Genesis
5 Le yincwadi yembali ka-Adam. Mhla uThixo wadala uAdam, wamenza ngokufana noThixo.+ 2 Wadala indoda nomfazi.+ Ngemini abadalwa ngayo+ wabasikelela waza wababiza ngokuthi uMntu.*
3 Xa uAdam wayeneminyaka eyi-130, wazala unyana owayenjengaye, wambiza ngokuba nguSete.+ 4 Emva koko, uAdam waphila iminyaka eyi-800. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 5 Ngoko uAdam wafa eneminyaka eyi-930.+
6 Xa uSete wayeneminyaka eyi-105, wazala uEnoshi.+ 7 Emva koko, uSete waphila iminyaka eyi-807. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 8 Ngoko uSete wafa eneminyaka eyi-912.
9 Xa uEnoshi wayeneminyaka eyi-90, wazala uKenan. 10 Emva koko, uEnoshi waphila iminyaka eyi-815. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 11 Ngoko uEnoshi wafa eneminyaka eyi-905.
12 Xa uKenan wayeneminyaka eyi-70, wazala uMahalaleli.+ 13 Emva koko, uKenan waphila iminyaka eyi-840. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 14 Ngoko uKenan wafa eneminyaka eyi-910.
15 Xa uMahalaleli wayeneminyaka eyi-65, wazala uYaredi.+ 16 Emva koko, uMahalaleli waphila iminyaka eyi-830. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 17 Ngoko uMahalaleli wafa eneminyaka eyi-895.
18 Xa uYaredi wayeneminyaka eyi-162, wazala uEnoki.+ 19 Emva koko, uYaredi waphila iminyaka eyi-800. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 20 Ngoko uYaredi wafa eneminyaka eyi-962.
21 Xa uEnoki wayeneminyaka eyi-65, wazala uMethusela.+ 22 Emva koko, uEnoki waqhubeka ehamba noThixo wokwenene iminyaka eyi-300. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 23 Ngoko uEnoki wafa eneminyaka eyi-365. 24 UEnoki waqhubeka ehamba noThixo wokwenene.+ Emva koko wanyamalala kuba uThixo wamthatha.+
25 Xa uMethusela wayeneminyaka eyi-187, wazala uLameki.+ 26 Emva koko, uMethusela waphila iminyaka eyi-782. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 27 Ngoko uMethusela wafa eneminyaka eyi-969.
28 Xa uLameki wayeneminyaka eyi-182, wazala unyana. 29 Wathi nguNowa,*+ watsho esithi: “Lo uza kusithuthuzela* ekubulalekeni kwethu nasekuveni kwezandla zethu intlungu ngenxa yomhlaba awuqalekisileyo+ uYehova.” 30 Emva koko, uLameki waphila iminyaka eyi-595. Wayenabo nabanye oonyana neentombi. 31 Ngoko uLameki wafa eneminyaka eyi-777.
32 Xa uNowa wayeneminyaka eyi-500, wazala uShem,+ uHam+ noYafete.+