Intsikelelo Yeendaba Ezilungileyo
“UYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, . . . ukuthuthuzela bonke abazilileyo.”—ISAYA 61:1, 2.
1, 2. (a) UYesu wazibonakalisa eyintoni, yaye njani? (b) Iindaba ezilungileyo ezazishunyayelwa nguYesu zazisa ziphi iintsikelelo?
NGENYE imini yeSabatha ekuqaliseni kwakhe ubulungiseleli bakhe, uYesu wayekwindlu yesikhungu eNazarete. Ingxelo ithi, “wanikwa umsongo womprofeti uIsaya, yaye wawuvula umsongo waza wafumana indawo apho kwakubhalwe khona kwathiwa: ‘Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo.’” UYesu waqhubeka efunda okungakumbi kwesi sicatshulwa sesiprofeto. Wandula ke wahlala phantsi waza wathi kubo: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.”—Luka 4:16-21.
2 Ngale ndlela, uYesu wazibonakalisa ukuba ungumshumayeli wevangeli ekwaprofetwa ngaye, umshumayeli weendaba ezilungileyo nomthuthuzeli. (Mateyu 4:23) Ezinjani ukuba mnandi iindaba ezazishunyayelwa nguYesu! Wathi kwabo babemphulaphule: “Mna ndilukhanyiselo lwehlabathi. Lowo undilandelayo akasayi kuze ahambe ebumnyameni, kodwa uya kuba nokukhanya kobomi.” (Yohane 8:12) Waphinda wathi: “Ukuba nithe nahlala kulo izwi lam, ngokwenene ningabafundi bam, niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yohane 8:31, 32) Ewe, uYesu ‘wayenamazwi obomi obungunaphakade.’ (Yohane 6:68, 69) Ukukhanya, ubomi, inkululeko—ngokuqinisekileyo ezi ziintsikelelo ezixabisekileyo!
3. Ziziphi iindaba ezilungileyo ezashunyayelwa ngabafundi bakaYesu?
3 Emva kwePentekoste yowama-33 C.E., abafundi baqhubeka nomsebenzi owawusenziwa nguYesu wokushumayela ivangeli. Bashumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ kumaSirayeli nakubantu bezinye iintlanga. (Mateyu 24:14; IZenzo 15:7; Roma 1:16) Abo basabela kakuhle bamazi uYehova uThixo. Bakhululwa kubukhoboka bonqulo baza baba yinxalenye yohlanga olutsha lokomoya, “uSirayeli kaThixo,” lowo amalungu akhe anethemba lokulawula ngonaphakade ezulwini neNkosi yawo, uYesu Kristu. (Galati 5:1; 6:16; Efese 3:5-7; Kolose 1:4, 5; ISityhilelo 22:5) Ezinjani ukuxabiseka iintsikelelo!
Ukushumayela Ngevangeli Namhlanje
4. Uthumo lokushumayela iindaba ezilungileyo luphunyezwa ngayiphi indlela namhlanje?
4 Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo, exhaswa ‘sisihlwele esikhulu’ esandayo ‘sezinye izimvu,’ ayaqhubeka ezalisekisa uthumo lwawo ekwaprofetwa ngalo, olo lwalunikwe uYesu kuqala. (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Ngenxa yoko, iindaba ezilungileyo zishunyayelwa ngomlinganiselo omkhulu ngaphezu kunanini na ngaphambili. Kumazwe nemimandla engama-235, amaNgqina kaYehova aye aphuma aya ‘kushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo, abopha abantliziyo zaphukileyo, abhengeza inkululeko kwabo bathinjiweyo avula namehlo amabanjwa; abhengeza unyaka wenkoliseko kaYehova nomhla wempindezelo kaThixo wethu; athuthuzela bonke abazilileyo.’ (Isaya 61:1, 2) Ngenxa yoko, umsebenzi wamaKristu wokushumayela ivangeli uyaqhubeka usizisa iintsikelelo kwabaninzi nentuthuzelo yokwenene ‘kwabo bakulo naluphi na uhlobo lwembandezelo.’—2 Korinte 1:3, 4.
5. Ngokuphathelele ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo, ahluke njani amaNgqina kaYehova kwezinye iicawa zeNgqobhoko?
5 Liyinyaniso elokuba, iicawa zeNgqobhoko zixhasa iintlobo ezahlukahlukeneyo zokushunyayelwa kwevangeli. Ezininzi zithumela abavangeli basemazweni ukuze benze amaguquka kwamanye amazwe. Ngokomzekelo, iThe Orthodox Christian Mission Center Magazine inikela ingxelo ngomsebenzi owenziwa ngabavangeli basemazweni abangamaOthodoki eMadagascar, kumazantsi eAfrika, eTanzania, naseZimbabwe. Noko ke, kwiCawa yamaOthodoki, njengakwezinye iicawa zeNgqobhoko, inkoliso yamalungu azo ayinasabelo kuloo msebenzi. Ngokwahlukileyo, onke amaNgqina kaYehova azahluleleyo azabalazela ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela. Ayaqonda ukuba ukuvakalisa iindaba ezilungileyo bubungqina bokunyaniseka kokholo lwawo. UPawulos wathi: “Ngentliziyo ubani ubonisa ukholo lobulungisa, kodwa ngomlomo wenza uvumo lwasesidlangalaleni losindiso.” Eneneni, ukholo olungashukumiseli umntu ukuba athabathe amanyathelo athile, lufile.—Roma 10:10; Yakobi 2:17.
Iindaba Ezilungileyo Ezizisa Iintsikelelo Ezingunaphakade
6. Ziziphi iindaba ezilungileyo ezishunyayelwayo namhlanje?
6 AmaNgqina kaYehova ashumayela ezona ndaba zilungileyo. Atyhila iiBhayibhile zawo aze abonise abo basabela kakuhle ukuba uYesu wanikela ngobomi bakhe ukuze uluntu lukwazi ukusondela kuThixo, luxolelwe izono yaye lube nethemba lobomi obungunaphakade. (Yohane 3:16; 2 Korinte 5:18, 19) Avakalisa ukuba uBukumkani bukaThixo buye bamiselwa ezulwini phantsi koKumkani othanjisiweyo, uYesu Kristu, nokuba kungekudala buya kushenxisa ubungendawo emhlabeni bunikele ulwalathiso kumsebenzi wokubuyiselwa kweParadesi. (ISityhilelo 11:15; 21:3, 4) Ezalisekisa isiprofeto sikaIsaya, axelela abamelwane bawo ukuba ngoku ‘ngunyaka wenkoliseko kaYehova’ apho abantu besenokukwazi ukusabela kwiindaba ezilungileyo. Alumkisa abantu ukuba kungekudala uya kufika ‘umhla wempindezelo kaThixo wethu’ xa uYehova eya kuphelisa abenzi bobubi abangaguqukiyo.—INdumiso 37:9-11.
7. Ngawaphi amava abonisa ukuba amaNgqina kaYehova amanyene, yaye kutheni emanyene ngolo hlobo?
7 Kwihlabathi elithwaxwa ziinkxwaleko naziintlekele, ezi kuphela kweendaba ezilungileyo ezizisa iingenelo ezingunaphakade. Abo bazamkelayo baba yinxalenye yabazalwana abangamaKristu abamanyeneyo emhlabeni wonke abangavumeli kwahlulwa bubuzwe, bubuhlanga nayimeko yezoqoqosho. Baye ‘bambatha uthando, kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.’ (Kolose 3:14; Yohane 15:12) Oku kuye kwabonakala kunyaka ophelileyo kwilizwe elithile laseAfrika. Ngenye intsasa abantu abahlala kwisixeko esilikomkhulu bavuswa zizithonga zemipu. Abantu babezama ukubhukuqa urhulumente. Kwavuka imbambano yobuhlanga yaye intsapho engamaNgqina yagxekwa ngenxa yokungenisa amanye amaNgqina ohlanga olwahlukileyo. Le ntsapho yaphendula yathi: “NgamaNgqina kaYehova kuphela ahlala kule ndlu yethu.” Kuwo, ubuhlanga babungabalulekanga; into eyayibalulekile luthando lobuKristu, ukuthuthuzela abo bafuna intuthuzelo. Esinye isalamane esingeloNgqina sagqabaza senjenje: “Amalungu ezinye iinkonzo aye abangcatsha abantu anqula nabo. NgamaNgqina kaYehova kuphela angakhange akwenze oko.” Iingxelo ezininzi ezifana nale ezivela kwamanye amazwe, lawo kugquba ungquzulwano lwamakhaya kuwo, zibonisa ukuba amaNgqina kaYehova ‘anothando lokwenene ngomanyano lwabazalwana luphela.’—1 Petros 2:17.
Iindaba Ezilungileyo Ziguqula Abantu
8, 9. (a) Ziziphi iinguqulelo ezenziwa ngabo bamkela iindaba ezilungileyo? (b) Ngawaphi amava abonisa amandla eendaba ezilungileyo?
8 Iindaba ezilungileyo zinokuthanani noko uPawulos akubiza ngokuba ‘bobu bomi nobo buzayo.’ (1 Timoti 4:8) Azaneli nje ukusinika ithemba elimangalisayo neliqinisekileyo ngekamva kodwa ziphucula ‘obu bomi.’ Njengabantu ngabanye, amaNgqina kaYehova akhokelwa liLizwi likaThixo, iBhayibhile, ukuze avisisanise ubomi bawo nokuthanda kukaThixo. (INdumiso 119:101) Ubuntu bawo benziwa butsha njengoko ehlakulela iimpawu ezifana nobulungisa nokunyaniseka.—Efese 4:24.
9 Ngokomzekelo, khawucinge ngoFranco. Wayenengxaki yomsindo. Nanini na izinto zingahambi kakuhle, wayesiba lugcwabevu ngumsindo aphule izinto. Umfazi wakhe wafundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaye ngokuthe ngcembe umzekelo wawo wobuKristu wamnceda uFranco waphawula ukuba kufuneka enze iinguqulelo. Wafundisisa iBhayibhile kunye nawo yaye ekugqibeleni wakwazi ukubonakalisa iziqhamo zomoya oyingcwele, uxolo nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ubephakathi kwabangama-492 abaye babhaptizwa eBelgium ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2001. Kwakhona, khawucinge ngoAlejandro. Lo mfana waba likhoboka leziyobisi ngeyona ndlela kangangokuba wayephila ngokuhlala kwindawo yokulahla inkunkuma, akhangele nantoni na anokuyifumana, ayithengise ukuze akwazi ukuqhubeka nomkhwa wakhe wokusebenzisa iziyobisi. Xa wayeneminyaka engama-22 ubudala, amaNgqina kaYehova amcela uAlejandro ukuba afundisise iBhayibhile kunye nawo, yaye wavuma. Wayefunda iBhayibhile yonke imihla yaye wayesiya kwiintlanganiso zamaKristu. Wabucoca ngokukhawuleza ubomi bakhe kangangokuba kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezintandathu, wakwazi ukuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela ivangeli—omnye wabangama-10 115 abebeshumayela ePanama kunyaka ophelileyo.
Iindaba Ezilungileyo—Intsikelelo Kwabalulamileyo
10. Ngoobani abasabelayo kwiindaba ezilungileyo, yaye iguquka njani imbono abanayo?
10 UIsaya waprofeta esithi iindaba ezilungileyo ziya kushunyayelwa kwabalulamileyo. Ngoobani abalulamileyo? Incwadi yeZenzo ibachaza njengabo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ (IZenzo 13:48) Ngabantu abathobekileyo abafumaneka phakathi kwazo zonke iintlobo zabantu, abasamkelayo isigidimi senyaniso. Abantu abanjalo bafunda ukuba ukwenza ukuthanda kukaThixo kuzisa iintsikelelo ezizuke ukudlula nantoni na enokufumaneka kweli hlabathi. (1 Yohane 2:15-17) Noko ke, amaNgqina kaYehova azifikelela njani iintliziyo ngomsebenzi wawo wokushumayela ivangeli?
11. Ngokutsho kukaPawulos, zifanele zishunyayelwe njani iindaba ezilungileyo?
11 Khangela umzekelo kampostile uPawulos, owabhalela abaseKorinte wathi: “Xa ndeza kuni, ndivakalisa imfihlelo engcwele kaThixo, andizange ndize ngakugqithisela kwantetho okanye kwabulumko. Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu ngaphandle koYesu Kristu, naye ebethelelwe.” (1 Korinte 2:1, 2) UPawulos akazange azame ukuba abo babemphulaphule bachukumiseke ngenxa yemfundo awayenayo. Wafundisa ngenyaniso yobuthixo kuphela, nyaniso leyo namhlanje ibhalwe eBhayibhileni. Kwakhona, phawula ukuba uPawulos wakhuthaza omnye umshumayeli wevangeli, uTimoti, wathi: “Lishumayele ilizwi ngokungxamisekileyo.” (2 Timoti 4:2) UTimoti kwakufuneka ashumayele “ilizwi,” isigidimi esivela kuThixo. Kwakhona uPawulos wabhalela uTimoti wathi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.”—2 Timoti 2:15.
12. AmaNgqina kaYehova namhlanje awalandela njani amazwi nomzekelo kaPawulos?
12 AmaNgqina kaYehova alandela umzekelo kaPawulos, namazwi awawabhekisa kuTimoti. Ayawaqonda amandla eLizwi likaThixo yaye alisebenzisa ngokuzeleyo njengoko efuna ukubonisa abamelwane bawo amazwi afanelekileyo ethemba nentuthuzelo. (INdumiso 119:52; 2 Timoti 3:16, 17; Hebhere 4:12) Liyinyaniso elokuba, alusebenzisa ngokuzeleyo uncwadi olusekelwe eBhayibhileni ukuze abantu abanomdla bazizuzele ulwazi olungakumbi lweBhayibhile. Kodwa asoloko efuna ukubonisa abantu okuqulethwe ziZibhalo. Ayazi ukuba iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo liya kuzichukumisa iintliziyo zabathobekileyo. Yaye ukulisebenzisa ngale ndlela komeleza nolwawo ukholo.
“Ukuthuthuzela Bonke Abazilileyo”
13. Ngonyaka wama-2001, ziziphi iziganeko ezibangele ukuba kufuneke intuthuzelo engakumbi kwabazilileyo?
13 Ziye zehla iintlekele nakunyaka wama-2001, yaye ngenxa yoko, abantu abaninzi bebefuna intuthuzelo. Umzekelo okhwankqisayo woku wabonakala ngoSeptemba odluleyo eUnited States, xa abanqolobi baye bahlasela iWorld Trade Center eNew York nePentagon kufuphi naseWashington, D.C. Hayi indlela abaye bothuka ngayo abantu belo lizwe liphela emva kwezo ntlaselo! Kwiimeko ezinjalo, amaNgqina kaYehova azabalazela ukuphumeza uthumo lwawo ‘lokuthuthuzela bonke abazilileyo.’ Ezi ngxelo zimbalwa zamava zibonisa indlela akwenze ngayo oku.
14, 15. Ngezihlandlo ezibini ezahlukeneyo, amaNgqina akwazi njani ukusebenzisa izibhalo ngokuphumelelayo ekuthuthuzeleni abazilileyo?
14 Elinye iNgqina elingumshumayeli wexesha elizeleyo laya kwelinye inenekazi elalihamba kwindledlana yeenyawo laza lalibuza ngoko likucingayo ngeentlaselo zakutshanje zabanqolobi. Eli nenekazi laqalisa ukulila. Lathi libuhlungu kakhulu yaye linqwenela ukunikela uncedo ngandlel’ ithile. Eli Ngqina lalixelela ukuba uThixo unomdla kakhulu kuthi sonke, yaye lafunda uIsaya 61:1, 2. Loo mazwi aphefumlelwe nguThixo avakala esengqiqweni kweli nenekazi, yaye lavuma ukuba wonke ubani uzilile. Lathabatha iphecana laza lacela elo Ngqina ukuba lilityelele kwikhaya lalo.
15 AmaNgqina amabini ayebandakanyeke kumsebenzi wokushumayela adibana nendoda eyayisebenza kwishedi yayo. Acela ukuyibonisa amazwi entuthuzelo avela eZibhalweni ngokuphathelele intlekele esandul’ ukwehla eWorld Trade Center. Emva kokuba iye yavuma afunda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3-7, enamazwi athi: ‘Intuthuzelo iyaphuphuma ngoKristu.’ Le ndoda yavakalisa umbulelo kakhulu ngenxa yokuba abamelwane bayo abangamaNgqina babethuthuzela abantu yaza yathi: “Wanga uThixo angawusikelela umsebenzi wenu omhle eniwenzayo.”
16, 17. Ziziphi iingxelo ezimbini zamava ezibonisa indlela iBhayibhile enamandla ngayo ekuncedeni abantu abanxungupheleyo okanye abakhathazekileyo ngenxa yeentlekele?
16 Elinye iNgqina elalibuyela kubantu abanomdla ladibana nonyana welinye ibhinqa elalibonakalise umdla ngaphambili laza lachaza ukuba lixhalabile ngemeko yabamelwane emva kwentlekele esandul’ ukwehla. Le ndoda yamangaliswa kukuba eli Ngqina lityelele abantu ngexesha lalo ukuhlola ukuba banjani na. Le ndoda yachaza ukuba yayisebenza kufuphi kakhulu neWorld Trade Center ngexesha loko kuhlaselwa yaye yayibona yonke into eyayiqhubeka. Yabuza isizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka, yaye elo Ngqina lafunda iindinyana ezithile eBhayibhileni, kuquka INdumiso 37:39, ethi: “Usindiso lwamalungisa luvela kuYehova; uyinqaba yawo ngexesha lokubandezeleka.” Le ndoda yabuza ngobubele ukuba injani intsapho yelo Ngqina, yalimema ukuba liphinde libuye, yaza yavakalisa umbulelo ngolo tyelelo.
17 Omnye wabantu abangamawaka abazilileyo abathuthuzelwa ngamaNgqina kaYehova kwiintsuku ezilandelayo emva kokuhlaselwa ngabanqolobi, linenekazi elafunyanwa ngamaNgqina ngoxa ayetyelela abamelwane bawo. Lalikhathazeke gqitha ngenxa yeso siganeko laza laphulaphula njengoko ayefunda INdumiso 72:12-14: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo nabani na ongenamncedi. Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa. Uya kuwukhulula umphefumlo wabo kwingcinezelo nakugonyamelo. Negazi labo liya kuxabiseka emehlweni akhe.” Hayi indlela anentsingiselo ngayo loo mazwi! Eli nenekazi lacela la maNgqina ukuba alifundele ezi ndinyana ngokuphindaphindiweyo laza lawamema ukuba angene endlwini yalo ukuze baqhubeke nengxubusho. Yathi iphela loo ncoko kwabe sele kuqaliswe isifundo seBhayibhile.
18. Elinye iNgqina labanceda njani abamelwane balo xa lacelwa ukuba lithandaze?
18 Elinye iNgqina lisebenza kwivenkile yokutyela kwindawo ehlala abantu abemi kakuhle apho ngaphambili abantu bebengabonisi mdla kangako kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani. Emva kokuhlasela kwabanqolobi, bonke abantu babonakala bothukile. Ngokuhlwa, ngoLwesihlanu emva kwaloo ntlaselo, umphathi wale venkile yokutyela wacela wonk’ ubani ukuba aphume athabathe amakhandlela, baze bazole okomzuzwana ukuze kunikelwe imbeko kumaxhoba. Lihlonela indlela abavakalelwa ngayo, eli Ngqina laphuma laza lathi cwaka lema kwindledlana yeenyawo. Umphathi wale venkile wayesazi ukuba lo mfo ngumlungiseleli oliNgqina likaYehova, ngoko emva kokuba lidlule elo xesha lokunikela loo mbeko, umphathi wacela lo mfo ukuba athandaze egameni labo bonke abo babelapho. Eli Ngqina lavuma. Kumthandazo walo, lakhankanya ukuba abantu abaninzi bazilile kodwa lathi abo bazilileyo abafanele babe buhlungu njengabantu abangenathemba. Lathetha ngexesha apho zingayi kwenzeka iziganeko ezoyikeka ngolo hlobo laza lathi bonke abantu banokusondela kuThixo wentuthuzelo ngokungenisa ulwazi oluchanileyo oluseBhayibhileni. Emva kokuba lithe “Amen,” umphathi wevenkile—elandelwa ngabantu abangaphezu kwama-60 ababengaphandle kwevenkile yokutyela—weza kweli Ngqina, walibulela, walanga, esithi uyaqala ukuva umthandazo onjalo.
Intsikelelo Kubantu Basekuhlaleni
19. Ngawaphi amava abonisa ukuba abanye bayayiphawula imilinganiselo ephakamileyo aphila ngayo amaNgqina kaYehova?
19 Ngokukodwa kule mihla, kwiindawo apho amaNgqina kaYehova ashumayela ngokukhululekileyo, abantu bezo ndawo bayangenelwa ngenxa yokubakho kwawo—njengoko abaninzi beye batsho. Bebenokuthini ukungabi nampembelelo intle abantu abakhuthaza uxolo, ukunyaniseka nokuziphatha kakuhle? Kwelinye ilizwe elikuMbindi Asia, amaNgqina adibana nowayesakuba ligosa likarhulumente lezokhuseleko, owayesidla umhlala-phantsi. Wathi wakha wanikwa umsebenzi wokuba enze uphando ngeentlangano ezahlukahlukeneyo zonqulo. Xa wayephanda ngamaNgqina kaYehova, wachukumiseka kukunyaniseka nokuziphatha kakuhle kwawo. Wawancoma ngokuba nokholo olomeleleyo nangenxa yokuba iimfundiso zawo zisekelwe eZibhalweni. Le ndoda yasamkela isifundo seBhayibhile.
20. (a) Ingxelo yonyaka ophelileyo yomsebenzi owenziwe ngamaNgqina kaYehova ibonisa ntoni? (b) Yintoni ebonisa ukuba usemninzi umsebenzi ofanele ukwenziwa, yaye siligqala njani ilungelo esinalo lokushumayela?
20 Ngokusuka kwiingxelo ezimbalwa zamava abaliswe kweli nqaku, athatyathwe kumawaka eengxelo zamava ebenokubaliswa, licacile elokuba amaNgqina kaYehova ebexakeke gqitha ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2001.a Aye athetha nezigidi zabantu, athuthuzela abaninzi abebezilile yaye umsebenzi wawo wokushumayela uye wasikelelwa. Bangama-263 431 abaye bafuzisela uzahlulelo lwabo kuThixo ngokubhaptizwa. Ehlabathini lonke, inani labashumayeli liye landa ngesi-1,7 ekhulwini. Yaye isibakala sokuba abazizi-15 374 986 bebeze eSikhumbuzweni sokufa kukaYesu sibonisa ukuba usemninzi umsebenzi ofanele ukwenziwa. (1 Korinte 11:23-26) Ngamana singaqhubeka sifuna abalulamileyo, abasabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo. Logama nje unyaka wenkoliseko kaYehova usaqhubeka, ngamana singaqhubeka sibathuthuzela “abantliziyo zaphukileyo.” Elinjani ukusikeleleka ilungelo esinalo! Ngokuqinisekileyo, sonke sivumelana namazwi kaIsaya athi: “Nakanjani na ndiya kugcoba ngoYehova. Umphefumlo wam uya kuvuya ngoThixo wam.” (Isaya 61:10) Ngamana uThixo angaqhubeka esisebenzisa njengoko ezalisekisa amazwi esiprofeto athi: ‘INkosi enguMongami uYehova iya kuhlumisa ubulungisa nendumiso phambi kwazo zonke iintlanga.’—Isaya 61:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a Isicangca esikwiphepha 19 ukusa kwiphepha 22 sibonisa ingxelo yomsebenzi wamaNgqina kaYehova ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2001.
Ngaba Usakhumbula?
• Abantu abalulamileyo basikelelwa njani ngenxa yeendaba ezilungileyo ezazishunyayelwa nguYesu?
• Ziziphi iintsikelelo ezafunyanwa ngabo basabela kakuhle kumsebenzi wokushumayela owawusenziwa ngabafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala?
• Abo baye basabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo namhlanje baye basikelelwa njani?
• Siligqala njani ilungelo esinalo lokuba ngabashumayeli bevangeli?
[Isicangca esikwiphepha 19-22]
INGXELO YONYAKA WENKONZO WAMA-2001 YAMANGQINA KAYEHOVA EHLABATHINI LONKE
(Bona imiqulu)
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
AmaNgqina kaYehova asoloko eyikhumbula imbopheleleko anayo yokushumayela ivangeli
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Abo basabela kakuhle kwiindaba ezilungileyo baba yinxalenye yabazalwana abamanyeneyo emhlabeni wonke