Imibuzo Evela Kubafundi
IZibhalo zithetha ‘ngencwadi kaYashare’ ‘nencwadi yeeMfazwe zikaYehova.’ (Yosh. 10:13; Num. 21:14) Ezo ncwadi zombini azikho eBhayibhileni. Ngaba ziyimibhalo engcwele eyalahlekayo?
Akukho sizathu sakugqiba kwelokuba ezi ncwadi zimbini zabhalwa zaza zaphefumlelwa emva koko zalahleka. Ababhali beBhayibhile abaphefumlelweyo babhekisela kweminye imibhalo embalwa. Kusenokwenzeka ukuba enyanisweni eminye yayo iyinxalenye yeBhayibhile eyachazwa ngolwimi olungenakuqondwa ngabafundi banamhlanje. Ngokomzekelo, eyoku-1 yeziKronike 29:29 ithetha “ngamazwi kaSamuweli imboni,” “amazwi kaNatan umprofeti” ‘namazwi kaGadi imboni.’ Kusenokwenzeka ukuba ezo ncwadi zibhekisela kwiincwadi esizazi njengeyoku-1 neyesi-2 kaSamuweli, okanye incwadi yaBagwebi.
Kwelinye icala, kusenokubhekiselwa kwiincwadi ezinamagama afana nezo ziseBhayibhileni kodwa zona zibe zingekho Bhayibhileni. Umzekelo woko sinokuwubona kwezi ncwadi zamandulo zine: ‘incwadi yemicimbi yamaxesha ookumkani bakwaYuda,’ “iNcwadi yooKumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli,” ‘iNcwadi yooKumkani bakwaSirayeli’ ‘nakwiNcwadi yooKumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.’ Ngoxa loo magama ezo ncwadi enokufana nezo ziseBhayibhileni esizazi njengeyoku-1 neye-2 yooKumkani, ezi ncwadi zine aziphefumlelwanga yaye azikho eBhayibhileni. (1 Kum. 14:29; 2 Kron. 16:11; 20:34; 27:7) Kusenokwenzeka ukuba yayiziincwadi nje zembali ezazikho xa umprofeti uYeremiya noEzra babhala iingxelo esinazo eBhayibhileni.
Liyinene elokuba, abanye ababhali beBhayibhile babhekisela kwimbali okanye kwiingxelo ezazikho ngelo xesha kodwa zingaphefumlelwanga. UEstere 10:2 uthetha ‘ngeNcwadi yemicimbi yemihla yookumkani bamaMedi namaPersi.’ Ngokufanayo xa wayebhala ingxelo yakhe yeVangeli, uLuka ‘wazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo.’ Mhlawumbi wayethetha ukuba wafunda iincwadi ezazikho njengoko wayesenza uluhlu lomlibo wokuzalwa kaYesu njengoko siwufumana kwincwadi yeVangeli. (Luka 1:3; 3:23-38) Ngoxa iincwadi ezafundwa nguLuka zazingaphefumlelwanga, ngokuqinisekileyo yona incwadi yeVangeli awayibhalayo yayiphefumlelwe. Loo ngxelo yeVangeli isaxabisekile kuthi.
Zona iincwadi esithethe ngazo kumbuzo osekuqaleni—‘incwadi kaYashare’ ‘nencwadi yeeMfazwe zikaYehova’—kubonakala ngathi ngamaxwebhu nje ekudala ekho nangaphefumlelwanga. Ngenxa yeso sizathu, uYehova akazange aqinisekise ukuba ayalondolozwa. Ukubhekisela kweBhayibhile kwezo ncwadi zimbini kuye kwabangela ukuba abaphengululi bagqibe kwelokuba ezi ncwadi zimbini ziyingqokelela nje yemibongo neengoma ezingeemfazwe phakathi kukaSirayeli neentshaba zakhe. (2 Sam. 1:17-27) Enye intyilalwazi yeBhayibhile ithi kusenokwenzeka ukuba ezo ncwadi “yingqokelela nje yemibongo neengoma eziqhelekileyo ezagcinwa ziimvumi eziphum’ izandla zakwaSirayeli mandulo.” Kwanamanye amadoda awayedla ngokusetyenziswa nguThixo njengabaprofeti okanye iimboni abhala iingxelo ezingazange ziphefumlelwe nangazange uYehova akhethe ukuba zidityaniswe kwiZibhalo ‘eziyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto’ kumhla wethu.—2 Tim. 3:16; 2 Kron. 9:29; 12:15; 13:22.
Ukukhankanywa kweencwadi ezithile eBhayibhileni nokucatshulwa kwazo akumele kusenze sigqibe kwelokuba ziphefumlelwe. Noko ke, uYehova ulondoloze yonke imibhalo ‘enelizwi loThixo wethu,’ ibe iya “kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Isa. 40:8) Eneneni, oko uYehova akhethe ukukuquka kwiincwadi zeBhayibhile esinazo ezingama-66 kwanele ukusinceda ‘siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Tim. 3:16, 17.