KumaHebhere
7 Kuba lo Melkitsedeki, ukumkani waseSalem, ongumbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo, wadibana noAbraham owayevela kubulala ookumkani, waza wamsikelela.+ 2 UAbraham wamnika isishumi sayo yonke into. Okokuqala nje, igama lakhe xa liguqulelwa lithi, “uKumkani Wobulungisa,” yaye ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi, “uKumkani Woxolo.” 3 Akaziwa utata nomama wakhe, nomlibo wakhe wokuzalwa awaziwa, yaye asaziwa nesiqalo seentsuku zakhe nokuphela kobomi bakhe, kodwa wenziwe wanjengoNyana kaThixo, ngoko uhlala engumbingeleli ngonaphakade.+
4 Lo mntu wanikwa isishumi sazo zonke izinto ezisemgangathweni ezathinjwa nguAbraham intloko-ntsapho, wayemkhulu nyhani.+ 5 Ewe kona, ngokutsho koMthetho, oonyana bakaLevi+ abenziwa ababingeleli bafumana umyalelo wokuba baqokelele izishumi ebantwini,+ kubantakwabo, nangona nabo beyinzala ka-Abraham. 6 Kodwa yena uMelkitsedeki, owayengaveli kulo mnombo, wathatha izishumi kuAbraham waza wamsikelela. Ngoko wasikelela umntu owayefumene izithembiso.+ 7 Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo. 8 AbaLevi babefumana izishumi, ibe bangabantu abafayo, kodwa yona le ndoda yayizifumana izishumi, ibe iZibhalo zithi iyaphila.+ 9 Ngoko kunokutshiwo ukuba uLevi, onikwa izishumi, uye wazibhatala izishumi ngoAbraham, 10 kuba wayeseza kuba yinzala ka-Abraham xa uAbraham wadibana noMelkitsedeki.+
11 Ngoko ukuba kwakufuneka umntu aphume kubabingeleli abangabaLevi ukuze agqibelele,+ (ngoba le nto yayikuMthetho owanikwa abantu), yintoni ke eyayibangela kufuneke kuvele omnye umbingeleli ekuthiwa unjengoMelkitsedeki,+ kungekhona njengoAron? 12 Ngoko ekubeni butshintshiwe ububingeleli, kufuneka noMthetho utshintshwe.+ 13 Kuba umntu ezithethwa ngaye ezi zinto uphuma kwesinye isizwe, isizwe ekungekho mntu kuso owakha wasebenza esibingelelweni.+ 14 Kuba icacile into yokuba iNkosi yethu iphuma kwisizwe sakwaYuda,+ kodwa uMoses zange athethe ngababingeleli abaphuma kweso sizwe.
15 Le nto itsho icace kakuhle xa kuvela omnye umbingeleli+ ofana noMelkitsedeki,+ 16 oye wangumbingeleli, hayi kuba ephuma kumnombo wabantu njengokuba umthetho wawufuna njalo, kodwa ngenxa yamandla obomi obungenakutshatyalaliswa,+ 17 kuba esinye isibhalo sithi ngaye: “Ungumbingeleli ngonaphakade njengoMelkitsedeki.”+
18 Ngoko umyalelo wangaphambili uye wabekwa ecaleni kuba awunamandla futhi awusebenzi.+ 19 Kuba ayikho into eyenziwe yagqibelela nguMthetho,+ kodwa ukubakho kwethemba+ kwenze yonke into yagqibelela. Elo themba lisenza sisondele kuThixo.+ 20 Kwakhona, uThixo wafunga xa wayemisela uYesu, 21 (kuba nyhani ke kukho abantu abaye baba ngababingeleli bengafungelwanga, kodwa yena uye wenzelwa isifungo nguLowo wathi: “UYehova* ufungile, ibe akazukujika,* wathi, ‘Ungumbingeleli ngonaphakade’”),+ 22 ngoko uYesu uye waba sisiqinisekiso sesivumelwano esibhetele.+ 23 Ngaphezu koko, ekubeni ababingeleli babesifa+ baze bangakwazi ukuqhubeka bengababingeleli, kwakufuneka kubekwe abanye emva kwabo, 24 kodwa ekubeni yena ephila ngonaphakade,+ akukho mbingeleli uya kuze angene endaweni yakhe. 25 Ngoko uyakwazi nokubasindisa ngokupheleleyo abo basondela kuThixo egameni lakhe, kuba uyakwazi ukubacengela kuba ephila ngonaphakade.+
26 Kuba bekufuneka ukuba sibe nombingeleli omkhulu onjalo, umbingeleli othembekileyo, ongenzi bubi, ongenachaphaza,+ ongafaniyo naboni, waza waphakanyiswa ngaphezu kwawo amazulu.+ 27 Yena akafani nababingeleli abakhulu, ababebingelela yonke imihla,+ besenzela izono zabo kuqala baze benzele izono zabantu,+ kuba yena wazinikela kwaba kanye.+ 28 Kuba uMthetho ubeka abantu abanesono babe ngababingeleli abakhulu,+ kodwa lona ilizwi lesifungo+ elafungwa emva koMthetho libeka uNyana, owenziwa wagqibelela+ ngonaphakade.