Kubalisa uLuka
13 Ngelo xesha abanye ababelapho baxelela uYesu ukuba uPilato wabulala amanye amaGalili awayezokunikela imibingelelo. 2 Wabaphendula wathi: “Nicinga ukuba la maGalili abulawa kuba ayengaboni ngaphezu kwamanye amaGalili? 3 Akazange abulawe ngenxa yaloo nto, ngoko nani niza kufa ukuba aniguquki.+ 4 Okanye nicinga ukuba aba bantu bayi-18 bawelwa yinqaba yaseSilowam baza bafa, babengaboni ngaphezu kwabanye abantu baseYerusalem? 5 Abazange bafe ngenxa yaloo nto, ngoko nani niza kufa ukuba aniguquki.”
6 Emva koko wabenzela lo mzekelo: “Kwakukho indoda eyayinomthi wamafiya* otyalwe kwintsimi yayo yeediliya. Le ndoda yeza kufuna amafiya* kulo mthi, kodwa ayafumana nto.+ 7 Ngoko yathi kumntu osebenza kule ntsimi, ‘Sekuyiminyaka emithathu ndisiza kulo mthi, kodwa ndingafumani nto. Wugawule! Ugcinelwe ntoni xa ungavelisi nto?’ 8 Lo mntu wathi, ‘Nkosi, khawundiphe omnye unyaka, ndikhe ndombe apha emacaleni, ndiwugalele umgquba. 9 Ukuba uvelisa isiqhamo, kuhle, kodwa ukuba awuvelisi nto ungagawulwa.’”+
10 UYesu wayefundisa kwenye yezindlu akhonzela kuzo amaYuda* ngomhla weSabatha. 11 Apho kwakukho umfazi owayenedemon eyamgulisa iminyaka eyi-18; wayegobile, engakwazi tu ukuma nkqo. 12 Wathi uYesu akumbona, wathi kuye: “Mfazindini, uphilisiwe.”+ 13 Wambeka izandla, waza wema nkqo ngoko nangoko, wazukisa uThixo. 14 Kodwa le nto yenziwe nguYesu yokuphilisa umntu ngeSabatha, yalicaphukisa igosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda,* laza lathi ebantwini: “Zintandathu iintsuku ekumele kusetyenzwe ngazo;+ yizani ngezo ntsuku ke, ningezi ngeSabatha.”+ 15 INkosi yathi kweli gosa: “Bahanahanisindini,*+ andithi akekho apha kuni ongayikhululiyo inkunzi yakhe yenkomo okanye idonki yakhe ayokuyiseza ngeSabatha?+ 16 Lo mfazi yintombi ka-Abraham, ibe sele eneminyaka eyi-18 ephethwe kakubi nguSathana. Akufanelekanga na ukuba yena aphiliswe ngomhla weSabatha?” 17 Wathi akutsho, baba neentloni bonke abantu ababengamfuni, kodwa zabavuyisa bonke abanye abantu izinto ezintle awayezenza.+
18 Waphinda wathi: “Ndingabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo, okanye ndingabuzekelisa ngantoni? 19 Bunjengokhozo lwemostade olwatyalwa ngumntu egadini yakhe, lwakhula lwaba ngumthi, zaza iintaka zakhela kumasebe awo.”+
20 Waphinda wathi: “Ndingabufanisa nantoni uBukumkani bukaThixo? 21 Bufana negwele elixovelwe ngumfazi kumgubo omninzi,* laza layinyusa yonke intlama.”+
22 UYesu waya eYerusalem, egqitha kwizixeko ngezixeko, neelali ngeelali, efundisa abantu. 23 Enye indoda yathi kuye: “Nkosi, yinyani na ukuba bambalwa abantu abaza kusindiswa?” Wathi kubo: 24 “Zamani kangangoko ukungena ngomnyango omncinci,+ kuba ndithi kuni, baninzi abaza kufuna ukungena kodwa bangakwazi. 25 Kuba xa umnikazi wendlu ewutshixile umnyango, niza kunkqonkqoza ningaphandle nithi, ‘Nkosi, sivulele.’+ Kodwa uza kuthi kuni: ‘Andinazi ukuba nivela phi.’ 26 Nina niza kuthi, ‘Sasisitya, sisela phambi kwakho, ibe wawufundisa kwizitrato zethu ezikhulu.’+ 27 Kodwa yena uza kuthi kuni, ‘Andinazi ukuba nivela phi. Hamban’ apha, nina benzi-bubi!’ 28 Xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abaprofeti eBukumkanini bukaThixo, nibe nina niphoswe ngaphandle, niza kukhala ningcungcutheka.*+ 29 Ngaphezu koko, abantu baza kuza bevela empuma nasentshona, emntla nasemzantsi, bahlale etafileni eBukumkanini bukaThixo. 30 Kukho abokugqibela abaza kuba ngabokuqala, nabokuqala abaza kuba ngabokugqibela.”+
31 Kanye ngelo xesha kweza abanye abaFarisi, bathi kuye: “Hamba apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.” 32 Wathi kubo: “Hambani niyokuthi kuloo mpungutye, ‘Jonga! Ndiza kukhupha iidemon ndize ndiphilise abantu namhlanje nangomso, ndigqibe ngosuku lwesithathu.’ 33 Ndiza kusebenza namhlanje, ngomso nangomsomnye, kuba umprofeti akanakubulawa kwenye indawo ngaphandle kwaseYerusalem.+ 34 Yerusalem, Yerusalem, wena ubulala abaprofeti nobabetha ngamatye abo bathunyelwa kuyo,+ kunini ndifuna ukuqokelela abantwana bakho, oku kwesikhukukazi siqokelela amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso! Kodwa awuzange uvume.+ 35 Jonga! Iza kushiyelwa kuwe itempile* yakho.+ Ndithi kuwe, soze uphinde undibone de uthi: ‘Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova!’”*+