KwabaseRoma
1 Mna Pawulos, ndilikhoboka likaKristu uYesu yaye ndabizwa ukuba ndibe ngumpostile, ndakhethwa ukuze ndishumayele iindaba ezilungileyo zikaThixo,+ 2 ezathenjiswa nguThixo kwakudala kwiZibhalo ezingcwele esebenzisa abaprofeti bakhe. 3 Ezo ndaba zazithetha ngoNyana wakhe owazalwa emhlabeni ephuma kwinzala* kaDavide,+ 4 kodwa owavuswa ekufeni+ ngamandla omoya oyingcwele ukuze kuboniswe ukuba unguNyana kaThixo.+ Lowo ke nguYesu Kristu iNkosi yethu. 5 Ngenxa yakhe uThixo uye wasenzela ububele* saza sangabapostile+ ukuze abantu bazo zonke iintlanga+ bathobele kuba bekholwa kuye baze badumise igama lakhe. 6 Nani nikhethwe phakathi kwezo ntlanga ukuze nibe ngabakaYesu Kristu. 7 Ndibhalela bonke abo baseRoma abathandwayo nguThixo, nabakhethiweyo ukuba babe ngabangcwele ndisithi:
Kwanga ningenzelwa ububele* nize ninikwe uxolo nguThixo uTata wethu, neNkosi uYesu Kristu.
8 Okokuqala nje, ndiyambulela uThixo wam egameni likaYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu kuthethwa ngalo emhlabeni wonke. 9 Kaloku uThixo endimkhonza ngentliziyo yam yonke, ndishumayela iindaba ezilungileyo ezingoNyana wakhe, angandingqinela ukuba ndisoloko ndithetha ngani xa ndithandaza,+ 10 ndimcenga ukuba ndide ndikwazi ukuza kuni ukuba loo nto kukuthanda kwakhe. 11 Kuba ndinqwenela ukunibona, ndinikhuthaze ukuze buqine ubuhlobo benu noThixo; 12 okanye sikhuthazane+ ukuze ukholo lwenu nolwam luqine.
13 Andifuni ningayazi bazalwana into yokuba kudala ndifuna ukuza kuni ukuze ukushumayela kwam kube nemiphumo emihle nakuni njengakwezinye iintlanga, kodwa bekusoloko kukho into ebangela ndingakwazi. 14 Ndinetyala kumaGrike nakubantu basemzini,* kwizilumko nakwabangafundanga; 15 ngoko ndikufuna ngamandla ukushumayela iindaba ezilungileyo nalapho kuni eRoma.+ 16 Andinazintloni ngokushumayela ezi ndaba zilungileyo,+ kuba zibonisa ukuba uThixo unamandla yaye unokubasindisa bonke abo banokholo,+ amaYuda kuqala+ namaGrike.+ 17 Kuba ezi ndaba zityhila ubulungisa bukaThixo kwabo banokholo kuye, lutsho luqine ukholo lwabo+ kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Kodwa yena umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo.”+
18 UThixo uyibonakalisa esezulwini indlela anomsindo+ ngayo ngenxa yabantu abangamthobeliyo nabangengomalungisa. Benza izinto ezingalunganga, bebangela abantu bangayazi inyaniso,+ 19 kuba bebemele bamazi uThixo, ekubeni ebatyhilele izinto ezininzi ngaye.+ 20 Kaloku, iimpawu zakhe ezingenakubonwa ngabantu, oko kukuthi amandla akhe angapheliyo+ nesikhundla sakhe sokuba nguThixo,+ zenziwa zabonakala ukususela ekudaleni kwakhe umhlaba ukuya phambili, kuba zibonakala kwizinto azidalileyo,+ ngoko abanakuthetheleleka. 21 Nangona bebesazi ukuba unguThixo, khange bamzukise okanye bambulele, kodwa baye abazisebenzisa iingqondo zabo, abaqonda kwanto.+ 22 Nangona bebesithi bazizilumko, baye baba zizidenge, 23 baza endaweni yokukhonza uThixo ongasoze afe bakhonza imifanekiso yabantu abafayo, eyeentaka, eyezilwanyana ezinemilenze emine neyezilwanyana ezirhubuluzayo.+
24 Ekubeni bebefuna ukwenza unothanda, uThixo uye wabayeka benza izinto ezingacocekanga nezihlazisa imizimba yabo. 25 Endaweni yokukholelwa inyaniso engoThixo baye bakhetha ubuxoki, bakhonza indalo endaweni yokukhonza uMdali omele adunyiswe ngonaphakade. Amen. 26 Yiloo nto uThixo eye wabayeka balawulwa yinkanuko yesondo,+ kuba amabhinqa aye ayitshintsha indlela edaliweyo yokwabelana ngesondo, aza akhetha engadalwanga,+ 27 namadoda akuyeka ukwabelana ngesondo namabhinqa aza atshisekelana odwa, amadoda ekhanuka amadoda,+ esenza amanyala, aza ke azibizela isohlwayo esipheleleyo, esiwafaneleyo ngenxa yesono sawo.+
28 Ekubeni bengayiboni imfuneko yokumazi uThixo, uye wabayeka baba nengqondo egqwethekileyo ukuze benze izinto ezingafanelekanga.+ 29 Baye benza zonke izinto ezingalunganga+ nobubi, benyolukile,+ benomona,+ bebulala,+ bexabana, beqhatha,+ beneentliziyo ezimbi,+ behleba, 30 bengcolisa amagama abantu,+ bemcaphukela uThixo, besile, beziphakamisile, beqhayisa, besenza amayelenqe, bengathobeli bazali,+ 31 bengasebenzisi ngqondo,+ besaphula izivumelwano, bengabaveli abantu yaye bengenanceba. 32 Nangona bewazi kakuhle umthetho kaThixo, othi abantu abenza ezo zinto bafanelwe kukufa,+ abaqhubeki nje bezenza kodwa babaqhwabela izandla abo bazenzayo.