UYehova Usikelela Aze Akhusele Abo Bathobelayo
“Yena ke ondiphulaphulayo, uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.”—IMIZEKELISO 1:33.
1, 2. Kutheni kubalulekile ukuthobela uThixo? Zekelisa.
AMANTSHONTSHO afukufuku namthubi axakekile echola-chola kwingca emfutshane, engaqondi ukuba kukho ukhetshe ondanda phezu kwawo. Ngequbuliso, isikhukukazi sitsho ngesankxwe sentsholo siwalumkisa size sivule amaphiko aso. Amantshontsho ayabaleka aye kuso, yaye ngokukhawuleza akhuselekile ngaphantsi kwamaphiko aso. Ukhetshe uyarhoxa.a Sifunda ntoni koku? Ukuthobela kusindisa ubomi!
2 Eso sifundo sibaluleke ngokukhethekileyo kumaKristu namhlanje, kuba uSathana uzama ngazo zonke iindlela ukuhlasela abantu bakaThixo. (ISityhilelo 12:9, 12, 17) Usukelo lwakhe kukutshabalalisa ukholo lwethu ukuze uYehova angakholiswa sithi size siphulukane nethemba lobomi obungunaphakade. (1 Petros 5:8) Noko ke, ukuba sihlala sisondele kuThixo size siluphulaphule ngokukhawuleza ulwalathiso lwakhe esilufumana kwiLizwi lakhe nakwintlangano yakhe, sinokuqiniseka ukuba uya kusikhusela. Umdumisi wabhala: “Ngeentsiba zakhe uya kuthintela kungasondeli nto kuwe, wena uya kusabela phantsi kwamaphiko akhe.”—INdumiso 91:4.
Uhlanga Olungathobeliyo Luyahlaselwa
3. Waba yintoni umphumo wokungathobeli kwamaSirayeli ngokuphindaphindiweyo?
3 Xa uhlanga lwakwaSirayeli lwalumthobela uYehova, wayelunyamekela yaye elukhusela. Sekunjalo, ngamaxesha amaninzi abantu bamshiya uMenzi wabo baza banqula oothixo abenziwe ngomthi namatye—“izinto ezingeyonene ezingeyongenelo nezingahlanguliyo.” (1 Samuweli 12:21) Emva kokuvukela ngaloo ndlela kangangeenkulungwane, olu hlanga luphela lwawexuka ngamandla kangangokuba lwalungenakuphinda luguquke. Ngenxa yoko, uYesu wadanduluka esithi: “Yerusalem, Yerusalem, mbulali wabaprofeti nomxulubi wabo bathunyelwa kuyo,—kufuthi kangakanani na ndifuna ukuhlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngendlela esithi isikhukukazi sihlanganisele ngayo ndawonye amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa anavuma. Khangelani! Indlu yenu ishiyelwa kuni.”—Mateyu 23:37, 38.
4. Ukuyilahla kukaYehova iYerusalem kwabonakala njani ngowama-70 C.E.?
4 Ukulahla kukaYehova uSirayeli oqaqadekileyo kwabonakala ngendlela ebuhlungu ngowama-70 C.E. Ngaloo nyaka, imikhosi yamaRoma, iphakamisele phezu izindwe zayo ezinokhozi, ngesiquphe yayitshabalalisa iYerusalem. Ngeli xesha esi sixeko sasizaliswe ngabantu ababeze kwiPasika. Imibingelelo yabo emininzi ayizange ibenze bamkeleke kuThixo. Ngendlela ebuhlungu oko kwabakhumbuza amazwi kaSamuweli awawathetha kuKumkani uSawule ongathobeliyo athi: “Ngaba uYehova lo uyoliswa yiminikelo etshiswayo nemibingelelo na njengoko kunjalo ngokuthotyelwa kwelizwi likaYehova? Khangela! Ukuthobela kulunge ngakumbi kunombingelelo, ukunikela ingqalelo kunamanqatha eenkunzi zeegusha.”—1 Samuweli 15:22.
5. UYehova ufuna ukuthotyelwa njani, yaye sazi njani ukuba sinako ukumthobela ngaloo ndlela?
5 Nangona ekufuna ngokupheleleyo ukuthotyelwa, uYehova uziqonda kakuhle iintsilelo zabantu abangafezekanga. (INdumiso 130:3, 4) Ufuna intliziyo enyanisekileyo nokumthobela kuba sinokholo, uthando, nokoyika ukungamkholisi. (Duteronomi 10:12, 13; IMizekeliso 16:6; Isaya 43:10; Mika 6:8; Roma 6:17) ‘Ilifu elikhulu lamangqina exesha langaphambi kobuKristu’ elagcina ingqibelelo naxa lalijamelene nezilingo ezinzima, kwanokufa, labonakalisa ukuba bakho abantu abanokuthobela ngolo hlobo. (Hebhere 11:36, 37; 12:1) Ngokwenene aba, bayivuyisa intliziyo kaYehova! (IMizekeliso 27:11) Noko ke, bambi babethembekile ekuqaleni kodwa abazange bahlale bethobela. Omnye wabo yayinguKumkani uYehowashe wakwaYuda wamandulo.
Ukumkani Owonakaliswa Lunxulumano Olubi
6, 7. UYehowashe wayengukumkani onjani ngoxa uYehoyada wayesaphila?
6 Xa wayeselusana, uKumkani uYehowashe wasinda ngezikaSibi eza kubulawa. Xa uYehowashe wayeneminyaka esixhenxe ubudala, ngenkalipho uMbingeleli Omkhulu uYehoyada wamthabatha apho wayezinyeliswe khona waza wamenza ukumkani. Ngenxa yokuba uYehoyada owayehlonela uThixo waba nguyise nomcebisi kaYehowashe, lo mlawuli uselula “waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.”—2 Kronike 22:10–23:1, 11; 24:1, 2.
7 Izenzo zokulunga zikaYehowashe zaziquka ukuhlaziya itempile kaYehova—isenzo ‘esasisentliziyweni kaYehowashe.’ Wakhumbuza uMbingeleli Omkhulu uYehoyada ngemfuneko yokuqokelela irhafu yetempile kwaYuda naseYerusalem, “ngokomyalelo kaMoses,” ukuze kuhlawulwe iindleko zokuyilungisa. Kuyabonakala ukuba, uYehoyada waphumelela ekukhuthazeni lo kumkani uselula ukufundisisa nokuthobela uMthetho kaThixo. Ngenxa yoku, umsebenzi owawusenziwa etempileni nakwizitya zetempile wagqitywa ngokukhawuleza.—2 Kronike 24:4, 6, 13, 14; Duteronomi 17:18.
8. (a) Ngokuyintloko yintoni eyakhokelela uYehowashe ukuba afe ngokomoya? (b) Ekugqibeleni ukungathobeli kwalo kumkani kwamkhokelela ukuba enze ntoni?
8 Okulusizi kukuba, uYehowashe akazange ahlale emthobela uYehova. Kwakutheni? ILizwi likaThixo liyasixelela: “Emva kokufa kukaYehoyada iinkosana zakwaYuda zeza zaqubuda kukumkani. Ngelo xesha ukumkani waziphulaphula. Zayishiya indlu kaYehova uThixo wookhokho bazo zaza zakhonza izibonda ezingcwele nezithixo, kangangokuba kwabakho ukucaphuka nxamnye noYuda neYerusalem ngenxa yetyala lazo.” Impembelelo embi yeenkosana zakwaYuda nayo yabangela ukuba lo kumkani angabaphulaphuli abaprofeti bakaThixo, omnye wabo owayengunyana kaYehoyada, uZekariya, owathi ngenkalipho waluleka uYehowashe nabantu ngenxa yokungathobeli kwabo. Kunokuba aguquke, uYehowashe wayalela ukuba uZekariya axulutywe ngamatye afe. Hayi indlela awayeqaqadeke ngayo uYehowashe—konke oku kwenzeka ngenxa yokuvumela kwakhe ukuphenjelelwa zizinxulumani ezibi!—2 Kronike 24:17-22; 1 Korinte 15:33.
9. Oko kwenzeka kuYehowashe neenkosana kubonisa njani ukuba ukungathobeli kububudenge?
9 Izinto zamhambela njani uYehowashe noogxa bakhe abangendawo abaziinkosana emva kokuba bemlahlile uYehova? Umkhosi wamaSiriya—“unenani elincinane lamadoda”—wahlasela uYuda waza “wonakalisa zonke iinkosana zabantu.” Kwakhona aba bahlaseli banyanzelisa ukumkani ukuba anikezele ngezinto zakhe kuquka igolide nesilivere yetempile. Nangona uYehowashe wasinda, washiywa exhwalekile yaye egula. Kungekudala emva koko, abathile kubakhonzi bakhe bamenzela iyelenqe baza bambulala. (2 Kronike 24:23-25; 2 Kumkani 12:17, 18) Oku kwazalisekisa amazwi kaYehova kuSirayeli athi: “Ukuba uthe akwaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wakho ukuba ukunyamekele ukuyenza yonke imiyalelo yakhe nemimiselo yakhe . . . , [ziya kuza] phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane”!—Duteronomi 28:15.
Unobhala Usindiswa Kukuthobela
10, 11. (a) Kutheni kuluncedo ukucinga ngesiluleko sikaYehova kuBharuki? (b) Sisiphi isiluleko uYehova asidlulisela kuBharuki?
10 Ngaba maxa wambi uziva udimazekile ngenxa yokuba abathile kubantu odibana nabo kubulungiseleli bamaKristu bengabonisi mdla kwiindaba ezilungileyo? Ngaba maxa wambi ukhe uzive unomona ngabo babonakala beqhuba kakuhle nangobomi babo obutofotofo? Ukuba kunjalo, cinga ngoBharuki, unobhala kaYeremiya, nesiluleko sikaYehova sothando esasisiya kuye.
11 UBharuki wayekwiphulo lokubhala amazwi esiprofeto xa uYehova wamluleka. Kwakutheni? Kungokuba uBharuki waqala ukunganeliseki yindlela yakhe yokuphila waza wanqwenela into ephucuke ngakumbi kunelungelo lakhe elikhethekileyo enkonzweni kaThixo. Ephawula le nguqulelo kwisimo sengqondo sikaBharuki, uYehova wadlulisela isiluleko esicacileyo kodwa sobubele esithi: “Uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna. Kuba yabona, ndiyizisela intlekele inyama yonke, . . . yaye ndiza kukunika umphefumlo wakho ube lixhoba kuzo zonke iindawo osenokuya kuzo.”—Yeremiya 36:4; 45:5.
12. Kutheni sifanele sikuphephe ukuzifunela “izinto ezinkulu” kule nkqubo yezinto?
12 Ngaba kumazwi kaYehova awayesiya kuBharuki, unokuphawula inkxalabo Yakhe enzulu ngale ndoda ilungileyo, ebimkhonza ngokuthembeka nangenkalipho kunye noYeremiya? Ngokufanayo namhlanje, uYehova unenkxalabo enzulu ngabo bazama ukuzikhangelela amadlelo aluhlaza kule nkqubo yezinto. Okuvuyisayo kukuba, njengoBharuki, abaninzi abanjalo baye basiphulaphula isiluleko sothando esivela kubazalwana abaqolileyo. (Luka 15:4-7) Ewe, ngamana sonke singaqonda ukuba akukho kamva kwabo ‘bazifunela izinto ezinkulu’ kule nkqubo yezinto. Abanjalo abasileli nje kuphela ukufumana ulonwabo lokwenene, okubi nangakumbi kukuba, kungekudala baya kudlula neli hlabathi nayo yonke iminqweno yalo yokuzingca.—Mateyu 6:19, 20; 1 Yohane 2:15-17.
13. Ingxelo kaBharuki isifundisa ntoni ngokuthobeka?
13 Ingxelo engoBharuki kwakhona isifundisa isifundo esihle sokuthobeka. Phawula ukuba uYehova akazange amluleke uBharuki ngokungqalileyo kodwa wasebenzisa uYeremiya ukuthetha naye, ekunokwenzeka ukuba uBharuki wayezazi kakuhle iimpawu zakhe zokungafezeki nokusilela kwakhe. (Yeremiya 45:1, 2) Sekunjalo, uBharuki akazange onganyelwe likratshi, ngokuthobeka wayiqonda indawo yokwenene esivela kuyo eso siluleko—uYehova. (2 Kronike 26:3, 4, 16; IMizekeliso 18:12; 19:20) Ngoko ukuba ‘siqutyulwe sisiphoso’ size sifumane isiluleko esiyimfuneko esivela kwiLizwi likaThixo, masibonise ukuqola, ukuqonda okungokomoya nokuthobeka njengoBharuki.—Galati 6:1.
14. Kutheni kububulumko ukubathobela abo basikhokelayo?
14 Kwakhona ukuthobeka okunjalo kunceda abo banikela isiluleko. AmaHebhere 13:17 athi: “Bathobeleni abo bakhokelayo phakathi kwenu nize nibalulamele, kuba bahlala beyilindile imiphefumlo yenu njengabo baya kuphendula; ukuze bakwenze oku ngovuyo kungekhona ngokuncwina, kuba oko kungenza umonakalo kuni.” Abadala basoloko bethandaza kuYehova ukuze babe nenkalipho, ubulumko nobuchule obuyimfuneko ukuze bakwazi ukuphumeza le nkalo inzima kumsebenzi wabo wokwalusa! Ngoko ke, ‘masinikele ingqalelo kubantu abalolo hlobo.’—1 Korinte 16:18.
15. (a) UYeremiya wayibonakalisa njani intembelo kuBharuki? (b) Wavuzwa njani uBharuki ngokuthobela kwakhe ngokuzithoba?
15 Kuyabonakala ukuba uBharuki wayiguqula indlela yakhe yokucinga, kuba uYeremiya kamva wamnika isabelo esilucelo-mngeni—ukuya etempileni aze afunde ngokuvakalayo imigwebo awayeyibhale ngokwakhe ivela kuYeremiya. Ngaba uBharuki wathobela? Ewe, wenza “konke oko uYeremiya umprofeti wayemyalele kona.” Enyanisweni, la mazwi afanayo wade wawafundela nenkosana yaseYerusalem, nto leyo ngokungathandabuzekiyo yayifuna inkalipho engamandla. (Yeremiya 36:1-6, 8, 14, 15) Xa isixeko sathinjwa ngamaBhabhiloni kwiminyaka enokuba li-18 kamva, unokuthelekelela indlela asenokuba waba nombulelo ngayo uBharuki ngokusinda kwakhe kuba wayethobele isilumkiso sikaYehova waza wayeka ukuzifunela “izinto ezinkulu”!—Yeremiya 39:1, 2, 11, 12; 43:6.
Ukuthobela Ebudeni Bohlaselo Kusindisa Ubomi
16. UYehova wayibonakalisa njani imfesane kumaYuda eYerusalem ebudeni bokuthinjwa ngamaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E.?
16 Xa iYerusalem yatshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E., uThixo waphinda wabonakalisa imfesane yakhe kwabo bathobelayo. Xa kanye umlo wawushushu, uYehova wathi kumaYuda: “Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa. Lowo uhlala azole kwesi sixeko uya kufa likrele nayindlala nayindyikitya yokufa; kodwa lowo uphumayo nothi okunene awele kumaKhaledi aningqingileyo uya kuhlala ephila, kwaye umphefumlo wakhe ngokuqinisekileyo uya kuba lixhoba lakhe.” (Yeremiya 21:8, 9) Nangona abemi baseYerusalem babefanele batshatyalaliswe, uYehova wabonakalisa imfesane kwabo bamthobelayo, nangelo xesha linzima lokugqibela.b
17. (a) Ziziphi iindlela ezimbini ukuthobela kukaYeremiya okwavavanywa ngayo xa uYehova wamyalela ukuba axelele amaYuda arhangqiweyo ukuba ‘aphambukele kumaKhaledi’? (b) Sinokuzuza njani kumzekelo kaYeremiya wokuthobela ngenkalipho?
17 Ngokungathandabuzekiyo ukuxelela amaYuda ukuba anikezele kwaluvavanya uphawu lokuthobela lukaYeremiya. Kaloku, wayenekhwele ngegama likaThixo. Wayengafuni ukugculelwa ziintshaba ezaziya kuthi ziboyise ngenxa yoothixo bazo abangaphiliyo. (Yeremiya 50:2, 11; IZililo 2:16) Ukongezelela, uYeremiya wayesazi ukuba ukuxelela abantu ukuba banikezele, wayebeka nobomi bakhe esichengeni, kuba kwabaninzi oko kwakuya kuthetha ukunyelisa. Sekunjalo, akazange oyike, kodwa ngokuthobela wathetha amazwi kaYehova. (Yeremiya 38:4, 17, 18) NjengoYeremiya, nathi sinesigidimi esingathandwayo. Sisigidimi esifanayo esamenza uYesu wazondwa. (Isaya 53:3; Mateyu 24:9) Ngoko ke ‘masingangcangcazeliswa ngumntu,’ kodwa njengoYeremiya, ngenkalipho masithobele uYehova, sikholose ngaye ngokupheleleyo.—IMizekeliso 29:25.
Ukuthobela Ngoxa Sihlaselwa NguGogi
18. Abakhonzi bakaYehova baya kujamelana naluphi uvavanyo lokuthobela kwixesha elizayo?
18 Kungekudala, yonke le nkqubo ingendawo kaSathana iya kutshatyalaliswa ‘kwimbandezelo enkulu’ engazange ibekho ngaphambili. (Mateyu 24:21) Alithandabuzeki elokuba ngaphambi nasebudeni belo xesha, ukholo nentobelo yabantu bakaThixo iya kuvavanywa ngokuqatha. Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ukuba uSathana, kwindima yakhe ‘njengoGogi welizwe lakwaMagogi,’ uya kubahlasela ngamandla abakhonzi bakaYehova, ethumela umkhosi ochazwa ‘njengomkhosi omkhulu wamajoni . . . , njengamafu agubungele ilizwe.’ (Hezekile 38:2, 14-16) Bembalwa yaye bengaxhobanga, abantu bakaThixo baya kukhangela ikhusi ‘kwiintsiba’ zikaYehova, azivulayo ukuze akhusele abo bathobelayo.
19, 20. (a) Kutheni kwakubalulekile ngamaSirayeli xa ayekuLwandle Olubomvu ukuba athobele? (b) Sinokuzuza njani namhlanje ngokucingisisa nzulu ngengxelo ephathelele uLwandle Olubomvu?
19 Le meko isikhumbuza IMfuduko kaSirayeli esuka eYiputa. Emva kokubetha iYiputa ngezibetho ezibuhlungu ezilishumi, uYehova wakhokela abantu bakhe, esebenzisa kungekhona eyona ndlela imfutshane ukuya kwiLizwe Lesithembiso, kodwa wabakhokelela ngakuLwandle Olubomvu, indlela ababenokufunyanwa kuyo lula baze bahlaselwe. Ukuba kucingwa ngokwasemkhosini, obu yayibubutyhakala. Ukuba wawulapho, ngaba ubuya kuwathobela amazwi kaYehova awawadlulisela ngoMoses uze uye ngakuLwandle Olubomvu ngentembelo epheleleyo, usazi ukuba iLizwe Lesithembiso likwelinye icala?—Eksodus 14:1-4.
20 Njengoko sifunda kwiEksodus isahluko 14, sibona indlela uYehova awabahlangula ngayo abantu bakhe ebonakalisa amandla angummangaliso. Iingxelo ezinjalo zinokomeleza ukholo lwethu xa sizipha ixesha lokuba sizifundisise size sicamngce ngazo! (2 Petros 2:9) Ukholo olomeleleyo, luya kusenza simthobele uYehova, enoba oko akufunayo akuhambisani nendlela abantu abacinga ngayo. (IMizekeliso 3:5, 6) Ngoko ke zibuze, ‘Ngaba ndizabalazela ukwakha ukholo lwam ngokuyifundisisa ngenkuthalo iBhayibhile, ngokuthandaza nokucamngca nangokunxulumana rhoqo nabantu bakaThixo?’—Hebhere 10:24, 25; 12:1-3.
Ukuthobela Kusenza Sibe Nethemba
21. Ziziphi iintsikelelo abo bathobela uYehova abaya kuzifumana ngoku nakwixesha elizayo?
21 Abo bakwenza ukuthobela uYehova kube yindlela yabo yokuphila ayazaliseka kubo amazwi eMizekeliso 1:33, athi: “Yena ke ondiphulaphulayo [ngentobelo], uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.” Hayi indlela aya kuba yintuthuzelo ngayo loo mazwi ebudeni bemini kaYehova ezayo yempindezelo! Eneneni, uYesu waxelela abafundi bakhe esithi: “Njengoko ezi zinto ziqala ukubakho, yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yenu.” (Luka 21:28) Ngokucacileyo, kuphela ngabo bathobela uThixo abaya kuwaphulaphula ngentembelo la mazwi.—Mateyu 7:21.
22. (a) Abantu bakaYehova banasiphi isizathu sokuba nentembelo? (b) Ziziphi izinto eziya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
22 Esinye isizathu sokuba nentembelo sikukuba “iNkosi enguMongami uYehova ayiyi kwenza nto ngaphandle kokuba iwutyhilile umcimbi wayo oyimfihlo kubakhonzi bayo abaprofeti.” (Amosi 3:7) Namhlanje, uYehova akaphefumleli abaprofeti njengoko wayesenza ngaphambili; kunoko, uye wayalela ikhoboka elithembekileyo ukuba ludlulisele ukutya kokomoya kwabendlu yakhe ngexesha elifanelekileyo. (Mateyu 24:45-47) Ngoko ke, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba nesimo sengqondo sokuthobela eli “khoboka”! Njengoko inqaku elilandelayo liza kubonisa, ukuthobela okunjalo kubonisa isimo sethu sengqondo ngoYesu, inkosi yeli “khoboka.” Kaloku, ziya ‘kuthobela yena izizwana.’—Genesis 49:10.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nangona sichazwa njengephakuphaku, enye incwadi ebhalwe ngumbutho wokukhusela izilwanyana ithi, “isikhukukazi siya kuxolela ukumil’ ingca emqolo ukuze sisindise amantshontsho aso.”
b UYeremiya 38:19 utyhila ukuba amaYuda amaninzi ‘aphambukela’ kumaKhaledi aza asinda akabulawa kodwa athinjwa. Enoba azinikela kuba ephulaphula amazwi kaYeremiya, asazi. Sekunjalo, ukusinda kwawo kwagxininisa ubunyaniso bamazwi alo mprofeti.
Ngaba Usakhumbula?
• Yintoni eyenzekayo ngenxa yokungathobeli kwamaSirayeli ngokuphindaphindiweyo?
• UKumkani uYehowashe waphenjelelwa njani ngamaqabane akhe, ngoxa wayeselula nasekukhuleni kwakhe?
• Yintoni esinokuyifunda kuBharuki?
• Kutheni abantu bakaYehova abathobelayo bengenasizathu sakoyika njengoko le nkqubo isondela esiphelweni sayo?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Phantsi kolwalathiso lukaYehoyada, uYehowashe oselula wamthobela uYehova
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Izinxulumani ezimbi zamphembelela uYehowashe ukuze ayalele ukuba kubulawe umprofeti kaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Ngaba ubuya kumthobela uYehova uze ubone amandla akhe asindisayo angummangaliso?