Mika
Intaba yendlu kaYehova+
Iza kuzinza ibe ngaphezu kweencopho zeentaba,
Yaye iza kuphakanyiswa ngaphezu kweenduli,
Zize izizwana zibe ngumsinga ukuya kuyo.+
2 Iintlanga ezininzi ziza kuhamba, zithi:
“Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova
Nasendlini kaThixo kaYakobi.+
Uza kusifundisa ngeendlela zakhe,
Ibe siza kuhamba ezindleleni zakhe.”
Kuba kuza kuphuma umthetho* eZiyon,
Nelizwi likaYehova eYerusalem.
3 Uza kuwisa isigwebo phakathi kwezizwana ezininzi+
Aze alungelelanise imicimbi phakathi kweentlanga ezinamandla ezikude.
Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhuba
Nemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi.+
Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele,
Zingazukuphinda zifunde ukulwa imfazwe.+
4 Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya,*+
Kungabikho mntu uboyikisayo,+
Kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.
5 Kuba zonke izizwana ziza kuhamba ngasinye egameni lothixo waso,
Kodwa thina siza kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu+ ngonaphakade kanaphakade.
6 UYehova uthi: “Ngaloo mini,
Ndiza kumqokelela lowo wayeqhwalela,
Ndimqokelele nalowo wayesasazekile,+
Kunye nabo ndabaphatha kakubi.
7 Lowo wayeqhwalela ndiza kumenza intsalela,+
Nalowo wayesiwe kude abe luhlanga olunamandla.+
UYehova uza kuba ngukumkani wabo kwiNtaba YeZiyon,
Ngoku nangonaphakade.
8 Kuwe ke, nqabandini yomhlambi,
Ndulana yentombi yaseZiyon,+
Luza kufika, ewe, luyeza ulawulo lokuqala,+
Ubukumkani bentombi yaseYerusalem.+
9 Ukhwazela ntoni ke ngoku?
Awunakumkani na wena,
Okanye utshabalele umcebisi wakho,
Ukuze ubanjwe yinimba njengomfazi obelekayo?+
10 Penapena uze uncwine ntombi yaseZiyon,
Njengomfazi obelekayo,
Kuba ngoku uza kuphuma esixekweni, uhlale endle.
Uza kufikelela naseBhabhiloni,+
Yaye apho uza kusindiswa;+
Apho uYehova uza kukuthenga ubuye esandleni seentshaba zakho.+
11 Iintlanga ezininzi ziza kudityaniswa ukuze zilwe nawe;
Ziza kuthi, ‘Mayingcoliswe,
Size sizibonele ngamehlo ethu isenzeka le nto eZiyon.’
12 Kodwa ke zona azizazi izinto ezicingwa nguYehova,
Aziyiqondi injongo yakhe,
Kuba uza kuziqokelelela kwibala lokubhula njengezithungu ezisanda kusikwa.
13 Phakama ubhule ntombi yaseZiyon,+
Kuba ndiza kuzitshintsha iimpondo zakho zibe yintsimbi,
Neempuphu zakho ndiza kuzitshintsha zibe yikopolo,
Kwaye uza kucola izizwana ezininzi.+
Ingeniso yazo yamaqhinga uza kuyinikela kuYehova,
Nobutyebi bazo kwiNkosi yokwenene yomhlaba wonke.”+