Hamba NoThixo Kula Maxesha Eziphithiphithi
“UEnoki wahlala ehamba noThixo oyinyaniso. Wandula ke wanyamalala, kuba uThixo wamthabatha.”—GENESIS 5:24.
1. Ziziphi ezinye zezinto ezisithwaxayo kula maxesha eziphithiphithi?
AMAXESHA eziphithiphithi! Lawo ngamaxesha ezixholoxholo nogonyamelo oluye lwathwaxa uluntu ukususela ekumiselweni koBukumkani obungoMesiya ngowe-1914. Ebudeni balo lonke elo xesha, abantu bebephila ‘kwimihla yokugqibela.’ Baye bangamaxhoba endlala, izifo, iinyikima zomhlaba neemfazwe ezingathethekiyo. (2 Timoti 3:1; ISityhilelo 6:1-8) Oku kuye kwabachaphazela nabanquli bakaYehova. Sisonke nje siyabuva ubunzima bala maxesha, abanye babuva kancinane, abanye kakhulu. Ezinye zezinto ezenza ubomi bube nzima, kukungabi namali, izidubedube zezobupolitika, ulwaphulo-mthetho, nokugula.
2. Luluphi ucelomngeni abaye bajamelana nalo abakhonzi bakaYehova?
2 Ukongezelela koko, abakhonzi abaninzi bakaYehova baye batshutshiswa ngokuqatha ngenxa yokuba uSathana uyaqhubeka esilwa nabo “bagcina imiyalelo kaThixo nabanomsebenzi wokungqinela uYesu.” (ISityhilelo 12:17) Nangona engatshutshiswa ngokungqalileyo, onke amaKristu okwenyaniso alwisana noSathana uMtyholi kwanomoya awuhlwayelayo eluntwini. (Efese 2:2; 6:12) Kufuneka sihlale siphaphile ukuze singachatshazelwa nguloo moya, ekubeni ukho emsebenzini, esikolweni, naphi na apho sidibana khona nabantu abangenamdla kunqulo olunyulu.
Hamba NoThixo, Kungekhona Neentlanga
3, 4. AmaKristu ahluke njani ehlabathini?
3 Kwanakwinkulungwane yokuqala, amaKristu alwa ngamandla nxamnye nomoya weli hlabathi, yaye oko kwawenza ahluka kakhulu kwabo babengekho kwibandla lamaKristu. UPawulos wawuchaza ngolu hlobo lo mahluko: “Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuba ningabi saqhubeka nihamba njengokuhamba kweentlanga ngamampunge eengqondo zazo, ngoxa zisebumnyameni ngengqondo, yaye zahlukanisiwe nobomi bukaThixo, ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zazo. Zingasaziva konke konke ngokokuziphatha, zizinikele kwihambo evakalala ukuze zisebenze ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo zibawa.”—Efese 4:17-19.
4 Hayi indlela loo mazwi abuchaza ngokucace ngayo ubumnyama obukhulu bokomoya nobokuziphatha elikubo eli hlabathi—ngexesha likaPawulos nakweli lethu! Njengakwinkulungwane yokuqala, amaKristu namhlanje ‘akahambi njengokuhamba kweentlanga.’ Kunoko, anandipha ilungelo elimangalisayo lokuhamba noThixo. Enyanisweni, bambi abantu basenokukugqala kungekho ngqiqweni ukuthi abantu abaphantsi nabangafezekanga banokuhamba noYehova. Kodwa iBhayibhile ithi banako. Ngaphezu koko, uYehova ufuna ukuba benjenjalo. Ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, umprofeti uMika wabhala la mazwi aphefumlelweyo: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—Mika 6:8.
Sinokuhamba Njani NoThixo Yaye Kutheni Simele Senjenjalo?
5. Umntu ongafezekanga unokuhamba njani noThixo?
5 Sinokuhamba njani noThixo onamandla onke, nongabonakaliyo? Ngokucacileyo, asinakuhamba naye ngendlela esihamba ngayo nabanye abantu. EBhayibhileni igama elithi “ukuhamba” likwathetha “ukulandela ikhondo elithile.”a Oku kwenza siqonde ukuba umntu ohamba noThixo ulandela ikhondo lobomi elimiselwe nguThixo nelimkholisayo. Ukulandela elo khondo kusenza sahluke kwabanye abantu esiphila nabo. Ukanti, lilo kuphela ikhondo elifanelekileyo kumKristu. Ngoba? Kukho izizathu ezininzi.
6, 7. Kutheni ukuhamba noThixo kulelona khondo lifanelekileyo?
6 Okokuqala, uYehova nguMdali wethu, noMthombo wobomi bethu. (ISityhilelo 4:11) Ngoko nguye kuphela onelungelo lokusixelela indlela esimele sihambe ngayo. Ngaphezu koko, ukuhamba noThixo kulelona khondo linenzuzo ebomini. UYehova ubenzele ilungiselelo lokuxolelwa kwezono, yaye ubanika ithemba eliqinisekileyo lobomi obungunaphakade, abo bahamba naye. UBawo wethu wasezulwini onothando ubanika iziluleko zobulumko abo bahamba naye, ukuze baphumelele ebomini, nangona bengafezekanga yaye bephila kwihlabathi elilawulwa nguSathana. (Yohane 3:16; 2 Timoti 3:15, 16; 1 Yohane 1:8; 2:25; 5:19) Esinye isizathu sokuhamba noThixo sikukuba oko kubangela uxolo nomanyano ebandleni.—Kolose 3:15, 16.
7 Okokugqibela, nokona kubalulekileyo, xa sihamba noThixo, sibonisa ukuba simi phi kwimbambano enkulu eyaphakanyiswa kumyezo wase-Eden—imbambano yolongamo. (Genesis 3:1-6) Sibonisa ngekhondo lethu lobomi ukuba simi ngakuYehova, yaye sivakalisa ngenkalipho ukuba nguye kuphela onegunya lokuba nguMongami. (INdumiso 83:18) Ngaloo ndlela senza ngokuvisisana nomthandazo wethu wokuba kungcwaliswe igama likaThixo kuze kwenzeke ukuthanda kwakhe. (Mateyu 6:9, 10) Hayi indlela abalumke ngayo abo bakhetha ukuhamba noThixo! Banokuqiniseka ukuba basekhondweni elifanelekileyo, kuba nguYehova ‘yedwa osisilumko.’ Akaze enze mpazamo.—Roma 16:27.
8. Amaxesha ababephila kuwo uEnoki noNowa ayefana njani nexesha lethu?
8 Noko ke, singakwazi njani ukuphila njengamaKristu kula maxesha aneziphithiphithi nabantu abangenamdla ekukhonzeni uYehova? Impendulo sinokuyifumana ngokuqwalasela amadoda okholo amandulo awagcina ingqibelelo yawo ebudeni bamaxesha anzima kakhulu. Amanye aloo madoda nguEnoki noNowa. Bobabini babephila kumaxesha afanayo neli lethu. Ubungendawo babandile. Ngomhla kaNowa umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo nokuziphatha okubi. Kodwa uEnoki noNowa bamelana nomoya wehlabathi wexesha labo baza bahamba noYehova. Bakwazi njani ukwenjenjalo? Ukuze siphendule loo mbuzo, kweli nqaku siza kuxubusha ngomzekelo kaEnoki. Kwinqaku elilandelayo, siza kuqwalasela umzekelo kaNowa.
UEnoki Wahamba NoThixo Ngamaxesha Eziphithiphithi
9. Yiyiphi inkcazelo esinayo ngoEnoki?
9 UEnoki ngumntu wokuqala ochazwe eZibhalweni njengohamba noThixo. Ingxelo yeBhayibhile ithi: “Emva kokuzala kwakhe uMethusela uEnoki waqhubeka ehamba noThixo oyinyaniso.” (Genesis 5:22) Emva kokuchaza ubude bobomi bukaEnoki—obabubude xa buthelekiswa nobomi esibuphilayo, kodwa bubufutshane kunobabantu belo xesha—le ngxelo ithi: “UEnoki wahlala ehamba noThixo oyinyaniso. Wandula ke wanyamalala, kuba uThixo wamthabatha.” (Genesis 5:24) Ngokucacileyo, uYehova wamfudusa uEnoki elizweni, wamlalisa ekufeni ngaphambi kokuba abantu abachasileyo bamenzakalise. (Hebhere 11:5, 13) Ngaphandle kwezo ndinyana zimfutshane, kukho iingxelo eziliqela ezithetha ngoEnoki eBhayibhileni. Noko ke, inkcazelo esinayo inikela ubungqina obucacileyo bokuba uEnoki wayephila kumaxesha eziphithiphithi.
10, 11. (a) Banda njani ubungendawo emva kokuvukela kuka-Adam noEva? (b) Waprofeta wathini uEnoki, yaye yaba njani intsabelo awayifumanayo?
10 Ngokomzekelo, cinga nje ngendlela obanda ngokukhawuleza ngayo ubungendawo eluntwini emva kokona kuka-Adam. IBhayibhile isixelela ukuba unyana wamazibulo ka-Adam, uKayin, waba ngumbulali wokuqala ngokuthi abulale umntakwabo uAbheli. (Genesis 4:8-10) Emva kokubulawa kuka-Abheli ngogonyamelo, uAdam noEva bazala omnye unyana ogama linguSete. Sifunda oku ngaye: “USete naye wazalelwa unyana waza wambiza ngegama elinguEnoshi. Kwaqalwa ngelo xesha ukubiza egameni likaYehova.” (Genesis 4:25, 26) Ngelishwa, oko “kubiza egameni likaYehova” kwakukokowexuko.b Kwiminyaka emininzi emva kokuzalwa kukaEnoshi, umzukulwana kaKayin ogama linguLameki wabaqambela ingoma abafazi bakhe ababini, kuyo echaza ukuba uye wabulala umfana owayemenzakalisile. Kwakhona walumkisa ngelithi: “Ukuba uKayin uya kuphindezelelwa izihlandlo ezisixhenxe, ngoko kuLameki iya kuba zizihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe.”—Genesis 4:10, 19, 23, 24.
11 Ezi zibakala zingentla zibonisa ukuba umonakalo owadalwa nguSathana kumyezo wase-Eden wakhawuleza wabangela ubungendawo kwinzala ka-Adam. UEnoki, owayephila kwihlabathi elonakele ngolo hlobo, waba ngumprofeti kaYehova owathetha amazwi aphefumlelweyo anamandla nasasebenzayo nanamhlanje. UYude uchaza ukuba uEnoki waprofeta wathi: “Khangela! UYehova weza enamashumi amawaka akhe angcwele, ukuza kuphumeza umgwebo nxamnye nabo bonke, nokuza kubafumanisa benetyala bonke abangenabuthixo ngokuphathelele zonke izenzo zabo ezingezozabuthixo abazenzayo ngendlela engeyoyabuthixo, nangokuphathelele zonke izinto ezothusayo aboni abangenabuthixo abazithetha nxamnye naye.” (Yude 14, 15) Loo mazwi aya kuzaliseka ngokupheleleyo ngeArmagedon. (ISityhilelo 16:14, 16) Sekunjalo, sinokuqiniseka ukuba nangomhla kaEnoki, kwakukho “aboni abangenabuthixo” abaninzi ababecatshukiswa sisiprofeto sikaEnoki. Ngoko uYehova wabonisa uthando olukhulu ngokumfudusa loo mprofeti bengekade bamenzakalise!
Yintoni Eyamomelezayo UEnoki Ukuze Ahambe NoThixo?
12. Yintoni eyenza uEnoki wahluka kubantu bexesha lakhe?
12 Kumyezo wase-Eden, uAdam noEva bamphulaphula uSathana, yaye uAdam wamvukela uYehova. (Genesis 3:1-6) Unyana wabo uAbheli walandela ikhondo elahlukileyo, yaye uYehova wakholiswa nguye. (Genesis 4:3, 4) Ngelishwa, inkoliso yenzala ka-Adam ayizange ifane noAbheli. Kodwa ke, yena uEnoki, owazalwa kumakhulu eminyaka kamva, wayefana naye. Wawuyintoni umahluko phakathi kukaEnoki kunye nenye inzala eninzi ka-Adam? Umpostile uPawulos uwuphendula ngokuthi loo mbuzo: “Ngokholo uEnoki wafuduswa khon’ ukuze angaboni kufa, yaye akafunyanwanga ndawo ngenxa yokuba uThixo wayemfudusile; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe wayenobungqina bokuba wayemkholise kakuhle uThixo.” (Hebhere 11:5) UEnoki wayeyinxalenye ‘yelifu elikhulu lamangqina’ angaphambi kwexesha lobuKristu, awayengumzekelo obalaseleyo wokholo. (Hebhere 12:1) Lukholo olwabangela ukuba uEnoki anyamezele yaye aziphathe ngokufanelekileyo ebudeni beminyaka engaphezu kwama-300 yokuphila kwakhe—xesha elo eliyiphinda ngaphezu kwezihlandlo ezithathu iminyaka yokuphila kwethu namhlanje!
13. Wayenokholo olunjani uEnoki?
13 UPawulos wayebhekisela kukholo lukaEnoki namanye amangqina xa wabhala wathi: “Ukholo lululindelo oluqinisekisiweyo lwezinto ezithenjiweyo, ubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.” (Hebhere 11:1) Ewe, ukholo kukulindela ngentembelo into onesiqinisekiso sokuba iza kwenzeka. Lulindelo oluqiniseke ngamandla kangangokuba lude luchaphazele indlela ophila ngayo. Lukholo olunjalo olwabangela ukuba uEnoki ahambe noThixo nangona ihlabathi awayephila kulo lalingakwenzi oko.
14. Luluphi ulwazi oluchanileyo ekusenokwenzeka ukuba lwalusekelwe kulo ukholo lukaEnoki?
14 Ukholo lokwenene lusekelwe kulwazi oluchanileyo. Luluphi ulwazi awayenalo uEnoki? (Roma 10:14, 17; 1 Timoti 2:4) Ngokungathandabuzekiyo, wayezazi iziganeko ezenzeka e-Eden. Mhlawumbi wayevile nangohlobo lobomi obabuphilwa kumyezo wase-Eden—ekusenokwenzeka ukuba wawusekho ngexesha lakhe, nangona abantu babengavumelekanga ukuba bangene kuwo. (Genesis 3:23, 24) Yaye wayesazi ngenjongo kaThixo yokuba inzala ka-Adam izalise umhlaba ize iwenze wonke ufane neParadesi yamandulo. (Genesis 1:28) Ukongezelela koko, ngokuqinisekileyo uEnoki wayesixabisa isithembiso sikaYehova sokuvelisa iMbewu eyayiza kutyumza intloko kaSathana ize iphelise umonakalo obangelwe yinkohliso kaSathana. (Genesis 3:15) Nkqu isiprofeto sakhe uEnoki esiphefumlelweyo, esikwincwadi kaYude, sibhekisela ekutshatyalalisweni kwembewu kaSathana. Ekubeni uEnoki wayenokholo, siyazi ukuba wayenqula uYehova enentembelo yokuba “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Ngoko, nangona uEnoki wayengenalo lonke ulwazi esinalo thina, wayenolwazi olwaneleyo lokumenza abe nokholo olomeleleyo. Lolo kholo olwamenza walondoloza ingqibelelo yakhe ebudeni baloo maxesha eziphithiphithi.
Xelisa Umzekelo KaEnoki
15, 16. Sinokulixelisa njani ikhondo likaEnoki?
15 Ekubeni nathi, njengoEnoki, sifuna ukumkholisa uYehova ebudeni bala maxesha eziphithiphithi anamhlanje, sifanele sixelise umzekelo kaEnoki. Sifanele singenise ulwazi oluchanileyo ngoYehova nangeenjongo zakhe. Kodwa kufuneka okungakumbi. Simele siluvumele olo lwazi luchanileyo ukuba lwalathise indlela esiphila ngayo. (INdumiso 119:101; 2 Petros 1:19) Simele sikhokelwe ziingcamango zikaThixo, sisoloko sizabalazela ukumkholisa ngeengcinga nangezenzo zethu zonke.
16 Asinayo ingxelo echaza ngabanye abakhonzi bakaYehova ngexesha likaEnoki, ngoko imele ukuba yayinguye yedwa okanye eyinxalenye yabanye abambalwa. Nathi simbalwa ehlabathini, kodwa oko akusidimazi. UYehova uya kusixhasa enoba ngubani na onxamnye nathi. (Roma 8:31) UEnoki walumkisa ngenkalipho ngentshabalalo ezayo yabantu abangenabuthixo. Nathi sizishumayela ngenkalipho ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani’ nangona sigculelwa, sichaswa, yaye sitshutshiswa. (Mateyu 24:14) UEnoki akazange aphile ubomi obude njengabanye abantu abaninzi bexesha lakhe. Phofu ke, ithemba lakhe lalingekho kwelo hlabathi. Amehlo akhe wayewamilisele kwinto ezuke kakhulu. (Hebhere 11:10, 35) Nathi similisele amehlo ethu ekuzalisekeni kwenjongo kaYehova. Ngenxa yoko, asilisebenzisi ngokupheleleyo eli hlabathi. (1 Korinte 7:31) Kunoko, amandla nezinto zethu eziphathekayo sizisebenzisa ngokuyintloko enkonzweni kaYehova.
17. Luluphi ulwazi esinalo awayengenalo uEnoki, ngoko yintoni esifanele siyenze?
17 UEnoki wayenokholo lokuba iMbewu ethenjiswe nguThixo yayiza kufika ngexesha elifanelekileyo likaYehova. Ngoku sele kudlule phantse iminyaka engama-2 000 ukususela ekufikeni kwaloo Mbewu—uYesu Kristu—yanikela intlawulelo, yaza yasivulela indlela yokuzuza ubomi obungunaphakade, thina namangqina athembekileyo amandulo anjengoEnoki. Loo Mbewu, ngoku ebekwe etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo, yamkhuphela ngaphandle kwamazulu uSathana yamphosela apha emhlabeni, yaye siyayibona inkxwaleko engumphumo woko. (ISityhilelo 12:12) Ewe, thina sinolwazi oluninzi ngakumbi kunoEnoki. Ngoko, ngamana singaba nokholo olomeleleyo njengaye. Ngamana intembelo esinayo ekuzalisekeni kwezithembiso zikaThixo ingaphembelela yonke into esiyenzayo. Ngamana njengoEnoki singahamba noThixo, nangona siphila kumaxesha eziphithiphithi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona uMqulu 1, iphepha 220, isiqendu 6, seInsight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ngaphambi kwemihla kaEnoshi, uYehova wayethetha noAdam. UAbheli wenza umbingelelo owamkelekileyo kuYehova. UThixo wada wathetha noKayin ngaphambi kokuba ingqumbo kaKayin yomona imenze abe ngumbulali. Ngoko, oku kuqala ‘kokubiza egameni likaYehova’ kumele ukuba kwakwahlukile, kungekuko okonqulo olunyulu.
Ubunokuphendula Uthini?
• Kuthetha ukuthini ukuhamba noThixo?
• Kutheni ukuhamba noThixo kulelona khondo libalulekileyo?
• Yintoni eyabangela ukuba uEnoki ahambe noThixo nangona wayephila kumaxesha eziphithiphithi?
• Sinokumxelisa njani uEnoki?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngokholo, “uEnoki wahlala ehamba noThixo oyinyaniso”
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Sikholelwa ngamandla ukuba izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 13]
Woman, far right: FAO photo/B. Imevbore; collapsing building: San Hong R-C Picture Company