118 Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+
Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.
2 USirayeli makathi:
“Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”
3 Abendlu ka-Aron mabathi:
“Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”
4 Abo boyika uYehova mabathi:
“Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”
5 Ndambiza uYa xa ndandisentlungwini;
UYa wandiphendula waza wandizisa kwindawo ekhuselekileyo.+
6 UYehova usecaleni lam; andizukoyika.+
Angandenza ntoni umntu?+
7 UYehova usecaleni lam njengomncedi wam,+
Ndiza kubabukela besiwa abo bandicaphukelayo.+
8 Kubhetele ukubalekela kuYehova
Kunokuthembela ebantwini.+
9 Kubhetele ukubalekela kuYehova
Kunokuthembela kwiinkosana.+
10 Ndandirhangqwe zizo zonke iintlanga,
Kodwa ndazidudula+
Egameni likaYehova.
11 Zandirhangqa, zandirhangqa ngokupheleleyo,
Kodwa ndazidudula
Egameni likaYehova.
12 Zandirhangqa okweenyosi,
Kodwa zacinywa msinya oku komlilo wameva.
Ndazidudula+
Egameni likaYehova.
13 Zandityhala ngamandla zifuna ukundiwisa,
Kodwa uYehova wandinceda.
14 UYa likhusi namandla am,
Uye waba lusindiso lwam.+
15 Kutsho intsholo yoloyiso
Ezintenteni zamalungisa.
Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla aso.+
16 Isandla sasekunene sikaYehova siphakamile;
Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla aso.+
17 Andizukufa, ndiza kuphila,
Ukuze ndivakalise imisebenzi kaYa.+
18 UYa wandiqeqesha ngokuqatha,+
Kodwa akazange andinikele ekufeni.+
19 Ndivuleleni iigeyithi zobulungisa;+
Ndiza kungena kuzo ndidumise uYa.
20 Le yigeyithi kaYehova.
Amalungisa aza kungena ngayo.+
21 Ndiza kukudumisa, kuba undiphendule+
Waza walusindiso lwam.
22 Ilitye elalingafunwa ngabakhi
Liye laba lilitye lekona eliyintloko.+
23 Le nto yenziwe nguYehova;+
Iyamangalisa kuthi.+
24 Le yimini eyenziwe nguYehova;
Siza kuyonwabela, kube mnandi.
25 Sicela usisindise Yehova!
Owu yhini Yehova, sincede soyise, siyakucela!
26 Usikelelekile lowo uza egameni likaYehova;+
Thina basendlini kaYehova sithi sikelelekani.
27 UYehova nguThixo;
Usinika ukukhanya.+
Yizani emathekweni niphethe amasebe,+
Niye kutsho ezimpondweni zesibingelelo.+
28 Wena unguThixo wam, ndiza kukudumisa;
Thixo wam, ndiza kukuphakamisa.+
29 Bulelani kuYehova,+ kuba ulungile;
Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+