IiNdumiso
Kumalathisi. EkaDavide. Ingoma emnandi.
40 Ndathembela ngoYehova ngentliziyo yam yonke,
Waza wagoba ukuze andimamele,* wakuva ukukhalela kwam uncedo.+
2 Wandinyusa wandikhupha emngxunyeni ogqumayo,
Emgxobhozweni wodaka,
Waza iinyawo zam wazimisa phezu kwelitye elikhulu;
Wazenza zema ngxi.
Abaninzi baza kuyibona loo nto, boyike
Baze bathembele ngoYehova.
4 Wonwabile umntu othembela ngoYehova
Nongajongi kwabo badelelayo, nakwabo bangamaxoki.
5 Zininzi izinto ozenzileyo,
Owu Yehova Thixo wam,
Kwanemisebenzi yakho emangalisayo nezinto ozicingayo ngathi.+
Akukho mntu unokuthelekiswa nawe;+
Ukuba bendinokuzama ukuthetha ngemisebenzi yakho,
Bendingenakukwazi nokuyibala ngenxa yokuba mininzi!+
Awucelanga minikelo itshiswayo naminikelo yesono.+
7 Ngoko ndathi: “Ndizile.
9 Ndivakalisa iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu.+
Jonga! Andiyinqandi imilebe yam,+
Njengoko nawe usazi, Yehova.
10 Andibunkonyi entliziyweni yam ubulungisa bakho.
Ndiyabalisa ngokuthembeka nokusindisa kwakho.
Uthando lwakho olungagungqiyo nenyaniso yakho andizifihlanga ebandleni elikhulu.”+
11 Owu Yehova, sukundibandeza inceba yakho.
Kwanga uthando lwakho olungagungqiyo nenyaniso yakho zingahlala zindikhusela.+
12 Zindivelela macala onke iingxaki, andikwazi nokuzibala.+
Ndlela le ezininzi ngayo iziphoso zam, zixabe endleleni;+
Zininzi ngaphezu kweenwele zentloko yam,
Yaye ndiphelelwe ngamandla.
13 Ndicela undisindise Yehova.+
Owu yhini Yehova, khawuleza uzokundinceda.+
14 Mabadane, bahlazeke
Bonke abo bazingela ubomi bam.
Mabarhoxe behlazekile
Abo bayivuyelayo intlekele yam.
15 Mabathi nyoxo ngenxa yokuhlazeka
Abo bathi kum: “Tshotsho! Tshotsho!”
Abo bayithandayo indlela osindisa ngayo, mabahlale besithi:
“Makenziwe mkhulu uYehova.”+
17 Kodwa mna ndilihlwempu elingakwazi nokuzinceda;
Kwanga uYehova angandihoya.