Ingoma Yokunyuka.
126 Xa uYehova wabuyisa abathinjwa baseZiyon,+
Sasicinga ukuba siyaphupha.
2 Ngelo xesha sasihleka kumnandi,
Kukhwazwa kuvuywa.+
Ngelo xesha neentlanga zancoma zathi:
“UYehova ubenzele izinto ezinkulu.”+
3 UYehova usenzele izinto ezinkulu,+
Ngoko sivuya kakhulu.
4 Owu Yehova, sicela ubuyise abathinjwa bethu,
Njengemisinga yaseNegebhi.
5 Abo batyala imbewu ngeenyembezi
Baza kuvuna bevuya.
6 Nalowo uphuma elila,
Ethwele ingxowa egcwele imbewu,
Ngokuqinisekileyo uza kubuya evuya,+
Ethwele izithungu zakhe.+