KwabaseRoma
10 Bazalwana, umnqweno osentliziyweni yam nento endiyicelela amaSirayeli kuThixo, kukuba asindiswe.+ 2 Kuba ndiyavuma ukuba amkhonza ngokuzimisela uThixo,+ kodwa loo nto awayenzi enolwazi oluchanileyo. 3 Kaloku ekubeni engayazi ukuba yintoni eyenza uThixo athi umntu lilungisa,+ aye azama ukuba ngamalungisa ngeendlela zawo,+ ngoko khange azenze izinto uThixo afuna abantu bazenze ukuze babe ngamalungisa.+ 4 Kuba uMthetho wayeka ukusebenza xa uKristu wafayo,+ ukuze wonke umntu onokholo abe lilungisa.+
5 Nantsi into awayibhalayo uMoses ngobulungisa obufunyanwa ngoMthetho: “Umntu ozenzayo zonke ezi zinto uza kuphila ngenxa yazo.”+ 6 Kodwa iSibhalo sithi ngobulungisa obufunyanwa ngenxa yokholo: “Sukuthi entliziyweni yakho,+ ‘Ngubani oza kunyuka aye ezulwini?’+ oko kukuthi, ukuze ahlise uKristu, 7 okanye uthi, ‘Ngubani oza kwehla aye kumngxuma ongenasiphelo?’*+ oko kukuthi, ukuze abuyise uKristu ekufeni.” 8 Kodwa yintoni enye esiyithethayo? “Ilizwi likufutshane kuni, lisemilonyeni yenu nasezintliziyweni zenu”;+ elo ke “lilizwi” lokholo esilishumayelayo. 9 Kuba ukuba uyavuma phambi kwabantu ukuba uYesu yiNkosi,+ uze ube nokholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa ekufeni, uza kusindiswa. 10 Kuba umntu uba nokholo entliziyweni ukuze abe lilungisa, kodwa ukuze asindiswe kufuneka ashumayele.+
11 Kaloku isibhalo sithi: “Akukho mntu ukholwayo kuye oza kuphoxeka.”+ 12 Kuba akukho mahluko phakathi komYuda nomGrike.+ Bonke balawulwa yiNkosi enye, ebenzela ububele* bonke abo bathembela kuyo. 13 Kuba “wonke umntu othembela egameni likaYehova* uza kusindiswa.”+ 14 Kodwa ke, baza kuthembela njani kuye ukuba abakholwa kuye? Baza kukholwa njani kuye kungekho nto bayivileyo ngaye? Baza kuva njani kungekho mntu ushumayelayo? 15 Bona ke baza kushumayela njani bengathunywanga?+ Kunjengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Zintle nyhani iinyawo zabantu abashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezintle!”+
16 Kodwa ke, abakhange bazithobele bonke iindaba ezilungileyo. Kuba uIsaya uthi: “Yehova,* ngubani oye wazikholelwa izinto esizithethayo?”+ 17 Ngoko umntu uba nokholo emva kokuba evile.+ Loo nto iviweyo isuka kwilizwi elingoKristu. 18 Kodwa ke abazange bangeva, andithi? Kaloku “baviwa emhlabeni wonke, yaye umyalezo wabo wafika kwezona ndawo zikude emhlabeni.”+ 19 Kodwa uSirayeli akazange angaqondi, andithi?+ Kuqala uMoses wathi: “Ndiza kunenza nibe nekhwele ngabantu abangengomaSirayeli; ndiza kunenza nibe nomsindo ngenxa yohlanga olungasebenzisi ngqondo.”+ 20 Kodwa uIsaya waba nesibindi, wathi: “Ndafunyanwa ngabantu ababengandikhangeli;+ ndaziwa ngabantu ababengabuzi ngam.”+ 21 Kodwa wathi ngoSirayeli: “Imini yonke izandla zam ndizolulele abantu abangathobeliyo nabanenkani.”+