Eyesibini KaSamuweli
22 UDavide wathetha amazwi ale ngoma+ kuYehova mhla uYehova wamsindisa kwiintshaba zakhe zonke+ nakuSawule.+ 2 Wathi:
“UYehova liliwa lam, ikhusi lam+ nalowo undisindisayo.+
3 UThixo wam liliwa lam,+ endibalekela kulo.
Ulikhaka lam+ nophondo* lwam losindiso,* indawo yam ekhuselekileyo.*+
Indawo yam yokubalekela,+ umsindisi wam,+ wena undisindisa kubundlobongela.
4 Ndiyambiza uYehova, ofanelwe kukudunyiswa,
Ibe ndiza kusindiswa kwiintshaba zam.
Waliva ilizwi lam esetempileni yakhe,
Yaye ukukhalela kwam uncedo kwafika ezindlebeni zakhe.+
8 Umhlaba wagungqa, wanyikima,+
Neziseko zamazulu zangcangcazela,+
Zaqhubeka zihexa kuba wayecatshukisiwe.+
9 Kwanyuka umsi uphuma ezimpumlweni zakhe,
Kwaphuma umlilo otshabalalisayo emlonyeni wakhe,+
Kwaza kwaphuma amalahle avuthayo kuye.
10 Wawathoba amazulu njengoko wayesehla,+
Ibe kwakukho intsunguzi yobumnyama phantsi kweenyawo zakhe.+
11 Weza ebhabha ekhwele ikherubhi.+
Wabonakala esemaphikweni esidalwa somoya.*+
13 Ekukhanyeni okwakuphambi kwakhe kwakukho amalahle avuthayo.
14 Emva koko uYehova waqalisa ukududuma esezulwini,+
Oyena Uphakamileyo wabangela ilizwi lakhe laviwa.+
16 Umphantsi wolwandle wabonakala,+
Iziseko zomhlaba zatyhileka ngokukhalima kukaYehova,
Ngokufutha kwempefumlo yeempumlo zakhe.+
21 UYehova undivuza ngenxa yobulungisa bam,+
Undibuyekeza ngenxa yobumsulwa bezandla* zam.+
22 Kuba ndizigcinile iindlela zikaYehova,
Yaye andibanga ngumenzi-bubi, ndamlahla uThixo wam.
26 Uza kuthi nca kumntu okukhonza ngokungagungqiyo,+
Uza kuyiphatha ngokungenasiphoso indoda enamandla engenasiphoso;+
Ulikhaka kubo bonke abo babalekela kuye.+
32 Kuba ngubani onguThixo ngaphandle kukaYehova?+
Ngubani iliwa ngaphandle koThixo wethu?+
35 Izandla zam uziqeqeshela imfazwe,
Iingalo zam ziyakwazi ukugoba isaphetha sekopolo.
38 Ndiza kuzileqa iintshaba zam ndize ndizitshabalalise,
Andizukubuya zide zibe zitshayelwe.
40 Uza kundixhobisa ngamandla okulwa idabi,+
Uza kuzenza iintshaba zam zithi folokohlo phantsi kwam.+
43 Ndiza kubaguba babe njengothuli lomhlaba,
Ndiza kubacola, ndibanyathele njengodaka olusezitratweni.
44 Uza kundihlangula ekugxekweni ngabantu bakowethu.+
46 Abasemzini baza kuphelelwa kukuba nesibindi,*
Baza kuphuma kwiindawo zabo zokuzikhusela bengcangcazela.
47 UYehova uyaphila! Malidunyiswe iLiwa lam!+
Makaphakanyiswe uThixo oliliwa lokundisindisa.+
48 UThixo wokwenene uyandiphindezelela,+
Uyazithoba izizwana zibe ngaphantsi kwam,+
49 Yena uyandisindisa kwiintshaba zam.