Nceda Abanye Bamkele Isigidimi SoBukumkani
“UAgripa wathi kuPawulos: ‘Ngexesha elifutshane ubuya kundeyisela ekubeni ndibe ngumKristu.’”—IZENZO 26:28.
1, 2. Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos amangalelwe kwiRhuluneli uFesto nakuKumkani uHerode Agripa II?
EKESAREYA ngowama-58 C.E., iRhuluneli engumRoma uPorkiyo Festo yayityelelwe nguKumkani uHerode Agripa II nodade wabo omncinane uBhernike. Babemenywe yiRhuluneli uFesto yaye bangena ‘benobuyokoyoko obuninzi kwigumbi labaphulaphuli ndawonye nabaphathi-mikhosi kwakunye namadoda anobuhandiba esixekweni.’ Ngokomyalelo kaFesto, umpostile uPawulos owayengumKristu weziswa ngaphambili. Kwenzeka njani ukuba umlandeli kaYesu Kristu eme phambi kwesihlalo sokugweba seRhuluneli uFesto?—IZenzo 25:13-23.
2 Oko uFesto akuxelela iindwendwe zakhe kuphendula lo mbuzo. Wathi: “Kumkani Agripa nani nonke madoda akhoyo kunye nathi, lo mntu nimbona apha ukhalazelwe yiyo yonke inkitha yamaYuda eYerusalem nalapha, ikhwaza isithi akasafanele kuphila. Kodwa ndaqonda ukuba akenzanga nto ifanele ukufa. Ngoko xa lo mntu ngokwakhe wabhenela kuLowo uyiNgangamsha, ndagqiba kwelokuba ndimthumele. Kodwa ngokuphathelele yena andinanto iqinisekileyo endingayibhalela yona iNkosi yam. Ngoko ke ndimzise phambi kwenu, yaye ngokukodwa phambi kwakho, Kumkani Agripa, ukuze, emva kokuvavanywa kwetyala, ndibe nento endingayibhalayo. Kuba kubonakala kungekho ngqiqweni kum ukuthumela ibanjwa ndize ndingazibonisi izimangalo ezinxamnye nalo.”—IZenzo 25:24-27.
3. Kwakutheni ukuze iinkokeli zonqulo zimangalele uPawulos?
3 Amazwi kaFesto abonisa ukuba uPawulos wayemangalelwa ngokudala uqhushululu—tyala elo awayenokugwetyelwa ukufa ngalo. (IZenzo 25:11) Noko ke, uPawulos wayemsulwa. Ezi zimangalo zazivela kwiinkokeli zonqulo zaseYerusalem ezazibhuqwa ngumona. Zawuchasa umsebenzi kaPawulos njengomvakalisi woBukumkani, zazikucaphukela ukunceda kwakhe abanye ukuze babe ngabalandeli bakaYesu Kristu. Engaphantsi kokhuseleko oluluqilima, uPawulos wanduluka eYerusalem wasinga kwizibuko laseKesareya, apho wabhenela kuKesare. Kulapho wayeza kundulukela khona ukusinga eRoma.
4. Ngawaphi amazwi achukumisayo awathethwa nguKumkani uAgripa?
4 Khawube nomfanekiso-ngqondweni kaPawulos ekwibhotwe lerhuluneli emi phambi kweqela lamadoda elaliquka umlawuli wenxalenye ebalulekileyo yoBukhosi bamaRoma. UKumkani uAgripa ekhangele kuPawulos uthi: “Uvunyelwe ukuba uzithethelele.” Njengoko wayetyatyadula uPawulos, kwenzeka into engaqhelekanga. Oko wayekuthetha uPawulos kwachukumisa ukumkani. Kakade ke, uKumkani uAgripa wathi: “Ngexesha elifutshane ubuya kundeyisela ekubeni ndibe ngumKristu.”—IZenzo 26:1-28.
5. Yintoni eyamenza waphumelela uPawulos xa wayezithethelela kuAgripa?
5 Khawufan’ ucinge! Ngenxa yokuzithethelela kukaPawulos ngobuchule, umlawuli wachukunyiswa liLizwi likaThixo elinamandla. (Hebhere 4:12) Yintoni eyakwenza kwaphumelela ngolo hlobo ukuzithethelela kukaPawulos? Yaye yintoni esinokuyifunda kuPawulos enokusinceda kumsebenzi wokwenza abafundi? Xa sihlalutya ukuzithethelela kwakhe, zimbini iingongoma ezibalaseleyo: (1) UPawulos wayeseyisela xa eshumayela. (2) Walusebenzisa kakuhle ulwazi lweLizwi likaThixo, kanye njengokuba umkroli ezisebenzisa ngobugcisa izixhobo zakhe.
Sebenzisa Ubugcisa Bokweyisela
6, 7. (a) Njengoko lisetyenziswe eBhayibhileni, igama elithi “ukweyisela” lithetha ntoni? (b) Kunayiphi indima ukweyisela xa kuncedwa abanye bamkele imfundiso yeBhayibhile?
6 Kwincwadi yeZenzo, amagama esiGrike athetha ukweyisela adla ngokusetyenziswa xa kuthethwa ngoPawulos. Sinokubusebenzisa njani ubugcisa bokweyisela kumsebenzi wethu wokwenza abafundi?
7 Kulwimi lwamandulo lweZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, “ukweyisela” kuthetha “ukuzuza” okanye “ukuguqula ingqondo ngokusebenzisa ingqiqo okanye ukuqwalasela imilinganiselo yokuziphatha ebandakanyekileyo,” ngokutsho kweVine’s Expository Dictionary of New Testament Words. Ukuhlolisisa ingcambu yeli gama kuyasikhanyisela. Lithetha intembelo. Ngoko ke ukuba weyisela umntu ukuba amkele imfundiso yeBhayibhile, uzuze intembelo yakhe, ukuze akholelwe ubunyaniso baloo mfundiso. Ngokucacileyo, akwanelenga ukuxelela umntu oko kuthethwa yiBhayibhile ukuze ayikholelwe enze ngokuvisisana nayo. Umphulaphuli wakho ufanele eyiseke ukuba oko ukuthethayo kuyinyaniso, enoba loo mntu ngumntwana, ngummelwane wakho, ngumntu osebenza naye, ofunda naye esikolweni okanye sisalamane.—2 Timoti 3:14, 15.
8. Yintoni efunekayo xa useyisela umntu kwinyaniso yeZibhalo?
8 Unokumeyisela njani umntu ukuze aqonde ukuba oko ukucaphula eLizwini likaThixo kuyinyaniso? Ngokusebenzisa ingqiqo, izibakala ezivakalayo nangokubongoza, uPawulos wazama ukuguqula iingqondo zabantu awayethetha nabo.a Kunokusuka nje uthi into ethile yinyaniso, kufuneka ubungqina obaneleyo ukuze uxhase oko ukuthethayo. Kunokwenziwa njani oku? Qiniseka ukuba oko ukuthethayo kusekelwe eLizwini likaThixo ngokupheleleyo, akusekelwanga kuluvo lwakho. Kwakhona, sebenzisa ubungqina obungakumbi ukuze uxhase iSibhalo oye wasisebenzisa. (IMizekeliso 16:23) Ngokomzekelo, ukuba uthi uluntu oluthobelayo luza kunandipha ubomi kumhlaba oyiparadesi, xhasa loo ngxelo ngeZibhalo ezinjengoLuka 23:43 okanye uIsaya 65:21-25. Ungabufumana phi ubungqina obungakumbi bokuxhasa iSibhalo osikhethileyo? Unokusebenzisa imizekelo abayaziyo abaphulaphuli bakho. Usenokubakhumbuza ngokutshona kwelanga okuthi ndijonge nokubukelwa simahla ungakhuphanga nesent’ emdaka, intyatyambo enevumba elimnandi, isiqhamo esiluncuthu okanye umbono ochukumisayo wentaka efunzela amantshontsho ayo. Mncede abone ukuba izinto ezinjalo zibubungqina bokuba uMdali ufuna sinandiphe ubomi apha emhlabeni.—INtshumayeli 3:11, 12.
9. Sinokukubonisa njani ukuba nengqiqo kumsebenzi wethu wokushumayela?
9 Xa uzama ukweyisela umntu ukuba aqonde imfundiso ethile yeBhayibhile, lumka ihlombe lakho lingakwenzi uvakale ngathi awunangqiqo, nto leyo enokuvala ingqondo nentliziyo yalowo ukuphulaphuleyo. Incwadi yeSikolo Sobulungiseleli ilumkisa isithi: “Ukuhl’ entloko xa siyibhenca njengebubuxoki imfundiso ethandwa ngumntu esithetha naye, kwanaxa sixhasa ngothotho lweZibhalo, kudla ngokungamkelwa kakuhle. Ngokomzekelo, ukuba imibhiyozo ethandwayo iyagxijwa njengevela kubahedeni, loo nto isenokungayiguquli indlela loo mntu sithetha naye avakalelwa ngayo ngaloo mbhiyozo. Ukuqiqa kudla ngokuba nempumelelo engakumbi.” Kutheni simele senze umgudu wokuba sibe nengqiqo? Incwadi YeSikolo ithi: “Ukuqiqa kukhuthaza ingxubusho, kushiya abantu becinga, yaye kuvula ithuba lokuba kuncokolwe kwakhona kwixa elizayo. Kunokuba namandla ekweyiseleni abantu.”—Kolose 4:6.
Ukweyisela Okufikelela Intliziyo
10. UPawulos wayitshayelela njani ingxubusho yakhe noAgripa?
10 Makhe sihlalutye indlela awazithethelela ngayo uPawulos kwincwadi yeZenzo isahluko 26. Qwalasela indlela awayiqalisa ngayo ingxubusho yakhe. Xa wayetshayelela ingxubusho yakhe, uPawulos waqala ngokumncoma uAgripa, nangona lo kumkani wayehletywa ngokwenza umbulo nodade wayo uBhernike. Wathi uPawulos: “Ngokuphathelele zonke izinto endimangalelwa ngazo ngamaYuda, Kumkani Agripa, ndizibalela ekuthini ndinoyolo ekubeni ndiza kuzithethelela phambi kwakho ngalo mhla, ngokukodwa njengoko uyingcali kuwo onke amasiko kwakunye neembambano eziphakathi kwamaYuda. Ngoko ke ndiyakubongoza ukuba undive ngomonde.”—IZenzo 26:2, 3.
11. UPawulos wabonisa njani ngamazwi akhe ukuba wayemhlonela uAgripa, kwaye yiyiphi ingenelo awayifumanayo?
11 Ngaba uyaphawula ukuba uPawulos wasigqala isikhundla esiphakamileyo sika-Agripa ngokuthi xa embiza Kumkani? Oku yayikukubonisa imbeko, ngokuwakhetha kakuhle amagama uPawulos wamhlonela uAgripa. (1 Petros 2:17) Umpostile wayeqonda ukuba uAgripa wayeyingcali yomthetho namasiko antsonkothileyo amaYuda awayephantsi kwakhe waza wathi wayekuvuyela ukuzithethelela ngaphambi komlawuli oyinkunkqele njengaye. Ekubeni uPawulos wayengumKristu, akazange aziphathe ngokungathi wayebhetele kunoAgripa, owayengengomKristu. (Filipi 2:3) Kunoko, uPawulos wambongoza ukumkani ukuba amphulaphule ngomonde. Ngaloo ndlela, uPawulos wenza kwaba lula kuAgripa, nakwabanye ababeza kumphulaphula, ukukwamkela oko wayeza kukuthetha. Wabeka isiseko sengxubusho yakhe.
12. Xa sikumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani, sinokuzifikelela njani iintliziyo zabaphulaphuli bethu?
12 Kanye njengoPawulos owayezithethelela kuAgripa, ukususela kwintshayelelo ukusa kumqukumbelo wesigidimi sethu soBukumkani, masizame ukufikelela iintliziyo zabaphulaphuli. Singakwenza oku ngokumhlonela ngokunyanisekileyo loo mntu sishumayela kuye ngokubonisa umdla onyanisekileyo kwimvelaphi yakhe nakwindlela acinga ngayo.—1 Korinte 9:20-23.
Lisebenzise Kakuhle ILizwi LikaThixo
13. Unokubachukumisa njani abaphulaphuli bakho njengoPawulos?
13 UPawulos wayefuna ukuchukumisa abaphulaphuli bakhe ukuze benze ngokuvisisana neendaba ezilungileyo. (1 Tesalonika 1:5-7) Ngaloo ndlela, wafikelela iintliziyo zabo zokomfuziselo, owona mthombo wentshukumisa. Njengoko sixubusha ngokuzithethelela kukaPawulos ngaphambi kuka-Agripa, phawula indlela uPawulos ‘awaliphatha ngokufanelekileyo ngayo iLizwi likaThixo’ malunga nezinto ezazithethwe nguMoses nabaprofeti.—2 Timoti 2:15.
14. Chaza indlela uPawulos awakusebenza ngayo ukweyisela xa wayezithethelela kuAgripa.
14 UPawulos wayesazi ukuba uAgripa wayengumYuda nje ngegama. Esebenzisa ulwazi awayenalo uAgripa ngobuYuda, uPawulos wathi xa wayeshumayela akazange athethe ‘nto ngaphandle kwezinto abazixelayo abaProfeti kwakunye noMoses ukuba zaziza kwenzeka’ ezaziphathelele ukufa kukaMesiya nokuvuka kwakhe. (IZenzo 26:22, 23) Ethetha noAgripa ngokungqalileyo, uPawulos wabuza: “Uyakholelwa na, Kumkani Agripa, kubaProfeti?” Wamfak’ ekoneni lo mbuzo uAgripa. Kuba ukuba wayethe akabakholelwa abaprofeti, ukukholelwa kwakhe ebuYudeni kwakuza kuthandabuzeka. Kodwa ukuba wayevumelana nendlela awayeqiqa ngayo uPawulos, wayeya kuba ukuvuma esidlangalaleni oko kwakuthethwa ngumpostile kwaye kwakuza kuthiwa ungumKristu. Ngobulumko uPawulos wawuphendula ngokwakhe lo mbuzo, ngokuthi: “Ndiyazi ukuba uyakholelwa.” Wathini uAgripa? Wathi: “Ngexesha elifutshane ubuya kundeyisela ekubeni ndibe ngumKristu.” (IZenzo 26:27, 28) Nangona uAgripa engazange abe ngumKristu, ngokuqinisekileyo uPawulos wamfikelela intliziyo.—Hebhere 4:12.
15. Waliqalisa njani ibandla laseTesalonika uPawulos?
15 Ngaba uye waphawula ukuba xa uPawulos wayevakalisa iindaba ezilungileyo wayeshumayela aze eyisele? Ekubeni uPawulos ‘wayeliphatha ngokufanelekileyo iLizwi likaThixo,’ abanye babo babemphulaphule bayeka ukuba ngabaphulaphuli nje kodwa baba ngamakholwa. Oku kwaba njalo eTesalonika, xa uPawulos wayefuna amaYuda nabantu beeNtlanga ababesoyika uThixo kwindlu yesikhungu. Ingxelo ekwiZenzo 17:2-4 ithi: “Ngokwesiko likaPawulos wangena ngaphakathi kuwo, yaye kangangeesabatha ezintathu waqiqa nawo ngeZibhalo, ecacisa yaye engqina ngeembekiselo ukuba kwakuyimfuneko ngoKristu ukubandezeleka nokuvuka kwabafileyo . . . Ngokomphumo bambi babo baba ngamakholwa.” UPawulos wayeseyisela. Wayeqiqa ecacisa yaye engqina ngeZibhalo ukuba uYesu wayenguMesiya ekwakukudala ethenjisiwe. Waba yintoni umphumo? Kwasekwa ibandla lamakholwa.
16. Unokulufumana njani uvuyo olungakumbi ngokushumayela ngoBukumkani?
16 Ngaba unokuhlakulela ubugcisa obungakumbi bokweyisela xa ucacisa iLizwi likaThixo? Ukuba kunjalo, uya kufumana ulwaneliseko novuyo olungakumbi kumsebenzi wakho wokushumayela nowokufundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo. Kuye kwaba njalo kubavakalisi beendaba ezilungileyo abaye basebenzisa amacebiso okuba bayisebenzise iBhayibhile kumsebenzi wokushumayela.
17. Ukuze ubonise indlela ekuluncedo ngayo ukusebenzisa iBhayibhile kubulungiseleli, balisa amava oye wawafumana okanye ucaphule la asesiqendwini.
17 Ngokomzekelo, umveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova wabhala: “Iqela labazalwana noodade ngoku lisebenzisa iBhayibhile xa lishumayela kwindlu ngendlu. Oku kuye kwaphumela ekubeni abavakalisi balufundele isibhalo uninzi lwabantu abadibana nalo. Kuye kwanceda abavakalisi nabaninimzi baqonda ukuba umsebenzi wethu wokushumayela asiwenzi ngamaphephancwadi neencwadi kunoko ngeBhayibhile.” Enoba iBhayibhile siyiphatha ngesandla xa sishumayela kuya kuxhomekeka kwiimeko nakwizithethe sasekuhlaleni. Noko ke, sifanele sizame ukulisebenzisa ngobugcisa iLizwi likaThixo ukuze seyisele abanye basamkele isigidimi soBukumkani.
Yiba Nembono KaThixo Ngobulungiseleli
18, 19. (a) Ubujonga njani ubulungiseleli bethu uThixo, yaye kutheni sifanele sihlakulele imbono yakhe? (b) Yintoni eya kusinceda sibuyele ngempumelelo? (Bona ibhokisi enomxholo othi “Indlela Yokubuyela Ephumelelayo,” kwiphepha 16.)
18 Enye indlela esinokuzifikelela ngayo iintliziyo zabaphulaphuli bethu kukubujonga ngendlela uThixo abujonga ngayo ubulungiseleli size sibe nomonde. Ukuthanda kukaThixo kukuba zonke iintlobo zabantu “zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:3, 4) Ngaba asingomnqweno wethu lowo? UYehova unomonde, yaye umonde wakhe uvula ithuba lokuba abantu abaninzi baguquke. (2 Petros 3:9) Ngaloo ndlela, xa sifumana umntu okulungeleyo ukuphulaphula isigidimi soBukumkani, kusenokufuneka ukuba sibuyele izihlandlo ngezihlandlo ukuze sihlakulele umdla wakhe. Kufuneka ixesha nomonde ukuze imbewu yenyaniso ikhule. (1 Korinte 3:6) Ibhokisi ehamba neli nqaku enomxholo othi “Indlela Yokubuyela Ephumelelayo” inikela amacebiso okuhlakulela umdla. Khumbula ukuba ubomi babantu—iingxaki nemeko zabo—zisoloko ziguquka. Kusenokufuneka ubuyele kaninzi ukuze ubafumane ekhaya, kodwa ufanelekile loo mgudu. Sifuna ukubanika ithuba lokuba beve isigidimi sikaThixo sosindiso. Ngoko ke, thandaza kuYehova uThixo ukuze ufumane ubulumko bokukhulisa ubugcisa bakho bokweyisela kumsebenzi wakho wokunceda abanye bamkele isigidimi soBukumkani.
19 Xa siye samfumana umntu onqwenela ukuva okungakumbi ngesigidimi soBukumkani, yintoni esinokuyenza njengabasebenzi abangamaKristu? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha oko.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokweyisela, bona isifundo 48 nesama-49 sencwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Uyakhumbula Na?
• Yintoni eyamenza waphumelela uPawulos xa wayezithethelela ngaphambi kukaKumkani uAgripa?
• Sinokuyifikelela njani intliziyo isigidimi sethu?
• Yintoni eya kusinceda silisebenzise kakuhle iLizwi likaThixo ukuze sifikelele iintliziyo?
• Sinokubujonga njani ngembono kaThixo ubulungiseleli?
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 16]
Indlela Yokubuyela Ephumelelayo
• Yiba nomdla onyanisekileyo ebantwini.
• Khetha umxholo obangel’ umdla uze uwuxubushe.
• Yenza umninimzi alulangazelele utyelelo olulandelayo.
• Qhubeka ucinga ngaloo mntu emva kokuba nahlukene.
• Buyela ngokukhawuleza, mhlawumbi emva kosuku olunye okanye ezimbini, ukuze uhlakulele umdla.
• Hlala ukhumbula ukuba injongo yakho kukuqalisa isifundo seBhayibhile.
• Thandazela ukuba uYehova awukhulise umdla.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UPawulos wasebenzisa ukweyisela xa weyezithethelela ngaphambi kweRhuluneli uFesto noKumkani uAgripa