Yoshuwa
10 Ngokukhawuleza nje emva kokuba uKumkani uAdoni-tsedeki waseYerusalem evile ukuba uYoshuwa uthimbe iAyi waza wayitshabalalisa, wenza kwiAyi nakukumkani wayo+ laa nto wayenza kwiYeriko nakukumkani wayo,+ weva nokuba abemi baseGibheyon benze uxolo namaSirayeli+ baza bahlala nawo, 2 wothuka kakhulu+ kuba iGibheyon yayisisixeko esikhulu, ifana nezixeko zasebukhosini. Yayinkulu nangaphezu kweAyi+ yaye onke amadoda ayo ayengamakroti. 3 Ngoko uAdoni-tsedeki ukumkani waseYerusalem wathumela umyalezo kuHoham ukumkani waseHebron,+ kuPiram ukumkani waseYarmuti, kuYafiya ukumkani waseLakishe nakuDebhiri ukumkani wase-Eglon,+ wathi: 4 “Yizani nindincedise sihlasele iGibheyon, kuba yenze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.”+ 5 Ngoko ookumkani abahlanu bama-Amori,+ ukumkani waseYerusalem, ukumkani waseHebron, ukumkani waseYarmuti, ukumkani waseLakishe, nokumkani wase-Eglon, baqokelelana kunye nemikhosi yabo baza baya ngaseGibheyon ukuze balwe nayo.
6 Emva koko amadoda aseGibheyon athumela umyalezo kuYoshuwa eGiligali,+ othi: “Sukuwalibala amakhoboka akho.+ Khawuleza uze! Sihlangule uze usincede! Bonke ookumkani bama-Amori abasuka kummandla weentaba, baye badibana ukuze balwe nathi.” 7 Ngoko uYoshuwa wasuka eGiligali ehamba nawo wonke umkhosi, unawona madoda anamandla.+
8 Wathi uYehova kuYoshuwa: “Sukuboyika+ kuba ndibanikele kuwe.+ Akukho nomnye kubo oza kumelana nawe.”+ 9 UYoshuwa wabafikela bengalindelanga, emva kokuba ehambe ubusuku bonke esuka eGiligali. 10 UYehova wabenza badideka phambi kwamaSirayeli,+ yaye amaSirayeli abulala amajoni abo amaninzi eGibheyon, abaleqa kwindlela enyukayo eya eBhete-horon, baza bababulala bada bayokufikelela eAzeka naseMakeda. 11 Ngoxa babebaleka amaSirayeli, yaye besehla kwelinye icala leBhete-horon, uYehova wahlisela phezu kwabo amatye amakhulu esichotho, ukuyokutsho eAzeka, baza bafa. Eneneni, baninzi abantu ababulawa sisichotho kunabo babulawa likrele lamaSirayeli.
12 Ngaloo mini uYehova awawatshabalalisa ngayo ama-Amori, amaSirayeli ebukele, uYoshuwa wathi kuYehova phambi kwamaSirayeli:
13 Ngoko ilanga lema ngxi, nenyanga yema de uhlanga lwaziphindezela kwiintshaba zalo. Ngaba oku akubhalwanga encwadini kaYashare?+ Ilanga lema ngxi esibhakabhakeni yaye alizange likhawuleze litshone phantse usuku lonke. 14 Yayiqala ukwenzeka into enjalo, yaye ayizange iphinde yenzeke, le yokuba uYehova amamele ilizwi lomntu,+ kuba uYehova wayewalwela amaSirayeli.+
15 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli babuyela eGiligali.+
16 Ngelo xesha ookumkani abahlanu babaleka bayokuzimela kumqolomba owawuseMakeda.+ 17 Emva koko kwathiwa kuYoshuwa: “Ookumkani abahlanu babhaqwe bezimele kumqolomba oseMakeda.”+ 18 UYoshuwa wathi: “Qengqani amatye amakhulu niwabeke emlonyeni waloo mqolomba, nize nibeke amadoda aza kubagada. 19 Kodwa bonke abanye abantu mabangemi. Zileqeni iintshaba zenu nize nizihlasele ngasemva.+ Sanukuzivumela zibalekele ezixekweni zazo, kuba uYehova uzinikele ezandleni zenu.”
20 Emva kokuba uYoshuwa namaSirayeli bezibulele iintshaba zabo ezininzi, bade bazitshayela, ngaphandle kwabantu abambalwa ababalekayo bangena kwizixeko ezikhuselekileyo, 21 bonke abantu babuyela kuYoshuwa eMakeda besaphelele. Akukho nomnye umntu owaphinda wathi makuliwe namaSirayeli. 22 Emva koko uYoshuwa wathi: “Wuvuleni umqolomba nize nikhuphe aba kumkani bahlanu, nibazise kum.” 23 Ngoko bazisa kuye aba kumkani bahlanu bebakhupha emqolombeni: ukumkani waseYerusalem, ukumkani waseHebron, ukumkani waseYarmuti, ukumkani waseLakishe nokumkani wase-Eglon.+ 24 Bathi bakuzisa aba kumkani kuYoshuwa, uYoshuwa wathi makubizwe onke amadoda akwaSirayeli, waza wathi kwiinkokheli zamajoni ezazihambe naye: “Yizani. Nyathelani aba kumkani entanyeni.” Ngoko zeza zaza zabanyathela entanyeni.+ 25 Yaye uYoshuwa wathi kuzo: “Sanukoyika okanye nothuke.+ Yibani nesibindi, nomelele, kuba uYehova uza kwenza le nto kuzo zonke iintshaba zenu enilwa nazo.”+
26 Emva koko uYoshuwa wababulala waza wabaxhoma kwizibonda* ezihlanu, bajinga apho de kwangokuhlwa. 27 Xa kutshona ilanga uYoshuwa wathi mabothulwe ezibondeni,+ bajulwe kulaa mqolomba babezimele kuwo. Kwabekwa amatye amakhulu emlonyeni waloo mqolomba, yaye aselapho nanamhlanje.
28 Ngaloo mini uYoshuwa wayithimba iMakeda+ waza wayitshabalalisa ngekrele. Wabulala ukumkani wayo nabo bonke abantu ababekuyo, akwasinda namnye.+ Ngoko wenza kukumkani waseMakeda+ laa nto wayeyenze kukumkani waseYeriko.
29 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli bemka eMakeda bayokulwa neLibhena.+ 30 UYehova wayinikela iLibhena nokumkani wayo+ esandleni samaSirayeli, yaye ayitshabalalisa yona nabo bonke abantu ababekuyo ngekrele, akwasinda namnye. Ngoko benza kukumkani waseMakeda laa nto bayenza kukumkani waseYeriko.+
31 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli bemka eLibhena baya eLakishe,+ bamisa iintente zabo apho baza balwa nayo. 32 UYehova wayinikela iLakishe esandleni samaSirayeli, aza ayithimba ngosuku lwesibini. Ayitshabalalisa yona nabo bonke abantu ababekuyo ngekrele,+ kanye njengokuba enzayo eLibhena.
33 Ngoko uHoram ukumkani waseGezere+ waya kunceda iLakishe, kodwa uYoshuwa wamhlasela kunye nabantu bakhe, akwabikho namnye usindayo.
34 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli bemka eLakishe baya e-Eglon,+ bamisa iintente zabo apho baza balwa nayo. 35 Bayithimba ngolo suku baza bayitshabalalisa ngekrele. Babulala bonke abantu ababekuyo, kanye njengokuba benzayo eLakishe.+
36 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli bemka e-Eglon bayokulwa neHebron.+ 37 Bayithimba baza bayitshabalalisa, batshabalalisa ukumkani wayo, iidolophu zayo nabo bonke abantu ababekuyo ngekrele, akwasinda namnye. Njengoko wenzayo e-Eglon, wayitshabalalisa nabo bonke abantu ababekuyo.
38 Ekugqibeleni uYoshuwa nawo onke amaSirayeli bayokulwa neDebhiri.+ 39 Wayithimba, wathimba ukumkani wayo nazo zonke iidolophu zayo, baza bazixabela ngekrele, bebulala bonke abantu ababekuyo,+ akwabikho namnye usindayo.+ Wenza kwiDebhiri nakukumkani wayo laa nto wayenza kwiHebron nakwiLibhena nokumkani wayo.
40 UYoshuwa waloyisa lonke ilizwe elikummandla weentaba, woyisa iNegebhi, iShefela,+ amathambeka, nabo bonke ookumkani bezo ndawo, akwabikho kwamntu usindayo; watshabalalisa yonke into ephefumlayo,+ kanye njengokuba uYehova uThixo kaSirayeli wayeyalele.+ 41 UYoshuwa waboyisa ukususela eKadeshe-bharneya+ ukuya eGaza+ nakulo lonke ilizwe laseGoshen+ ukuya kutsho eGibheyon.+ 42 UYoshuwa wabathimba bonke aba kumkani nelizwe labo ngexesha elinye, kuba nguYehova uThixo kaSirayeli owayelwela amaSirayeli.+ 43 Emva koko uYoshuwa nawo onke amaSirayeli babuyela eGiligali.+