo uYeremiya ngesiprofeto sikaEliya nokuzaliseka kwaso ngokweenkcukacha lumele ukuba lwalomeleza ukholo lwakhe kwilizwi likaThixo. Liyinyaniso elokuba, eyona nto yamkhuthazayo ukuze ahlale eprofeta yayilukholo olomelezwa kukufundisisa kwakhe ngezinto ezenziwa nguYehova kwixa elidluleyo.
16, 17. Ucinga ukuba uYeremiya wakwazi njani ukuqhubeka ebalumkisa ookumkani abangendawo bomhla wakhe?
16 Makhe sihlolisise omnye umzekelo. Ucinga ukuba yintoni eyanceda uYeremiya wakwazi ukuqhubeka elumkisa ookumkani abangendawo njengoYehoyakim noZedekiya nakubeni wayetshutshiswa? Esona sizathu kukuba uYehova wamenza “isixeko esinqatyisiweyo nentsika yentsimbi neendonga zobhedu” kookumkani bakwaYuda. (Yer. 1:18, 19) Simele singalibali ukuba uYeremiya waphanda nzulu ngolawulo lookumkani bangaphambili bakwaYuda nabakwaSirayeli. Wabhala ingxelo yokuba uManase wakhela “wonke umkhosi wamazulu izibingelelo kwiintendelezo ezimbini zendlu kaYehova,” wabingelela ngonyana wakhe emlilweni, waza waphalaza igazi elimsulwa ngendlela engathethekiyo. (2 Kum. 21:1-7, 16; funda uYeremiya 15:4.) Ukanti uYeremiya umele ukuba wayesazi ukuba xa uManase wazithobayo waza wazingisa emthandazweni, “[uYehova] wasabela kwisibongozo sakhe,” waza wambuyisela ebukumkanini bakhe.—Funda eyesi-2 yeziKronike 33:12, 13.
17 Kwingxelo yakhe, uYeremiya akazange ayikhankanye inceba uYehova awayenzela uManase. Kodwa uManase wafa kwiminyaka emalunga neli-15 ngaphambi kokuba uYeremiya aqalise ukuba ngumprofeti. Ngenxa yoko, kusenokwenzeka ukuba lo mprofeti weva ngoko kwenzekayo xa lo kumkani eguquka kwizinto ezimbi awayezenza. Uphando lwakhe ngehambo embi kaManase nemiphumo yayo lumele ukuba lwamnceda uYeremiya wakuqonda ukubaluleka kokubongoza ookumkani abafana noZedekiya ukuba bafune inceba nobubele bothando bukaYehova. Kwanokumkani owayedume ngokunqula izithixo nokuphalaza igazi wayenokuguquka aze axolelwe. Ukuba wawukuloo meko kaYeremiya, ngaba izinto ezenzeka kuManase zaziya kukukhuthaza, ukuze ukwazi ukunyamezela xa kulawula abanye ookumkani abangendawo?
UKUFUNDA KWIZINTO EZAMEHLELAYO
18. Umele ukuba wafunda ntoni uYeremiya kumzekelo kaUriya, yaye kutheni uphendula ngolo hlobo?
18 Ngoxa wayengumprofeti, ngokuqinisekileyo uYeremiya wafunda kwindlela abantu bexesha lakhe ababejamelana ngayo nezinto. Omnye wabo bantu ngu-Uriya, owaprofeta nxamnye neYerusalem noYuda xa kwakulawula uYehoyakim. Noko ke, ngenxa yokoyika uKumkani uYehoyakim, u-Uriya wabalekela eYiputa. Emva koko, lo kumkani wathumela amadoda ukuba aye kumlanda, waza wabulawa. (Yer. 26:20-23) Ngaba ucinga ukuba uYeremiya wafunda okuthile koko kwehlela u-Uriya? Isibakala sokuba uYeremiya engazange ayeke ukulumkisa amaYuda ngentshabalalo yawo ezayo—esenjenjalo nasetempileni—sibonisa ukuba ikho into awayifundayo. UYeremiya waqhubeka enesibindi, yaye uYehova akazange amlahle. Kumele ukuba nguThixo owabangela ukuba uAhikam unyana kaShafan, akhusele uYeremiya onesibindi.—Yer. 26:24.
19. UYeremiya wafunda ntoni ekuzingiseni kukaYehova ukuthumela abaprofeti kubantu bakhe?
19 UYeremiya wafunda nakwizinto ezamehlelayo ngenxa yokusetyenziswa kwakhe nguYehova ukulumkisa abantu bakhe. Kunyaka wesine wokulawula kukaKumkani uYehoyakim, uYehova waxelela uYeremiya ukuba abhale onke amazwi awathethileyo ukususela kumhla kaYosiya ukuya kuthi ga ngelo xesha. Sasiyintoni isizathu sokuba uThixo akhuphe lo myalelo? Yayikukukhuthaza abantu ukuba babuye ezindleleni ezimbi ukuze baxolelwe. (Funda uYeremiya 36:1-3.) UYeremiya, owayevuka ekuseni alumkise abantu ngezigidimi zikaThixo, wayede ababongoze nokuba bayeke izenzo zabo ezicekisekayo. (Yer. 44:4) Ngenxa yezinto ezamehlelayo uYeremiya, ngaba ayicacanga into yokuba wayeqonda ukuba uThixo wathumela abaprofeti ngenxa yokuba enemfesane ngabantu bakhe? Ngaba uYeremiya akazange ancedwe yiloo nto ukuze naye abe nemfesane? (2 Kron. 36:15) Siyaqondakala ke isizathu sokuba uYeremiya athethe la mazwi xa wasindayo ekutshatyalalisweni kweYerusalem: “Zizenzo zobubele bothando bukaYehova ukuba sibe asifikanga esiphelweni sethu, ngenxa yokuba iinceba zakhe ngokuqinisekileyo aziyi kuphela. Zintsha ntsasa nganye.”—IZili. 3:22, 23.
Yintoni eyafundwa nguYeremiya xa wayephanda ngezinto ezenziwa nguThixo naxa wayecamngca ngezinto ezehlela yena nabanye abantu? Thina sifunda ntoni koku?
NGABA YONK’ IMIHLA UYAZIBUZA, “UPHI NA UYEHOVA?”
20. Unokumxelisa njani uYeremiya ekufuneni uYehova?
20 Kwizigqibo ekufuneka uzenze mihla le, ngaba uye ufune ukuqonda ukuba uThixo uthanda wenze ntoni, ngokuzibuza oku, “Uphi na uYehova?” (Yer. 2:6-8) Ngokwahlukileyo kumaYuda omhla wakhe, uYeremiya wayesoloko efuna uncedo kuSomandla ukuze ayazi eyona ndlela amele ahambe ngayo. Akuthandabuzeki ukuba kububulumko ukuxelisa uYeremiya ngokufuna imbono kaYehova xa sisenza izigqibo.
21. Ngumthandazo onjani oya kukunceda kubulungiseleli, njengaxa udibana nabantu abangqwabalala?
21 Asimele sicinge ngoYehova xa siza kwenza izigqibo ezibalulekileyo kuphela. Ngokomzekelo, kuthekani ngesigqibo sokuya entsimini ngosuku obucebe ukuya ngalo? Mhlawumbi uvuka ngaloo ntsasa izulu limathumb’ antaka. Kusenokwenzeka ukuba intsimi eza kusetyenzwa ngaloo mini sele niyigubungele izihlandlo ezininzi. Engqondweni kuthi qatha ukuba abanye abantu kuloo ntsimi baye bakuchasa ngendlela engaqondakaliyo okanye ngokuphandle. Kanye ngelo xesha, ngaba unokuthandaza ubuze oku, “Uphi na uYehova?” Ukwenjenjalo kuya kukunceda ukhumbule ukubaluleka kwesigidimi osisa ebantwini uze usiqonde ngakumbi isibakala sokuba ukwenza oko kukuthanda kukaThixo. Uya kwandula ke uqonde ukuba ilizwi likaYehova lingumthombo wolonwabo kuwe njengakuYeremiya. (Yer. 15:16, 20) Ukuba uthi emva kwethuba usentsimini udibane nomntu ongqwabalala okanye owoyikekayo, unokuphinda uzityand’ igila kuThixo. Ngaba uya kukwenza oko? Khumbula ukuba unokukunika umoya oyingcwele ukuze ukwazi ukuphendula ngendlela efanelekileyo, yaye umnqweno wakho wokuvakalisa isigidimi sikaThixo uya kukunceda ukwazi ukuqhubeka ushumayela.—Luka 12:11, 12.
22. Yintoni enokubangela ukuba eminye imithandazo ithintelwe?
22 Kuhle ukwazi ukuba eminye imithandazo isenokuthintelwa. (Funda IZililo 3:44.) UYehova akazange ayiphulaphule imithandazo yamaYuda awayenemvukelo kuba ‘ayezisusile iindlebe zawo kuye’ aze aqhubeka nemisebenzi echasene nomthetho. (IMize. 28:9) Oku kumele ukuba kwaba sisifundo esicacileyo kuYeremiya, njengokuba kumele kube njalo nakuthi: Ukuba umntu akenzi ngokuvisisana nemithandazo yakhe, oko kuya kumdanisa uThixo aze angayiphulaphuli naloo mithandazo. Ngokuqinisekileyo simele siziphephe izenzo eziya kuphumela koko.
23, 24. (a) Yintoni ebalulekileyo ekufuneka siyenze ukuze sazi ukuthanda kukaYehova? (b) Unokwenza njani ukuze uzuze ngakumbi kwisifundo sakho sobuqu?
23 Ukongezelela kumthandazo wethu onyanisekileyo wokucela ulwalathiso lukaYehova, sifanele singayeki ukufundisisa, nto leyo ibalulekileyo ukuze sazi ukuthanda kukaYehova. Eyethu imeko ibhetele kunekaYeremiya. Thina sineBhayibhile epheleleyo. NjengoYeremiya, owayiphanda ngokunzulu ingxelo ephefumlelweyo awayibhalayo, unokulifundisisa nzulu iLizwi likaThixo uze ukhangele ulwalathiso lwakhe, emva koko uzibuze, “Uphi na uYehova?” Ngokufuna ukwazi ukuthanda kwakhe, ubonisa ukuba uyamthemba yaye ‘uya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini, othumela iingcambu zawo ngasemfuleni.’—Funda uYeremiya 17:5-8.
24 Njengoko ufunda yaye ucamngca ngeZibhalo Ezingcwele, zama ukwazi oko uYehova afuna ukwenze kwiimeko ezahlukahlukeneyo. Usenokukhangela imigaqo ofuna ihlale inkenteza engqondweni yakho uze uyisebenzise kubomi bakho. Ngoxa ufunda ngoko kwenzekayo embalini, imiyalelo kaThixo, namazwi obulumko aseLizwini lakhe, cinga indlela ezinokukunceda ngayo ezo zinto kwizigqibo zakho zemihla ngemihla. Ukuze aphendule umbuzo wakho othi, “Uphi na uYehova?” unokusebenzisa iLizwi lakhe elibhaliweyo ukuze akubonise indlela onokuhlangabezana ngayo neengxaki ojamelana nazo. Kaloku, eBhayibhileni usenokubona ‘izinto ezingaqiqekiyo ongazaziyo’ okanye obukade uziqonda ngenye indlela.—Yer. 33:3.
25, 26. Kutheni sinokungenelwa kwizinto ezisehlelayo?
25 Ukongezelela, usenokufunda kumava akho nawabanye. Ngokomzekelo, usenokubona ukuba kukho iqaqobana labantu abaye bamshiya uYehova njengoUriya. (2 Tim. 4:10) Unokufunda kwizinto ezabehlelayo ukuze uphephe imiphumo eyintlekele. Hlala ukhumbula indlela uYehova akuphatha ngobubele obunothando ngayo, kanye njengokuba uYeremiya wayeyixabisa inceba nemfesane kaThixo. Enoba imeko yakho imbi kangakanani na, ungaze ucinge ukuba Oyena Uphakamileyo akakukhathalelanga. Ukukhathalele, njengokuba wayenjalo kuYeremiya.
26 Njengoko ucamngca ngendlela uYehova abaphatha ngayo abantu namhlanje, uya kuqonda ukuba uneendlela ezahlukahlukeneyo abakhokela ngazo mihla le. UAki, udade oselula waseJapan, wayezibona engakufanelekeli ukuba ngumKristu. Ngenye imini, xa wayehamba nomfazi womveleli wesiphaluka entsimini, uAki waphalaza imbilini yakhe wathi: “Ndivakalelwa kukuba uYehova sele eza kundihlanza, nto nje sendibambelele kwimilebe yakhe, ndimcenga ukuba andiphe elinye ithuba.” Lo mfazi wamjonga emehlweni waza wathi: “Zange khe ndivakalelwe kukuba ungumKristu odikidiki!” Kamva, uAki wakha wacingisisa ngaloo mazwi. Phofu, kwakungekho nto ebonisa ukuba uYehova wakha wamjonga njengodikidiki. Emva koko, uAki wathandaza kuYehova esithi: “Ndithumele naphi na apho uthanda khona. Ndiza kwenza nantoni na ofuna ndiyenze.” Kanye ngelo xesha, watyelela kwelinye ilizwe ekwakukho iqaqobana labantu abathetha isiJapan nababefuna umntu othetha ulwimi lwabo owayeza kuhlala aze asebenze nabo. Kwathi kanti uAki wayezalelwe kwelo lizwe, nto leyo yabangela ukuba kube lula ukufudukela apho ukuze ancede. Kodwa wayeza kuhlala phi? Omnye udade owayenentombi eyayisandul’ ukufuduka ekhaya wamnika indawo yokuhlala. UAki wathi: “Zonke izinto zahamba kakuhle; uYehova wandivulela indlela.”
27. Kutheni simele sikhuthazwe ngumbuzo othi, “Uphi na uYehova?”
27 Abazalwana noodade abaninzi banokubalisa ngeziganeko ezabangela ukuba balubone ulwalathiso lukaThixo, mhlawumbi xa befunda iBhayibhile okanye besenza ufundisiso lobuqu. Kusenokwenzeka ukuba kukhe kwenzeka oko nakuwe. Loo nto inokulomeleza ulwalamano lwakho noYehova uze usondele kuye ngomthandazo rhoqo nangokunyanisekileyo. Simele siqiniseke ukuba uThixo uya kusibonisa iindlela zakhe, njengoko yonke imihla sibuza ukuba “Uphi na uYehova?”—Isa. 30:21.
Unokuyifumana njani impendulo kumbuzo othi, “Uphi na uYehova?” Ziziphi iindlela onokulufuna ngazo ukhokelo lwakhe?