Yeremiya
21 Ilizwi elivela kuYehova lafika kuYeremiya, xa uKumkani uZedekiya+ wathumela kuye uPashure+ unyana kaMalekiya, noZefaniya+ unyana kaMahaseya umbingeleli, esithi: 2 “Nceda usibuzele kuYehova kuba uNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni ulwa imfazwe nathi.+ Mhlawumbi uYehova uza kusenzela omnye wemimangaliso yakhe, ukuze emke kuthi.”+
3 UYeremiya wathi kubo: “Nize nithi kuZedekiya, 4 ‘Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: “Ndizikhomba kuni* izixhobo zemfazwe ezisezandleni zenu, nenilwa ngazo nokumkani waseBhabhiloni+ namaKhaledi angaphandle kodonga anirhangqileyo. Ibe ndiza kuwahlanganisela phakathi kwesi sixeko. 5 Yaye mna ndiza kulwa nani+ ngesandla esoluliweyo nangengalo eyomeleleyo ndinomsindo nobushushu yaye ndicaphuke kakhulu.+ 6 Ndiza kubabetha abantu besi sixeko, umntu nesilwanyana. Baza kubulawa sisifo esingubhubhani.”’+
7 “‘“Emva koko,” utsho uYehova, “uZedekiya ukumkani wakwaYuda nezicaka zakhe nabantu besi sixeko, abo basinda kwisifo, kwikrele nakwindlala, ndiza kubanikela kuNebhukadenetsare* waseBhabhiloni, nakwiintshaba zabo, nakwabo bafuna ubomi babo.+ Uza kubaxabela ngekrele. Akazukubasizela, engazukubavela okanye abe nenceba kubo.”’+
8 “Ufanele uthi kwesi sizwana, ‘Uthi uYehova: “Ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa. 9 Abo bashiyekileyo kwesi sixeko baza kufa likrele, yindlala nasisifo esingubhubhani. Kodwa nabani na ophumayo aze azinikezele kumaKhaledi anirhangqileyo uza kuhlala ephila, kwaye uza kubusindisa ubomi bakhe.”’+
10 “‘“Kuba ndiza kusichasa esi sixeko ukuze kubekho intlekele kuso kungekhona okulungileyo,”+ utsho uYehova. “Siza kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabhiloni,+ ibe uza kusitshisa ngomlilo.”+
11 “‘Ngokubhekisele kwindlu kakumkani wakwaYuda: Yivani ilizwi likaYehova. 12 Owu ndlu kaDavide, uthi uYehova:
“Ntsasa nganye gwebani ngobulungisa,
Msindiseni oqhathwa ngumntu onamaqhinga,+
Ukuze umsindo wam ungavuthi njengomlilo+
Uze utshise, kungabikho mntu wokuwucima
Ngenxa yezenzo zenu ezibi.”’+
‘Wena uthi: “Ngubani oza kuhla asihlasele?
Ingubani oza kungena kwiindawo zethu zokuhlala?”
‘Kwaye ndiza kulitshisa ngomlilo ihlathi lenu,
Uza kuqwenga zonke izinto ezinijikelezileyo.’”+