IiNdumiso
Kumalathisi. EkaDavide umkhonzi kaYehova, owayewaculela uYehova amazwi ale ngoma ngemini uYehova awamhlangula ngayo ezandleni zazo zonke iintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule. Wathi:+
18 Ndiyakuthanda Yehova, mandla am.+
2 UYehova liliwa lam, ikhusi lam nalowo undisindisayo.+
UThixo wam liliwa lam+ endibalekela kulo,
Ulikhaka lam nophondo* lwam losindiso,* indawo yam ekhuselekileyo.*+
6 Xa ndandisentlungwini, ndathandaza kuYehova,
Ndaqhubeka ndikhalela uncedo kuThixo wam.
7 Emva koko umhlaba wagungqa, wanyikima;+
Neziseko zeentaba zangcangcazela,
Zaqhubeka zihexa kuba wayecatshukisiwe.+
8 Kwanyuka umsi uphuma ezimpumlweni zakhe,
Kwaphuma umlilo otshabalalisayo emlonyeni wakhe,+
Kwaphuma namalahle avuthayo kuye.
9 Wawathoba amazulu njengoko wayesehla,+
Ibe kwakukho intsunguzi yobumnyama phantsi kweenyawo zakhe.+
10 Weza ebhabha ekhwele ikherubhi.+
Wehla ngesantya ekhwele emaphikweni esidalwa somoya.*+
11 Emva koko wazifihla ebumnyameni,+
Baba likhusi lakhe macala onke,
Amanzi amnyama neengqimba zamafu.+
12 Ekukhanyeni okuphambi kwakhe
Kwawa isichotho namalahle avuthayo elifini.
13 Emva koko uYehova waduduma esemazulwini;+
Oyena Uphakamileyo wabangela ilizwi lakhe laviwa+
Ngezichotho namalahle avuthayo.
14 Wadubula iintolo zakhe, wabachitha-chitha;+
Wathumela umbane wakhe, wenza isiphithiphithi phakathi kwabo.+
15 Umphantsi womfula wabonakala;*+
Iziseko zomhlaba zatyhilwa kukukhalima kwakho, Yehova,
Kukufutha kwempefumlo yeempumlo zakho.+
21 Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova,
Andibanga ngumenzi-bubi, ndamlahla uThixo wam.
22 Zonke izigwebo zakhe ziphambi kwam;
Andizukuyidelela imithetho yakhe.
25 Uza kuthi nca kumntu okukhonza ngokungagungqiyo;+
Uza kuyiphatha ngokungenasiphoso indoda engenasiphoso;+
26 Kumntu omsulwa uzibonakalisa umsulwa,+
Kodwa kumntu onamaqhinga uzibonakalisa unobulumko.+
Ulikhaka kubo bonke abo babalekela kuye.+
31 Kuba ngubani onguThixo ngaphandle kukaYehova?+
Ngubani iliwa ngaphandle koThixo wethu?+
34 Izandla zam uziqeqeshela imfazwe;
Iingalo zam ziyakwazi ukugoba isaphetha sekopolo.
35 Undinika ikhaka lakho losindiso,+
Yaye isandla sakho sasekunene siyandixhasa,
Nokuthobeka kwakho kundenza ndibe mkhulu.+
37 Ndiza kuzileqa iintshaba zam ndide ndizifumane;
Andizukubuya zide zibe zitshayelwe.
41 Bakhalela uncedo, kodwa akukho mntu wakubasindisa;
Bade bakhale nakuYehova, kodwa akabaphenduli.
42 Ndiza kubaguba babe njengothuli olusemoyeni;
Ndiza kubalahla njengodaka olusezitratweni.
43 Uza kundisindisa ekugxekweni ngabantu.+
Uza kundibeka ndibe yintloko ezintlangeni.+
Ndiza kukhonzwa sisizwana endingasaziyo.+
46 UYehova uyaphila! Malidunyiswe iLiwa lam!+
Makaphakanyiswe uThixo ondisindisayo.+
48 Yena uyandisindisa kwiintshaba zam ezinomsindo;
Wena undiphakamisa ngaphezu kwabo bandihlaselayo;+
Uyandisindisa kwindoda eyindlobongela.