Yoshuwa
2 Emva koko uYoshuwa unyana kaNun wathuma ngokufihlakeleyo amadoda amabini asuka eShitim+ ukuba ayokuhlola ilizwe. Wathi kuwo: “Hambani niyokuhlola ilizwe ngokukodwa iYeriko.” Ahamba ke ayokufika endlini kaRahabhi,+ umfazi othengisa ngomzimba, aza ahlala khona. 2 Kwathiwa kukumkani waseYeriko: “Kufike amadoda akwaSirayeli ngobu busuku ezokuhlola ilizwe.” 3 Uthe akuyiva loo nto ukumkani waseYeriko wathumela kuRahabhi umyalezo othi: “Khupha la madoda afikileyo aza ahlala endlini yakho, kuba eze kuhlola lonke ilizwe.”
4 Kodwa lo mfazi wawafihla loo madoda. Emva koko wathi: “Ewe, aye afika loo madoda kum, kodwa bendingawazi ukuba avela phi. 5 Kuthe xa kusiba mnyama, sele iza kuvalwa negeyithi yesixeko, emka. Andiwazi ukuba aye kweliphi icala, kodwa ukuba nikhawuleza niwaleqe, niza kuwafumana.” 6 (Kodwa ke, wayewase eluphahleni waza wawafihla phakathi kweendiza zeflakisi ezazibekwe zayimiqolo eluphahleni.) 7 Ngoko loo madoda awaleqa esiya ngaseYordan emazibukweni,+ yaye igeyithi yesixeko yavalwa akuba ephumile.
8 Ngaphambi kokuba la madoda alale, uRahabhi waya kuwo eluphahleni. 9 Wathi: “Ndiyazi ukuba uYehova uza kuninika eli lizwe,+ yaye sonke apha siyanoyika.+ Bonke abantu beli lizwe batyhafile ngenxa yenu,+ 10 kuba sivile ukuba uYehova womisa amanzi oLwandle Olubomvu nijongile xa naniphuma eYiputa,+ seva nendlela enabatshabalalisa ngayo ookumkani ababini bama-Amori ngaphesheya* kweYordan, uSihon+ no-Ogi.+ 11 Sathi sakuyiva loo nto soyika,* yaye ngoku akukho nomnye umntu onesibindi, kuba uYehova uThixo wenu nguThixo emazulwini phezulu nasemhlabeni phantsi.+ 12 Ngoku ke ndiyanicela ndifungeleni ngoYehova ukuba, ngenxa yokuba ndiye ndanenzela inceba, nani niza kwenzela mna nendlu katata inceba; yaye nimele nindinike uphawu endinokuluthemba. 13 Nimele nisindise utata nomama, abantakwethu noodadewethu nabo bonke abangababo, yaye nimele nisisindise ekufeni.”+
14 La madoda athi kuye: “Siza kunikela ngobomi bethu endaweni yobenu! Ukuba akuyixeli into ebesiyizele apha, siza kukwenzela inceba yaye siza kuthembeka kuwe xa uYehova esinika eli lizwe.” 15 Emva koko wawehlisa ngentambo efestileni kuba indlu yakhe yayikwicala lodonga lwesixeko. Eneneni yayiseludongeni.+ 16 Emva koko wathi kubo: “Yiyani ezintabeni, nizimele apho iintsuku ezintathu ukuze abo banileqayo banganifumani. Emva kokuba bebuyile ningaqhubeka nendlela yenu.”
17 La madoda athi kuye: “Asizukuba natyala ngesi sifungo osifungise sona+ 18 ngaphandle kokuba xa sifika kweli lizwe uza kube ubophelele le ntambo ibomvu kule festile osehlise ngayo. Umele uyokubiza utata wakho, umama wakho, abantakwenu nabo bonke abendlu katata wakho, ubabizele kule ndlu.+ 19 Emva koko nabani na ophumela phandle, igazi lakhe liza kuba phezu kwentloko yakhe yaye asizukuba natyala. Kodwa ukuba kuye kwenzakala nabani na osendlini kunye nawe, igazi lakhe liza kuba phezu kweentloko zethu. 20 Kodwa ukuba ukhe wayichaza into ebesiyizele apha,+ asizukuba natyala ngesifungo osifungise sona.” 21 Waphendula wathi: “Makwenzeke kanye njengokuba nithethile.”
Emva koko wawayeka ahamba. Wabophelela laa ntambo ibomvu efestileni. 22 Ngoko la madoda ahamba aya ezintabeni aza ahlala apho iintsuku ezintathu, de babuya abo babewaleqa. Bawakhangela kuzo zonke iindlela, kodwa abazange bawafumane. 23 La madoda mabini ehla ezintabeni aza awela umlambo aya kuYoshuwa unyana kaNun. Ambalisela ngohambo lwawo. 24 Athi kuYoshuwa: “UYehova ulinike thina lonke eli lizwe.+ Enyanisweni bonke abantu beli lizwe batyhafile ngenxa yethu.”+