Eyokuqala KwabaseTesalonika
2 Nani bazalwana niyiqonda kakuhle into yokuba ukuza kwethu kuni kuye kwaba nemiphumo emihle.+ 2 Kuba nangona ekuqaleni saye seva ubuhlungu saza saphathwa ngokusa eFilipi+ njengokuba nisazi, uThixo wethu wasinika isibindi* sokuba sinixelele ngeendaba zakhe ezilungileyo+ nangona sasichaswa.* 3 Kuba xa sithetha nabantu asibaqhathi, asibaxokisi yaye asinanjongo zimbi, 4 kodwa sithetha kuba sivunyelwe nguThixo ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo. Ngoko asithethi ukuze sivuyise abantu, kodwa sivuyisa uThixo ohlola iintliziyo zethu.+
5 Eneneni nani niyazi ukuba zange siniqhathe ngokunincoma kuba kukho into esiyigxeleshileyo.+ UThixo angasingqinela! 6 Besingafuni nokuphathwa ngendlela ekhethekileyo nini okanye ngabanye abantu, nangona besinokulindela ukuba nichithe iimali ezinkulu nisinyamekela kuba singabapostile bakaKristu.+ 7 Siye sanithantamisa ngendlela umama oncancisayo aluphatha ngayo usana lwakhe. 8 Ngoko ekubeni sinithanda,+ siye sazimisela ukuba singanixeleli ngeendaba ezilungileyo zikaThixo kuphela, kodwa sincame nobomi bethu+ ngenxa yenu.
9 Ngokuqinisekileyo niyakhumbula bazalwana, ukuba sasebenza nzima sibulaleka ubusuku nemini. Le nto sayenza ukuze singabi ngumthwalo kuye nabani na kuni+ xa sinishumayeza iindaba ezilungileyo zikaThixo. 10 Ningasingqinela, kanti noThixo angasingqinela, ukuba sathembeka, saba ngamalungisa, yaye saba msulwa phakathi kwenu makholwa. 11 Nazi kakuhle ukuba, siye saqhubeka sinicenga, sinithuthuzela, yaye sinifundisa,+ njengoko utata+ esenza kubantwana bakhe, 12 ukuze niqhubeke nisenza izinto ngendlela ayifunayo uThixo,+ onibizela eBukumkanini bakhe+ nakuzuko+ lwakhe.
13 Nyhani ke, yiloo nto sisoloko simbulela uThixo,+ kuba xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, anizange nilamkele njengento ethethwa ngabantu, kodwa nalithatha njengelizwi likaThixo, njengokuba linjalo kakade, elinincedayo nina makholwa. 14 Kaloku nina bazalwana, nenza njengokuba esenza amabandla kaThixo akwelakwaYuda amanyene noKristu uYesu, kuba naphathwa kabuhlungu ngabantu belizwe lenu,+ njengokuba nawo loo mabandla ephethwe kabuhlungu ngamaYuda, 15 awada abulala neNkosi uYesu+ nabaprofeti, aza asitshutshisa nathi.+ Ngapha koko enza izinto ezingathandwayo nguThixo, ibe loo maYuda akabakhathalelanga abantu, 16 njengokuba ezama ukusinqanda singathethi nabantu beentlanga ukuze basindiswe.+ Ngale ndlela ahlala esongeza kwizono zawo ezininzi. Kodwa ekugqibeleni umsindo kaThixo ufikile kuwo.+
17 Kodwa emva kokuba sohlukene okwethutyana nani bazalwana (hayi ezintliziyweni kodwa kuba singasabonani), sazama ngamandla ukuza kuni, kuba sifuna nyhani ukunibona. 18 Yiloo nto siye sazama ukuza kuni. Mna Pawulos ndizame kwada kwakabini, kodwa uSathana wema endleleni. 19 Ngoobani abalithemba lethu, abasivuyisayo nabasenza sibe nebhongo phambi kweNkosi yethu uYesu ngexesha lobukho bayo? Ayinini na?+ 20 Ngokuqinisekileyo sinebhongo ngani yaye niyasivuyisa.