IiNdumiso
INCWADI YESINE
(IiNdumiso 90-106)
Umthandazo kaMoses, umntu kaThixo wokwenene.+
90 Owu Yehova, wena uye waba yindawo yethu yokuhlala*+ kuzo zonke izizukulwana.
2 Ngaphambi kokuba iintaba zizalwe
Okanye ngaphambi kokuba wenze umhlaba nelizwe,*+
Ukususela ngonaphakade ukusa ngonaphakade, wena unguThixo.+
9 Ubomi bethu bugqitywa ngumsindo wakho;
Iminyaka yethu iphela kanye njengokusebeza.
Kodwa igcwele iingxaki neenkathazo;
Ikhawuleza idlule, siphaphazele simke.+
11 Ngubani onokuwaqonda amandla omsindo wakho?
Umsindo wakho ulingana nokoyikeka kwakho.+
13 Buya Yehova!+ Kuza kude kube nini na?+
Khawubasizele abakhonzi bakho.+
14 Sanelise kusasa ngothando lwakho olungagungqiyo,+
Ukuze sikhwaze ngovuyo size sonwabe+ ubomi bethu bonke.
15 Senze sonwabe ngokulingana nemihla owasivisa intlungu ngayo,+
Ngokulingana neminyaka esehlelwa ngayo ziintlekele.+