IiNdumiso
Dumisani uYehova emazulwini;+
Mdumiseni ezindaweni eziphakamileyo.
2 Mdumiseni nonke nina zingelosi zakhe.+
Mdumiseni nonke nina mkhosi wakhe.+
3 Mdumiseni nina langa nenyanga.
Mdumiseni nonke nina zinkwenkwezi zikhazimlayo.+
7 Dumisani uYehova emhlabeni,
Nina zilwanyana zikhulu zaselwandle, nani nonke manzi anzulu,
8 Wena mbane nawe sichotho, khephu nawe mafu,
Wena saqhwithi, ofezekisa ilizwi lakhe,+
9 Nina zintaba nani nonke zinduli,+
Nina mithi yeziqhamo nani nonke misedare,+
10 Nina zilwanyana zasendle+ nani nonke zilwanyana zasekhaya,
Nina zinto zirhubuluzayo nani zintaka,
11 Nina bokumkani bomhlaba nani nonke zintlanga,
Nina zinkosana nani nonke bagwebi bomhlaba,+
12 Nina bafana nani zintombi,*
Nina madoda nani makhwenkwe.
Isidima sakhe singaphezu komhlaba nezulu.+
14 Uza kubenza babe namandla kakhulu* abantu bakhe,
Ukuze badunyiswe bonke abathembekileyo kuye,
Oonyana bakaSirayeli, isizwe asithandayo.
Dumisani uYa!*