Numeri
25 Xa amaSirayeli ayehlala eShitim,+ alala neentombi zakwaMowabhi.+ 2 Ezo ntombi zawamema amaSirayeli ukuba eze kwimibingelelo yoothixo bazo,+ yaye atya loo mibingelelo aza aqubuda koothixo bazo.+ 3 Ngoko nawo amaSirayeli akhonza uBhahali wasePehore,+ ibe yamcaphukisa kakhulu uYehova loo nto. 4 UYehova wathi kuMoses: “Thatha zonke iinkokheli* zabantu, zibulawe zize zixhonywe phambi koYehova ilanga lihlab’ umhlaba, ukuze uphele umsindo uYehova anawo kuSirayeli.” 5 Emva koko uMoses wathi kubagwebi bakwaSirayeli:+ “Ngamnye kuni makabulale abantu bakhe abaye bakhonza uBhahali wasePehore.”+
6 Kwathi kusenjalo, kwathi gqi omnye umSirayeli ehamba nentombi yakwaMidiyan+ phambi koMoses naphambi kwalo lonke ibandla lamaSirayeli, besalila kumnyango wentente yokuhlangana. 7 Wathi akuyibona loo nto uFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli, wasuka ngokukhawuleza phakathi kwebandla, wathi nqaku umkhonto.* 8 Emva koko walandela loo mSirayeli, wangena ententeni waza wabahlaba bobabini. Wahlaba loo mSirayeli naloo ntombi emalungwini ayo enzala. Sabe siyanqandwa ngolo hlobo isibetho kwaSirayeli.+ 9 Abantu abafayo babeyi-24 000.+
10 Emva koko uYehova wathi kuMoses: 11 “UFinehasi+ unyana kaEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli uwuphelisile umsindo wam kubantu bakwaSirayeli, kuba khange akunyamezele ukudelelwa kwam ngabo.+ Yiloo nto ndingawatshabalalisanga amaSirayeli nangona ndifuna azinikele ngokupheleleyo kum.+ 12 Ngenxa yoko uze uthi, ‘Ndenza isivumelwano soxolo naye. 13 Yaye iza kuba sisivumelwano sokuba yena nenzala yakhe bahlale bengababingeleli,+ kuba khange akunyamezele ukudelelwa koThixo wakhe,+ yaye uye wabahlawulela abantu bakwaSirayeli.’”
14 Igama lomSirayeli owabulawa nomMidiyanekazi nguZimri unyana kaSalu, inkosi yendlu yootata bamaSimeyon. 15 Igama lentombi yakwaMidiyan eyabulawayo nguKozibhi intombi kaTsure,+ owayeyinkokheli yeentsapho zendlu zootata babo kwaMidiyan.+
16 Emva koko uYehova wathi kuMoses: 17 “Wangcungcuthekiseni amaMidiyan nize niwatshabalalise,+ 18 kuba anizisela intlekele ngokunitsalela ekwenzeni isono ePehore.+ Anitsalela esonweni ngoKozibhi intombi yenkosi yakwaMidiyan, owabulawayo+ ngexesha enanisohlwaywa ngalo ngenxa yento eyenzeka ePehore.”+