Numeri
3 Le yayiyiminombo yeentsapho* zika-Aron noMoses ngala mini uYehova wayethetha noMoses eNtabeni YaseSinayi.+ 2 La ngamagama oonyana baka-Aron: Izibulo yayinguNadabhi, kulandele uAbhihu,+ uEleyazare+ noItamare.+ 3 Ngamagama oonyana baka-Aron lawo, ababingeleli abathanjiswayo baza bamiselwa* ukuba babe ngababingeleli.+ 4 Kodwa ke uNadabhi noAbhihu bafa phambi koYehova xa banikela umlilo ongekho mthethweni phambi koYehova,+ entlango yaseSinayi, yaye babengenabo oonyana. Kodwa uEleyazare+ noItamare+ baqhubeka bengababingeleli kunye noAron utata wabo.
5 Wathi ke uYehova kuMoses: 6 “Sondeza isizwe sakwaLevi,+ usimise phambi koAron umbingeleli, ukuze simncedise.+ 7 Kufuneka senze wonke umsebenzi ekufuneka siwenzele uAron nalo lonke ibandla phambi kwentente yokuhlangana, umsebenzi waso wasententeni engcwele. 8 Simele sijongane nazo zonke izinto+ ezisetyenziswa ententeni engcwele, senze wonke umsebenzi ekufuneka siwenzele amaSirayeli, wonke umsebenzi wasententeni engcwele.+ 9 AbaLevi umele ubanikele kuAron noonyana bakhe. Bathathwe kumaSirayeli banikwa yena.+ 10 Ufanele ukhethe uAron noonyana bakhe benze umsebenzi wababingeleli.+ Nabani na osondelayo engenalungelo lakusondela* umele abulawe.”+
11 UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi: 12 “Mna ke, endaweni yawo onke amazibulo* amaSirayeli ndithatha abaLevi,+ yaye baza kuba ngabam. 13 Kuba onke amazibulo ngawam.+ Ngemini endawaxabela ngayo onke amazibulo elizweni laseYiputa+ ndazingcwalisela onke amazibulo akwaSirayeli, elomntu nelesilwanyana.+ Amele abe ngawam. NdinguYehova.”
14 UYehova waqhubeka ethetha noMoses entlango yaseSinayi+ esithi: 15 “Bhalisa bonke oonyana bakaLevi ngezindlu zootata babo nangeentsapho zabo. Umele ubhalise wonke umntu oyindoda, ukususela konenyanga ezelwe ukuya phezulu.”+ 16 Wababhalisa ke uMoses ngokomyalelo kaYehova, kanye njengokuba wayeyalelwe. 17 La ngamagama oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati noMerari.+
18 La ngamagama oonyana bakaGershon ngokweentsapho zabo: uLibhini noShimeyi.+
19 Oonyana bakaKohati ngokweentsapho zabo nguAmram, uItsare, uHebron noUziyeli.+
20 Oonyana bakaMerari ngokweentsapho zabo nguMahali+ noMushi.+
Ezo ziintsapho zabaLevi ngokwezindlu zootata babo.
21 KuGershon kwavela intsapho yamaLibhini+ nentsapho yamaShimeyi. Ezo ziintsapho zamaGershon. 22 Amadoda ezo ntsapho awabhaliswayo, ukususela kwenenyanga izelwe ukuya phezulu ayeyi-7 500.+ 23 Iintsapho zamaGershon zazimise inkampu emva kwentente engcwele,+ ngasentshona. 24 Intloko yendlu yootata bamaGershon yayinguEliyasafu unyana kaLayeli. 25 Umsebenzi woonyana bakaGershon+ ententeni yokuhlangana yayikukuhoya intente engcwele,+ isigqubuthelo sayo,+ umkhusane*+ womnyango wentente yokuhlangana, 26 iikhethini+ zeyadi, umkhusane*+ wegeyithi yeyadi ejikeleze intente engcwele nesibingelelo, iintambo zentente, nawo wonke umsebenzi wezo zinto.
27 KuKohati kwavela intsapho yama-Amram, intsapho yamaItsare, intsapho yamaHebron nentsapho yamaUziyeli. Ezo ziintsapho zamaKohati.+ 28 Amadoda ezo ntsapho awabhaliswayo, ukususela kwenenyanga izelwe ukuya phezulu ayeyi-8 600. Umsebenzi wawo yayikukuhoya indawo engcwele.+ 29 Iintsapho zoonyana bakaKohati zazimise inkampu kwicala elingasemzantsi kwentente engcwele.+ 30 Kwiintsapho zamaKohati, nguElitsafan unyana kaUziyeli+ owayeyintloko kwindlu yootata babo. 31 Umsebenzi wabo yayikukuhoya iTyeya,+ itafile,+ isiphatho sezibane,+ izibingelelo,+ izinto ezisetyenziswa kwindawo engcwele,+ umkhusane,*+ nawo wonke umsebenzi wezo zinto.+
32 Umphathi weenkokheli zakwaLevi yayinguEleyazare+ unyana ka-Aron umbingeleli, owayephethe abo babesebenza kwindawo engcwele.
33 KuMerari kwavela intsapho yamaMahali nentsapho yamaMushi. Ezo ziintsapho zakwaMerari.+ 34 Amadoda ezo ntsapho awabhaliswayo, ukususela kwenenyanga izelwe ukuya phezulu ayeyi-6 200.+ 35 Kwiintsapho zamaMerari, nguTsuriyeli unyana ka-Abhihali owayeyintloko kwindlu yootata babo. Ezo ntsapho zazimise inkampu yazo kwicala elingasemntla lentente engcwele.+ 36 Umsebenzi woonyana bakaMerari yayikukuhoya iifreyimi zentente engcwele,+ iipali zayo,+ iintsika zayo,+ iziseko zayo, zonke izinto ezisetyenziswa kuyo,+ nawo wonke umsebenzi wezo zinto,+ 37 iintsika ezijikeleze iyadi neziseko zazo,+ izikhonkwane zazo zentente neentambo zazo zentente.
38 UMoses, uAron noonyana bakhe babemise inkampu phambi kwentente engcwele ngasempuma, phambi kwentente yokuhlangana ngasempumalanga. Umsebenzi ekwakufuneka bawenzele amaSirayeli yayikukuhoya indawo engcwele. Nabani na osondelayo engenalungelo lakusondela* wayemele abulawe.+
39 Onke amadoda angabaLevi, ukususela kwanenyanga ezelwe ukuya phezulu, awabhaliswa nguMoses noAron ngeentsapho zawo ngokomyalelo kaYehova, ayeyi-22 000.
40 Wathi uYehova kuMoses: “Bhalisa onke amazibulo amaSirayeli angamadoda, ukususela kwelinenyanga lizelwe ukuya phezulu,+ wabale uze uwabhale phantsi amagama awo. 41 Endaweni yawo onke amazibulo amaSirayeli uze undithathele abaLevi,+ uthathe nezilwanyana zasekhaya zabaLevi endaweni yamazibulo ezilwanyana zasekhaya zamaSirayeli.+ NdinguYehova.” 42 UMoses wawabhalisa onke amazibulo amaSirayeli, kanye njengokuba uYehova wayemyalele. 43 Xa ewonke amazibulo angamadoda ekwabhaliswa amagama awo, ukususela kwanenyanga ezelwe ukuya phezulu ayeyi-22 273.
44 UYehova waqhubeka ethetha noMoses esithi: 45 “Endaweni yawo onke amazibulo amaSirayeli uze undithathele abaLevi, uthathe nezilwanyana zasekhaya zabaLevi endaweni yamazibulo ezilwanyana zasekhaya zamaSirayeli. AbaLevi bamele babe ngabam. NdinguYehova. 46 Ekubeni amazibulo amaSirayeli emaninzi nge-273 kunabaLevi,+ umele uwabhatalele.+ 47 Izibulo elinye liza kubhatalelwa ngeeshekele* ezintlanu,+ ngokweshekele yendawo engcwele.* Ishekele ziigera* eziyi-20.+ 48 Loo mali umele uyinike uAron noonyana bakhe, ukuze ubhatalele la mazibulo amaSirayeli athe kratya kunabo.” 49 Wayithatha ke uMoses loo mali yokukhulula amazibulo athe kratya kwintlawulo engabaLevi. 50 Le mali wayithatha kumazibulo amaSirayeli, iziishekele eziyi-1 365, ngokweshekele yendawo engcwele. 51 Emva koko uMoses wayinika uAron noonyana bakhe loo mali, ngokwelizwi* likaYehova, njengokuba uYehova wayemyalele.