IZenzo Zabapostile
26 UAgripa+ wathi kuPawulos: “Ungazithethelela.” Emva koko uPawulos waphakamisa isandla sakhe waza wazithethelela esithi:
2 “Ndiyavuya Kumkani uAgripa kuba ndiza kuzithethelela kuwe namhlanje ngazo zonke izinto andityhola ngazo amaYuda.+ 3 Eyona nto indivuyisayo kukuba uwazi kakuhle amasiko kunye nezinto eziba yingxaki kumaYuda. Ngoko ke ndicela undinyamezele njengoko ndithetha.
4 “Indlela endandibuphila ngayo ubomi bam phakathi kwabantu bakuthi naseYerusalem ukususela ebuntwaneni yaziwa kakuhle ngawo onke amaYuda+ 5 awayendiqhelile. Ukuba ebefuna ebeza kukuxelela ukuba ndandingumFarisi.+ AbaFarisi balelona qela lingqongqo+ kwinkonzo yamaYuda. 6 Kodwa ngoku ndibekwa ityala ngenxa yokuba nethemba kwisithembiso uThixo awasenzayo kookhokho bethu;+ 7 izizwe zethu eziyi-12 zikhonza uThixo ubusuku nemini kuba zifuna ukuyibona isenzeka loo nto ayithembisileyo. AmaYuda andimangalela ngenxa yeli themba+ ke Kumkani.
8 “Kutheni ningakholelwa nje ukuba uThixo uyabavusa abantu abafileyo? 9 Mna lo ndandiqinisekile ukuba kufuneka ndenze yonke into ukuze ndilwe negama likaYesu umNazarete. 10 Ndenza kanye loo nto eYerusalem, ndaza ndabaphosa ejele abaninzi kwabo bangcwele+ kuba ndandinikwe imvume ngababingeleli abaziintloko;+ ndandivotela ukuba babulawe. 11 Ndandisoloko ndibohlwaya kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda,* ndizama ukubenza balulahle ukholo lwabo. Ekubeni ndandibakhohlakalele nyhani, ndandide ndiyokubatshutshisa nakwizixeko ezingaphandle.
12 “Ndathi ndisaqhubeka naloo nto, ndisendleleni eya eDamasko, ndinikwe imvume ngababingeleli abaziintloko, 13 emini, endleleni, ndabona ukukhanya okukhulu okuvela ezulwini, Kumkani, kusogqitha nokukhanya kwelanga. Kwalayita kum nakubantu endandihamba nabo.+ 14 Sonke sawa phantsi ndaza ndeva ilizwi lithetha nam ngesiHebhere lisithi: ‘Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje? Uza kwenzakala njengokuba usilwa nam.’* 15 Ndathi: ‘Ungubani Nkosi yam?’ Yathi iNkosi: ‘NdinguYesu, lo umtshutshisayo. 16 Kodwa phakama ume ngeenyawo. Ndizibonakalisile kuwe kuba ndikukhethile ukuba ube ngumkhonzi wam uze uthethe ngezinto ozibonileyo nezinto endiseza kukubonisa zona ngam.+ 17 Ndiza kukuhlangula kwesi sizwana nakwiintlanga endikuthuma kuzo+ 18 ukuba uvule amehlo azo,+ uzisuse ebumnyameni+ uzise ekukhanyeni,+ uzisuse phantsi kukaSathana uzise kuThixo,+ ukuze zixolelwe izono zazo+ zize zifumane ilifa kunye nabantu abangcwalisiweyo kuba bekholwa kum.’
19 “Ngoko ke Kumkani uAgripa, ndawuthobela umbono wasezulwini. 20 Ndaqala eDamasko,+ ndaya eYerusalem,+ ndalihamba lonke elakwaYuda ndaza emva koko ndaya ezintlangeni, ndishumayela umyalezo othi abantu bamele baguquke baze bakhonze uThixo ngokwenza izinto ezibonisa ukuba baguqukile.+ 21 Yiloo nto ke amaYuda andibamba etempileni aza azama ukundibulala.+ 22 Kodwa ke ngenxa yokuba ndibonile ukuba uThixo undincedile, ndisaqhubeka ndishumayela kwabancinci nakwabakhulu, ndithetha kuphela ngezinto ababethe abaProfeti noMoses ziza kwenzeka,+ 23 ezikukuba uKristu wayeza kunyamezela ubunzima,+ yaye ekubeni wayeza kuba ngowokuqala ukuvuswa,+ wayeza kushumayela azise ukukhanya kwesi sizwana nakwiintlanga.”+
24 Njengoko wayethetha ezi zinto ezithethelela, uFesto wakhwaza wathi: “Uyaphambana, Pawulos! Ukufunda kakhulu kuyakuphambanisa!” 25 Kodwa uPawulos wathi: “Andiphambani, Festo Ohloniphekileyo, kodwa le nto ndiyithethayo yinyaniso, yaye ndithetha ndisezingqondweni. 26 Nangoku, ndikhululekile xa ndithetha nokumkani, kuba uzazi kakuhle ezi zinto; ndiqinisekile ukuba akukho nenye angayiqondiyo kuba akukho nto ibifihlwa.+ 27 Uyakholelwa na kubaProfeti Kumkani uAgripa? Phofu ndiyazi ukuba uyakholelwa.” 28 Kodwa uAgripa wathi kuPawulos: “Ngexesha nje elifutshane ubuza kundiguqula ndibe ngumKristu.” 29 Ngoko uPawulos wathi: “Umthandazo wam kuThixo kukuba, nokuba kuthatha ixesha elifutshane okanye elide, ingabi nguwe wedwa kodwa bonke abantu abandimameleyo namhlanje bafane nam, qha nje bangabi nawo la matsheyini.”
30 Emva koko ukumkani waphakama, kwalandela umlawuli, uBhernike kunye namadoda awayehleli nabo. 31 Kodwa endleleni babencokola besithi: “Le ndoda ayenzanga nto enokude ibangele ukuba ibulawe okanye ivalelwe ejele.”+ 32 UAgripa wathi kuFesto: “Le ndoda ngeyikhululwe ukuba ibingabhenelanga kuKesare.”+