Hezekile
33 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, thetha noonyana babantu bakowenu,+ uthi kubo,
“‘Masithi ndizisa ikrele elizweni,+ baze bonke abantu belo lizwe bathathe indoda bayenze unogada wabo, 3 ize ilibone ikrele lisiza kwelo lizwe, ivuthele uphondo ilumkisa abantu.+ 4 Ukuba umntu uyasiva isandi sophondo kodwa angasihoyi isilumkiso,+ lifike ikrele limbulale,* igazi lakhe liza kuba phezu kwentloko yakhe.+ 5 Usivile isandi sophondo, kodwa akasihoya isilumkiso. Igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe. Ukuba ebesihoyile isilumkiso, ngebusindisile ubomi bakhe.*
6 “‘Kodwa ukuba unogada uyalibona ikrele lisiza aze angaluvutheli uphondo,+ nabantu bangasifumani isilumkiso, lifike ikrele libulale omnye wabo, loo mntu uza kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa igazi lakhe ndiza kulifuna kunogada.’*+
7 “Wena ke, nyana womntu, ndikwenze unogada kwindlu kaSirayeli; yaye xa usiva ilizwi eliphuma emlonyeni wam, uze ubanike isilumkiso esivela kum.+ 8 Xa ndisithi kumenzi-bubi, ‘Wena menzi-bubi, ngokuqinisekileyo uza kufa!’+ kodwa usuke wena ungamlumkisi umenzi-bubi ukuze atshintshe iindlela zakhe, uza kufa yena ngenxa yesono sakhe,+ kodwa igazi lakhe ndiza kulifuna kuwe. 9 Kodwa ukuba uyamlumkisa umenzi-bubi ukuba atshintshe iindlela zakhe, aze yena angavumi, uza kufa yena ngenxa yesono sakhe,+ kodwa wena ngokuqinisekileyo uza kube ubusindisile ubomi bakho.*+
10 “Wena ke nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, ‘Nithe: “Ukungathobeli nezono zethu ziyasisinda, ziyasibolisa;+ siza kuhlala njani ke siphila?”’+ 11 Yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova, “Ndiphila nje, akundivuyisi ukufa komenzi-bubi,+ kodwa ndifuna atshintshe iindlela zakhe+ aze aqhubeke ephila.+ Guqukani, guqukani kwiindlela zenu,+ kuba kunyanzelekile na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?”’+
12 “Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, ‘Ubulungisa belungisa abuzukulisindisa xa lijika lingathobeli;+ nobubi bomenzi-bubi abuzukumkhubekisa xa eguquka ebubini bakhe;+ nomntu olilungisa akazukuhlala ephila ngenxa yobulungisa bakhe ngemini yokona kwakhe.+ 13 Xa ndisithi kumntu olilungisa: “Ngokuqinisekileyo uza kuhlala uphila,” aze yena athembele ngobulungisa bakhe, enze izinto ezimbi,*+ akukho nasinye kwizenzo zakhe zobulungisa esiza kukhunjulwa, kodwa uza kufa ngenxa yobubi abenzileyo.+
14 “‘Xa ndisithi kumenzi-bubi: “Ngokuqinisekileyo uza kufa,” aze aguquke esonweni sakhe, enze okusesikweni* nobulungisa,+ 15 abuyise izinto azithathe njengesibambiso,+ ahlawulele nezinto azoxuthileyo,+ aze athobele imithetho yobomi ngokungenzi into engalunganga, ngokuqinisekileyo uza kuhlala ephila.+ Akazukufa. 16 Akukho nasinye kwizono azenzileyo aza kuphenduliswa ngaso.*+ Ngenxa yokwenza kwakhe okusesikweni* nobulungisa, ngokuqinisekileyo uza kuhlala ephila.’+
17 “Abantu bakowenu bathe, ‘UYehova akenzi ngobulungisa,’ kodwa ngabo abangenzi ngobulungisa.
18 “Xa umntu olilungisa ebushiya ubulungisa bakhe aze enze into engalunganga, umele afe ngenxa yaloo nto.+ 19 Kodwa xa umenzi-bubi ezishiya izono azenzileyo aze enze okusesikweni* nobulungisa, uza kuhlala ephila ngenxa yokwenza loo nto.+
20 “Kodwa nina nithe, ‘UYehova akenzi ngobulungisa.’+ Ndiza kugweba ngamnye wenu ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli.”
21 Ethubeni ngonyaka we-12, ngenyanga yeshumi, ngomhla wesihlanu kuloo nyanga yokuthinjwa kwethu, kwafika kum indoda eyayiqhweshe eYerusalem,+ yathi: “Isixeko sixatyelwe!”+
22 Kwathi ke ngengokuhlwa engaphambi kokufika kwaloo ndoda iqhweshileyo, isandla sikaYehova saba phezu kwam, wawuvula umlomo wam ngaphambi kokuba loo ndoda ifike kum kusasa. Wavuleka ke umlomo wam, ndaphinda ndakwazi ukuthetha.+
23 Laza ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi: 24 “Nyana womntu, abemi bala mabhodlo+ bathi ngelizwe lakwaSirayeli, ‘UAbraham wayemnye kuphela, kodwa walinikwa ilizwe laba lilifa lakhe.+ Thina sibaninzi; ngokuqinisekileyo eli lizwe linikwe thina ukuba libe lilifa lethu.’
25 “Ngoko ke yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nitya ukutya okunegazi,+ namehlo enu niwaphakamisela izithixo ezenyanyekayo,* yaye niqhubeka nichitha igazi.+ Kutheni ke ngoku limele libe lilifa lenu eli lizwe? 26 Niye nathembela ngekrele lenu,+ nenza izinto ezenyanyekayo, ibe ngamnye wenu uye wangcolisa umfazi wommelwane wakhe.+ Kutheni ke ngoku limele libe lilifa lenu eli lizwe?”’+
27 “Uze uthi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiphila nje, abo bahlala kwiindawo ezingamabhodlo baza kuwa ngekrele; abo basesigangeni ndiza kubenza babe kukutya kwamarhamncwa; nabo bakwiindawo ezikhuselekileyo nasemiqolombeni baza kubulawa sisifo.+ 28 Ndiza kulenza libe yindawo engahoywanga nengahlali bantu eli lizwe,+ ndiliphelise ikratshi lalo, zitshatyalaliswe neentaba zakwaSirayeli,+ kungabikho mntu udlulayo kuzo. 29 Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndilenza libe yindawo engahoywanga nengahlali bantu+ eli lizwe ngenxa yazo zonke izinto ezenyanyekayo abazenzileyo.”’+
30 “Wena ke, nyana womntu, abantu bakowenu bathetha ngawe ngasezindongeni nakwiminyango yezindlu.+ Bathi kubantakwabo, ‘Yizani, sive ukuba lithini na ilizwi elivela kuYehova.’ 31 Baza kungena bahlale phambi kwakho njengabantu bam; yaye baza kuweva amazwi akho, kodwa abazukuwenza.+ Baza kukuncoma ngemilomo yabo, kodwa intliziyo yabo inyolukele inzuzo yokunganyaniseki. 32 Jonga! Kubo unjengengoma yothando, eculwa ngelizwi elimnandi nedlalwa ngobuchule ngomrhubhe. Baza kuweva amazwi akho, kodwa akukho namnye oza kuwenza. 33 Xa zisenzeka ezi zinto, ibe ziza kwenzeka, baza kutsho bazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.”+