Isaya
61 INkosi enguMongami uYehova indinike umoya wayo,+
Kuba uYehova undikhethile* ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kubantu abalulamileyo.+
Undithume ukuba ndibophe abantu abaneentliziyo ezaphukileyo,
Ndishumayele ukuba abathinjwa baza kukhululwa,
Nokuba aza kuvulwa amehlo amabanjwa,+
2 Undithumele ukuvakalisa unyaka wokwaneliseka kukaYehova
Nomhla wempindezelo kaThixo wethu,+
Ukuthuthuzela bonke abazilileyo,+
3 Ukuhoya abo bazilele iZiyon,
Ndibanike isigqubuthelo sentloko endaweni yothuthu,
Neoli ukuze bavuye kunokuba bazile,
Ndibanike ingubo yokwaleka ukuze bandidumise kunokuba bakhathazeke.
4 Baza kuwakha kwakhona amabhodlo ekudala ekho;
Baza kuzivusa iindawo ezawohloka kudala,+
Ibe baza kuzilungisa izixeko ezatshatyalaliswayo,+
Iindawo ebezingamabhodlo kwizizukulwana ngezizukulwana.+
5 “Kuza kufika abantu basemzini+ boluse imihlambi yenu,
Abantu bolunye uhlanga babe ngabalimi kumasimi enu eediliya.+
6 Nina ke, niza kubizwa ngokuba ningababingeleli bakaYehova;+
Kuza kuthiwa nizizicaka zikaThixo wethu.
7 Endaweni yokuhlazeka, niza kufumana isabelo esiphindwe kabini,
Yaye endaweni yokuthotywa, abantu bam baza kukhwaza bevuya ngenxa yesabelo sabo.
Eneneni, baza kufumana ilifa eliphindwe kabini elizweni labo.+
Baza kuvuya ngonaphakade.+
8 Kuba mna Yehova ndiyakuthanda okusesikweni;*+
Ndiyakucaphukela ukuqhathwa kwabantu nokungabikho kobulungisa.+
Ndithembekile nje, ndiza kubanika umvuzo wabo,
Futhi ndiza kwenza isivumelwano sikanaphakade kunye nabo.+
10 Ndiza kuvuyiswa nguYehova.
Ndiza konwaba ngoThixo wam.+