Numeri
29 “‘Ngenyanga yesixhenxe ngosuku lokuqala, nifanele nibe nendibano engcwele. Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi onzima.+ Leyo yimini enimele nikhalise ngayo amaxilongo.+ 2 Nimele nenze umnikelo otshiswayo olivumba elimnandi* kuYehova ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka abe sixhenxe. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo. 3 Zimele zikhatshwe ngumnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo oxutywe neoli, inkunzi yenkomo ihambe nomgubo ozizahlulo ezithathu kwezilishumi ze-efa, inkunzi yegusha ihambe nezahlulo ezibini kwezilishumi, 4 itakane ngalinye legusha eliyinkunzi kula asixhenxe, lihambe nesahlulo esinye kwezilishumi. 5 Zimele zikhatshwe nalitakane lebhokhwe eliyinkunzi elingumnikelo wesono wokunihlawulela. 6 Ezi zinto ziza kunikelwa ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho ngenyanga, ohamba nomnikelo wokutya,+ nomnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya,+ kunye neminikelo eselwayo,+ ngendlela ehlala isenziwa ngayo, zibe livumba elimnandi,* umnikelo otshiswayo owenzelwa uYehova.
7 “‘Ngosuku lweshumi lwale nyanga yesixhenxe nimele nibe nendibano engcwele,+ nize nizixhwalekise.* Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi.+ 8 Nimele nenzele uYehova umnikelo otshiswayo ube livumba elimnandi, ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka abe sixhenxe. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 9 Yaye zimele zikhatshwe ngumnikelo wokutya ongumgubo ocoliweyo oxutywe neoli, inkunzi yenkomo ihambe nomgubo ozizahlulo ezithathu kwezilishumi, inkunzi yegusha ihambe nezahlulo ezibini kwezilishumi. 10 Itakane ngalinye legusha eliyinkunzi kula asixhenxe, limele lihambe nomgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi. 11 Zimele zikhatshwe nalitakane lebhokhwe elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo wesono wokuhlawulela+ nomnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.
12 “‘Ngosuku lwe-15 lwenyanga yesixhenxe nimele nibe nendibano engcwele. Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi onzima, yaye nimele nenzele uYehova itheko iintsuku ezisixhenxe.+ 13 Nimele nenze umnikelo otshiswayo,+ umnikelo owenziwa emlilweni, olivumba elimnandi* kuYehova, ngamathole eenkomo aziinkunzi ayi-13, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 14 Zimele zikhatshwe ngumnikelo wokutya ongumgubo oxutywe neoli, inkunzi nganye yenkomo kwezo ziyi-13 ihambe nomgubo ozizahlulo ezithathu kwezilishumi, inkunzi nganye yegusha kwezo zimbini ihambe nezahlulo ezibini kwezilishumi. 15 Itakane ngalinye legusha eliyinkunzi kula ayi-14, limele lihambe nomgubo ocoliweyo osisahlulo esinye kwezilishumi. 16 Zimele zikhatshwe nalitakane lebhokhwe elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, nomnikelo oselwayo.+
17 “‘Ngosuku lwesibini makunikelwe ngamathole enkomo aziinkunzi ayi-12, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 18 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 19 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
20 “‘Ngosuku lwesithathu makunikelwe ngeenkunzi zeenkomo eziyi-11, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 21 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 22 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
23 “‘Ngosuku lwesine makunikelwe ngeenkunzi zeenkomo ezilishumi, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 24 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 25 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
26 “‘Ngosuku lwesihlanu makunikelwe ngeenkunzi zeenkomo ezilithoba, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 27 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 28 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
29 “‘Ngosuku lwesithandathu makunikelwe ngeenkunzi zeenkomo ezisibhozo, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 30 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 31 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
32 “‘Ngosuku lwesixhenxe makunikelwe ngeenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, ngeenkunzi zeegusha ezimbini, nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka, abe yi-14. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 33 Xa kunikelwa ngeenkunzi zeenkomo, iinkunzi zeegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 34 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye neminikelo eselwayo.+
35 “‘Ngosuku lwesibhozo nimele nibe nendibano engcwele. Ze ningenzi nawuphi na umsebenzi onzima.+ 36 Nimele nenze umnikelo otshiswayo olivumba elimnandi* kuYehova ngethole lenkomo eliyinkunzi, ngenkunzi yegusha nangamatakane eegusha aziinkunzi anonyaka abe sixhenxe. Zonke zimele zibe zizilwanyana eziphilileyo.+ 37 Xa kunikelwa ngenkunzi yenkomo, inkunzi yegusha, namatakane eegusha aziinkunzi, kumele kwenziwe nomnikelo wokutya neminikelo eselwayo, ngokwenani lezo zilwanyana, ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo. 38 Kumele kunikelwe nangetakane lebhokhwe elinye elingumnikelo wesono, ukongeza kumnikelo otshiswayo owenziwa qho, ohamba nomnikelo wokutya, kunye nomnikelo oselwayo.+
39 “‘Ezi zinto nimele nizinikele kuYehova ngamaxesha amatheko enu,+ ukongeza kwiminikelo yenu yezifungo,+ iminikelo yenu yokuzithandela+ eyiminikelo etshiswayo,+ iminikelo yenu yokutya,+ iminikelo yenu eselwayo+ nemibingelelo yenu yobuhlobo.’”+ 40 UMoses wawaxelela amaSirayeli yonke into uYehova awayemyalele yona.