UYehova—Umzekelo Obalaseleyo Wokulunga
“Bongani uYehova wemikhosi, kuba uYehova ulungile!”—YEREMIYA 33:11.
1. Kutheni sishukunyiselwa ukuba sidumise uThixo ngenxa yokulunga kwakhe?
YEHOVA UTHIXO ulungile ngendlela egqibeleleyo. Umprofeti uZekariya wadanduluka wathi: “Hayi indlela okukhulu ngayo ukulunga kwakhe!” (Zekariya 9:17) Eneneni, ukulunga kubonakala kuyo yonke into eyenziwa nguThixo xa wayelungisa umhlaba ukuze sikunandiphe ukuhlala kuwo. (Genesis 1:31) Asisoze sikwazi ukubuqonda bonke ubugocigoci obasetyenziswa nguThixo ekudaleni kwakhe indalo iphela. (INtshumayeli 3:11; 8:17) Kodwa oko kuncinane sikwaziyo kusishukumisela ukuba simdumise uThixo ngokulunga kwakhe.
2. Ubunokukuchaza njani ukulunga?
2 Yintoni ukulunga? Kukuziphatha kakuhle ngendlela ebalaseleyo okanye ngesidima. Ukanti, akuthethi nje ukungabikho kwabo bonke ububi. Ukulunga, okuyinxalenye yesiqhamo somoya, luphawu olubonakalayo. (Galati 5:22, 23) Sibonakalisa ukulunga xa sisenza izinto ezintle neziyingenelo kwabanye. Kule nkqubo yezinto, into egqalwa njengelungileyo ngabanye abantu isenokugqalwa njengento embi ngabanye. Noko ke, ukuze sinandiphe uxolo nolonwabo, kumele kubekho umlinganiselo omnye wokulunga. Ngubani okufanelekeleyo ukumisela loo mlinganiselo?
3. IGenesis 2:16, 17 ibonisa ntoni ngomlinganiselo wokulunga?
3 UThixo umisela umlinganiselo wokulunga. Ukususela ekuqaleni kwembali yabantu, nguYehova owayalela umntu wokuqala wathi: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Ewe, abantu kufuneka bakhangele kuMdali wabo ukuze bazi okulungileyo nokubi.
Ukubonakaliswa Kokulunga Okungasifanelanga
4. Yintoni uThixo ayenzele uluntu ukususela ekoneni kuka-Adam?
4 Ithemba loluntu lokonwaba ngonaphakade emfezekweni lasongelwa xa uAdam wonayo waza akavuma ukuthobela ilungelo likaThixo lokumisela imilinganiselo yokulunga. (Genesis 3:1-6) Noko ke, ngaphambi kokuba abantwana baka-Adam bazalelwe esonweni nasekufeni, uThixo waxela kwangaphambili ngokuza kweMbewu efezekileyo. Eneneni, ethetha ‘nenyoka yantlandlolo,’ uSathana uMtyholi, uYehova wathi: “Ndiya kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe. Yona iya kukutyumza intloko uze wena uyityumze isithende.” (ISityhilelo 12:9; Genesis 3:15) Kwakuyinjongo kaYehova ukukhulula uluntu olunesono. Ebonakalisa ukulunga okungasifanelanga, uYehova ngokwenene uye wenza elo lungiselelo lokuba kusindiswe abo babonakalisa ukholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe amthandayo.—Mateyu 20:28; Roma 5:8, 12.
5. Nangona siye sazuz’ ilifa intliziyo etyekele ebubini, kutheni sinako ukubonakalisa ukulunga ukusa kumlinganiselo othile?
5 Kakade ke, ngenxa yesono sika-Adam siye sazuz’ ilifa intliziyo etyekele ebubini. (Genesis 8:21) Noko ke, okuvuyisayo kukuba, uYehova uyasinceda sibonakalise ukulunga ukusa kumlinganiselo othile. Ukuma kwizinto esizifunde kwimibhalo yakhe engcwele nexabisekileyo akwaneli nje ‘ukusinika ubulumko obusa elusindisweni’ kuze kusenze ‘siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo,’ kodwa kusinceda sikwazi ukwenza okulungileyo emehlweni akhe. (2 Timoti 3:14-17) Noko ke, ukuze singenelwe kwimfundiso yeZibhalo size sibonakalise ukulunga, simele sibe nesimo sengqondo somdumisi owavuma ingoma esithi: “Ulungile [Yehova] yaye wenza okulungileyo. Ndifundise imiyalelo yakho.”—INdumiso 119:68.
Ukunconywa Kokulunga KukaYehova
6. Yayinamazwi athini ingoma eyavunywa ngabaLevi emva kokuba uKumkani uDavide eyalele ukuba kuziswe ityeya yomnqophiso eYerusalem?
6 UKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo wakuphawula ukulunga kukaThixo waza wafuna ukhokelo Lwakhe. UDavide wathi: “Ulungile yaye uthe tye uYehova. Kungenxa yoko eyalela aboni endleleni.” (INdumiso 25:8) Ulwalathiso oluvela kuThixo olwanikwa amaSirayeli lwaluquka imiyalelo elishumi ebalulekileyo—iMithetho Elishumi—eyayibhalwe kumacwecwe amabini amatye aza abekwa kumkhumbi ongcwele owawubizwa ngokuba yityeya yomnqophiso. Emva kokuba uDavide eyalele ukuba kuziswe iTyeya kwisixeko sakwaSirayeli esilikomkhulu, iYerusalem, abaLevi bavuma ingoma eyayinamazwi athi: “Bulelani kuYehova, kuba ulungile, kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.” (1 Kronike 16:34, 37-41) Hayi indlela ekumele ukuba kwakumnandi ngayo ukuva loo mazwi ephuma kwiimvumi ezingabaLevi!
7. Yintoni eyenzekayo emva kokuba iTyeya iziswe kweYona Ngcwele nasemva komthandazo kaSolomon wonikezelo?
7 Amazwi afanayo agxininiswa xa kwakunikezelwa itempile kaYehova eyayakhiwe ngunyana kaDavide, uSolomon. Emva kokuba ityeya yomnqophiso ibekwe kweYona Ngcwele kwitempile eyayisandul’ ukwakhiwa, abaLevi baqalisa ukudumisa uYehova, “kuba ulungile, kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.” Ngeso sihlandlo, ngokungummangaliso itempile yazaliswa lilifu elalifanekisela ubuqaqawuli bukaYehova. (2 Kronike 5:13, 14) Emva kokuba uSolomon enze umthandazo wonikezelo, “kwehla umlilo uvela emazulwini waza wadla umnikelo otshiswayo nemibingelelo.” Bathi bakubona oku, “bonke oonyana bakaSirayeli . . . ngokukhawuleza bathoba babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kwendlela egangathiweyo baza baqubuda babulela uYehova, ‘kuba elungile, kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.’” (2 Kronike 7:1-3) Emva komthendeleko owathabatha iintsuku ezili-14, amaSirayeli abuyela emakhaya ‘evuya yaye echwayitile ezintliziyweni ngako konke ukulunga awayekwenzile uYehova kuDavide nakuSolomon nakumaSirayeli abantu bakhe.’—2 Kronike 7:10.
8, 9. (a) Nangona amaSirayeli ayedumisa uYehova ngenxa yokulunga kwakhe, liliphi ikhondo awalithabathayo ekugqibeleni? (b) Yintoni eyaxelwa kwangaphambili nguYeremiya ngokuphathelele iYerusalem, yaye sazaliseka njani eso siprofeto?
8 Okubuhlungu kukuba, amaSirayeli akazange aqhubeke ephila ngokuvisisana nezo ngoma zokudumisa uThixo awayezivuma. Ekuhambeni kwexesha, abantu bakwaYuda ‘bazukisa uYehova nje ngemilebe yabo.’ (Isaya 29:13) Kunokuba benze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yokulunga, baqalisa ukwenza okubi. Yaye babubandakanya ntoni obo bubi babo? Kaloku, babenqula izithixo, beziphethe kakubi, becinezela amahlwempu besenza nezinye izono ezinzulu! Ngenxa yoko, iYerusalem yatshatyalaliswa yaye abemi bakwaYuda bathinjelwa eBhabhiloni ngowama-607 B.C.E.
9 Ngaloo ndlela, uThixo wabohlwaya abantu bakhe. Noko ke, esebenzisa umprofeti uYeremiya, waxela kwangaphambili ukuba eYerusalem kwakusaza kuvakala ilizwi elithi: “Bongani uYehova wemikhosi, kuba uYehova ulungile; kuba ububele bothando bobakhe ukusa kwixesha elingenammiselo!” (Yeremiya 33:10, 11) Yaye kwaba njalo. Emva kweminyaka engama-70 yokuphanziswa kwelizwe, ngowama-537 B.C.E., intsalela yamaYuda yabuyela eYerusalem. (Yeremiya 25:11; Daniyeli 9:1, 2) Yaphinda yakha kwakhona isibingelelo kwindawo eyayinetempile kwiNtaba yaseMoriya yaza yaqalisa ukunikela imibingelelo apho. Kunyaka wesibini emva kokuba ibuyile, kwabekwa isiseko setempile. Hayi indlela elalibangel’ imincili ngayo elo xesha! UEzra wathi: “Xa abakhi babeka isiseko setempile kaYehova, ababingeleli bekwizinxibo zasemthethweni, benamaxilongo, nabaLevi oonyana baka-Asafu, benamacangci, bema ukuze badumise uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Yaye basabela ngokudumisa nokubulela kuYehova, ‘kuba ulungile, kuba ububele bakhe bothando kuSirayeli bobexesha elingenammiselo.’”—Ezra 3:1-11.
10. Liliphi ibinzana elibalulekileyo eqalisa ize iqukunjelwe ngalo INdumiso 118?
10 Ibinzana elifanayo lokuncoma ukulunga kukaYehova libonakala kwiindumiso eziliqela. Enye yazo yiNdumiso 118, eyavunywa ziintsapho zamaSirayeli xa zaziqukumbela umbhiyozo wePasika. Le ndumiso iqala ize iphele ngala mazwi: “Bulelani kuYehova, kuba ulungile; kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.” (INdumiso 118:1, 29) Kusenokwenzeka ukuba la ngamazwi okugqibela endumiso awavunywa nguYesu Kristu nabapostile bakhe abathembekileyo ngobusuku obungaphambi kokufa kwakhe ngowama-33 C.E.—Mateyu 26:30.
“Khawuncede, Undibonise Ubuqaqawuli Bakho”
11, 12. Xa uMoses wathi tshe uzuko lukaThixo, ngawaphi amazwi awawevayo?
11 Ukulunga kukaYehova kwaqala ukunxulunyaniswa nobubele bakhe bothando kwiinkulungwane ngaphambi kwexesha likaEzra. Kungekudala nje emva kokuba amaSirayeli eye anqula ithole legolide entlango baza abo benzi bobubi bohlwaywa, uMoses wabongoza uYehova esithi: “Khawuncede, undibonise ubuqaqawuli bakho.” Eqonda ukuba uMoses akanakubona ubuso Bakhe aze aphile, uYehova wathi: “Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam phambi kobuso bakho.”—Eksodus 33:13-20.
12 Ukulunga kukaYehova kwadlula phambi kobuso bukaMoses ngosuku olulandelayo kwiNtaba yeSinayi. Ngelo xesha, uMoses wathi tshe uzuko lukaThixo waza weva la mazwi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono, ongakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo, osivelelayo isiphoso sooyise koonyana nakubazukulwana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.” (Eksodus 34:6, 7) La mazwi abonisa ukuba ukulunga kukaYehova kunxulumene nobubele bakhe bothando nezinye iinkalo zobuntu bakhe. Ukuzihlolisisa kuya kusinceda sibonakalise ukulunga. Okokuqala masihlolisise uphawu olukhankanywe kabini kula mazwi amangalisayo achaza ukulunga kukaThixo.
“UThixo . . . Onobubele Bothando Obuninzi”
13. Xa kuthethwa ngokulunga kukaThixo, luluphi uphawu olukhankanywe kabini yaye kutheni oku kufanelekile nje?
13 “UYehova uThixo . . . onobubele bothando obuninzi . . . , ogcinela amawaka ububele bothando.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ububele bothando’ likwathetha “uthando olunyanisekileyo.” Kuphela kophawu oluchazwe kabini kumazwi awathethwa nguThixo kuMoses. Hayi indlela ekufaneleke ngayo oko, ekubeni uphawu olubalaseleyo lukaYehova iluthando! (1 Yohane 4:8) Ibinzana elaziwa ngokubanzi lokuncoma uYehova elithi “kuba ulungile; kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo” libalaselisa olu phawu.
14. Ngoobani ngokukhethekileyo abanandipha ukulunga kukaThixo nobubele bakhe obunothando?
14 Enye indlela okubonakala ngayo ukulunga kukaYehova kukuba ‘unobubele bothando obuninzi.’ Oku kubonakala ngakumbi kwinyameko ayinikelayo kubakhonzi bakhe abangabantu abazahluleleyo nabathembekileyo. (1 Petros 5:6, 7) Njengoko amaNgqina kaYehova enokunikel’ ubungqina ngokuphathelele oku, ‘ubenzela ububele bothando’ abo bamthandayo nabamkhonzayo. (Eksodus 20:6) Uhlanga lukaSirayeli wemvelo lwayeka ukuzuza ububele bothando bukaYehova, okanye uthando lwakhe olunyanisekileyo, ngenxa yokuba lwamgatya uNyana wakhe. Kodwa uThixo uya kuhlala ebonakalisa ukulunga nothando lwakhe olunyanisekileyo kumaKristu athembekileyo azo zonke iintlanga, ngonaphakade.—Yohane 3:36.
UYehova—Onenceba Nobabalo
15. (a) Lithini ibinzana aqalisa ngalo amazwi aviwa nguMoses kwiNtaba yeSinayi? (b) Ibandakanya ntoni inceba?
15 Amazwi aviwa nguMoses kwiNtaba yeSinayi aqalisa ngeli binzana: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo.” Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘inceba’ linokubhekisela “emathunjini” yaye linxulumene ngokusondeleyo negama elithi “isibeleko.” Ngoko ke, inceba ibandakanya imvakalelo yemfesane anayo umntu ngaphakathi. Kodwa ukuba nenceba kuquka okungakumbi kunokuba nosizi ngokunyanisekileyo. Ifanele isishukumisele ukuba senze okuthile ukuze sikhulule abanye ekubandezelekeni. Ngokomzekelo, abadala abangamaKristu abanothando bayabona xa kukho imfuneko yokubonakalisa inceba kwamanye amakholwa, ‘babonakalisa inceba bechwayitile’ xa kufanelekile.—Roma 12:8; Yakobi 2:13; Yude 22, 23.
16. Kutheni kunokuthiwa uYehova unobabalo?
16 Ukulunga kukaThixo kukwabonakaliswa nangokuba nobabalo kwakhe. Umntu onobabalo “ubonakala ngokuba nolwazelelelo ngeemvakalelo zabanye” yaye ubonakalisa ‘ububele ngokukodwa kwabo baphantsi.’ UYehova ngowona mzekelo mhle ekubonakaliseni ubabalo kwindlela abaphatha ngayo abakhonzi bakhe abathembekileyo. Ngokomzekelo, esebenzisa iingelosi zakhe, uThixo womeleza umprofeti uDaniyeli owayaluphele yaye wazisa intombi enyulu enguMariya ngelungelo eyayiza kuba nalo ngokuzala uYesu. (Daniyeli 10:19; Luka 1:26-38) Njengabantu bakaYehova, ngokuqinisekileyo sinoxabiso ngobabalo alubonakalisa kuthi esebenzisa iBhayibhile. Siyamdumisa ngokubonakalisa kwakhe ukulunga yaye sifuna ukubonakalisa ubabalo kwindlela esibaphatha ngayo abanye. Xa abo baneemfaneleko zokomoya belungisa elinye ikholwa “ngomoya wobulali,” bazama ukulithantamisa nokubonakalisa ubabalo.—Galati 6:1.
UThixo Ozeka Kade Umsindo
17. Kutheni sinombulelo kuba uYehova ‘ezeka kade umsindo’?
17 “UThixo . . . ozeka kade umsindo.” Loo mazwi abethelela enye indlela uYehova abonakalisa ngayo ukulunga kwakhe. UYehova uzinyamezela ngomonde iintsilelo zethu yaye usinika ithuba lokoyisa ubuthathaka obunzulu esinabo size senze inkqubela ngokomoya. (Hebhere 5:12–6:3; Yakobi 5:14, 15) Umonde kaThixo uyingenelo nakwabo bangekabi ngabanquli bakhe. Basenalo ixesha lokusabela kwisigidimi soBukumkani baze baguquke. (Roma 2:4) Noko ke, nangona uYehova enomonde, maxa wambi ukulunga kwakhe kumshukumisela ukuba abe nomsindo, njengoko wenzayo xa amaSirayeli ayenqula ithole legolide kwiNtaba yeSinayi. Kungekudala, uThixo uya kubonakalisa umsindo wakhe ngomkhamo omkhudlwana xa ephelisa le nkqubo ingendawo kaSathana.—Hezekile 38:19, 21-23.
18. Ngokuphathelele inyaniso, nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kukaYehova neenkokeli ezingabantu?
18 ‘UYehova nguThixo onenyaniso eninzi.’ UYehova wahluke kakhulu kwiinkokeli ezingabantu, ezithembisa abantu izulu nomhlaba zize zingakwazi ukuziphumeza ezo zithembiso! Ngokwahlukileyo koko, abanquli bakaYehova banokuthembela kuyo yonke into ethethwa liLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Ekubeni uThixo enenyaniso eninzi, izithembiso zakhe sinokuzithemba ngalo lonke ixesha. Ngenxa yokulunga kwakhe, uBawo wethu osezulwini uyasiphendula xa sithandazela inyaniso yokomoya ngokusinika yona ibe ninzi.—INdumiso 43:3; 65:2.
19. Yiyiphi indlela ebalaseleyo aye uYehova wabonakalisa ngayo ukulunga kuboni abaguqukayo?
19 “UYehova [nguThixo] oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.” Ngenxa yokulunga kwakhe, uYehova ukulungele ukuxolela aboni abaguqukayo. Ngokuqinisekileyo, sinombulelo kuba uBawo wethu wasezulwini onothando uye wenza ilungiselelo lokusixolela ngedini likaYesu. (1 Yohane 2:1, 2) Eneneni, siyavuya kuba bonke abo babonakalisa ukholo kwintlawulelo bayakwazi ukuba nolwalamano oluhle noYehova, benethemba lokuphila ubomi obungenasiphelo kwihlabathi lakhe elitsha alithembisileyo. Ezinjani zona izizathu esinazo zokudumisa uYehova ngokubonakalisa ukulunga eluntwini!—2 Petros 3:13.
20. Bubuphi ubungqina esinabo bokuba uThixo akabubethi ngoyaba ububi?
20 ‘UYehova akamenzi msulwa ofanelwe sisohlwayo.’ Eneneni, esi sesinye sezizathu zokuba simdumise uYehova ngenxa yokulunga kwakhe. Ngoba? Ngenxa yokuba enye inkalo ebalulekileyo yokulunga kukuba akububethi ngoyaba ububi nangayiphi na indlela. Ngaphezu koko, “ekutyhilekeni kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla,” iya kuzisa impindezelo ‘kwabo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo.’ “Baya kuva isohlwayo sesigwebo sentshabalalo engunaphakade.” (2 Tesalonika 1:6-9) Baya kwandula ke abanquli bakaYehova abaseleyo banandiphe ubomi ngokuzeleyo bengaphazanyiswa ngabantu abangahlonel’ uThixo, “abangathandi kulunga.”—2 Timoti 3:1-3.
Xelisa Ukulunga KukaYehova
21. Kutheni sifanele sibonakalise ukulunga?
21 Ngokungathandabuzekiyo, sinezizathu ezininzi zokudumisa nokubulela uYehova ngenxa yokulunga kwakhe. Njengabakhonzi bakhe, ngaba asifanele senze konke okusemandleni ukuze sibonakalise olu phawu? Ewe, kuba umpostile uPawulos wabongoza amanye amaKristu esithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efese 5:1) UBawo wethu osezulwini uqhubeka ebonakalisa ukulunga, yaye nathi sifanele senjenjalo.
22. Yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
22 Ukuba sizinikele kuYehova ngentliziyo epheleleyo, ngokungathandabuzekiyo sinomnqweno onzulu wokuxelisa ukulunga kwakhe. Ngenxa yokuba siyinzala ka-Adam onesono, akulula ukuba senze okulungileyo. Noko ke, kwinqaku elilandelayo, siya kubona isizathu sokuba sinokukwazi ukubonakalisa ukulunga. Siya kuqwalasela neendlela ezahlukahlukeneyo esinokumxelisa ngazo uYehova—umzekelo obalaseleyo wokulunga.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Yintoni ukulunga?
• Ngawaphi amazwi aseZibhalweni abalaselisa ukulunga kukaThixo?
• Ziziphi ezinye iindlela uYehova abonakalisa ngazo ukulunga?
• Kutheni sifanele sixelise umzekelo kaYehova wokulunga?
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UYehova wabohlwaya abantu bakhe bamandulo ngenxa yokuba abazange baphile ngokuvisisana namazwi abo eendumiso
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Intsalela ethembekileyo yabuyela eYerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UMoses weva amazwi abalaseleyo okuncoma ukulunga kukaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ukulunga kukaYehova kubonwa ngendlela abonakalisa ngayo ubabalo kuthi esebenzisa iBhayibhile