Yeremiya
8 “Ngelo xesha,” utsho uYehova, “amathambo ookumkani bakwaYuda, amathambo eenkosana, amathambo ababingeleli, amathambo abaprofeti namathambo abemi baseYerusalem aza kukhutshwa emangcwabeni abo. 2 Aza kwanekwa elangeni nasenyangeni nakuzo zonke iinkwenkwezi* ababezithanda, bezikhonza, bezilandela, bezifuna yaye bequbuda kuzo.+ Awazukuqokelelwa, engazukungcwatywa. Aza kuba njengomgquba phezu komhlaba.”+
3 “Abashiyekileyo kolu hlanga lungalunganga baza kukhetha ukufa kunokuphila, kuzo zonke iindawo endibasasazele kuzo,” utsho uYehova wemikhosi.
4 “Uze uthi kubo, ‘Uthi uYehova:
“Ngaba baza kuwa baze bangaphakami kwakhona?
Ukuba lo angajika, akazukujika na nalowa?
5 Kutheni aba bantu baseYerusalem beqhubeka bengathembekanga kum?
Abafuni ukuyiyeka inkohliso;
Abavumi ukujika.+
6 Ndamamela, ndaqhubeka ndimamele, kodwa indlela ababethetha ngayo yayingalunganga.
Akukho namnye owaguqukayo ebubini bakhe, waza wathi, ‘Yintoni na le ndiyenzileyo?’+
Ngamnye umane ebuyela kwindlela ethandwa ngabaninzi, njengehashe liphalela edabini.
7 Kwanengwamza esibhakabhakeni iyalazi ixesha layo lokufuduka;*
Ihobe lasendle nehlankomo nekhwebula ziyaligcina ixesha lokubuya.*
Kodwa bona abantu bam abawuqondi umgwebo kaYehova.”’+
8 ‘Nitsho njani ukuba: “Sizizilumko, ibe sinawo nomthetho kaYehova”?
Kuba kaloku usiba oluxokayo*+ loonobhala lusetyenziselwe ubuxoki kuphela.
Ziye zoyikiswa ibe ziza kubanjwa.
Jonga! Zililahlile ilizwi likaYehova,
Buphi ke obo bulumko bazo?
10 Abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda,
Amasimi abo ndiwanike abanye;+
Kuba ukususela koyena mncinci ukuya koyena mkhulu, ngamnye uzenzela inzuzo ngamaqhinga;+
Ukususela kumprofeti ukuya kumbingeleli, ngamnye uqhubeka esenza amaqhinga.+
11 Kwaye bazama ukuphilisa amanxeba entombi* yabantu bam ngokungakhathali,* besithi:
“Kukho uxolo! Kukho uxolo!”
Kube kungekho xolo.+
12 Ngaba baneentloni ngenxa yezinto ezenyanyekayo abazenzileyo?
Abanazintloni tu!
Abakwazi nokuliva ihlazo!+
Ngoko ke baza kuwa nabo bawayo.
Xa ndibohlwaya, baza kukhubeka,’+ utsho uYehova.
13 ‘Ndiza kubaqokelela ndize ndibatshabalalise,’ utsho uYehova.
‘Akuzukubakho zidiliya zishiyekileyo kwimithi yeediliya, kungabikho mafiya kwimithi yamafiya,* namahlamvu abune.
Nezinto ebendiza kubanika zona abazukuzifumana.’”
14 “Sihlelele ntoni apha?
Masiqokelelane singene kwizixeko ezikhuselekileyo+ size sitshabalalele apho.
15 Besinethemba loxolo, kodwa akukho nto intle izileyo,
Besinethemba lokuba siza kuphiliswa, kodwa siyoyika!+
16 Ukubetha kwethatha lamahashe akhe kuvakala kwaDan.
Ukukhonya kweenkunzi zakhe zamahashe
Kunyikimisa ilizwe lonke.
Iintshaba zifika zilidle ziligqibe ilizwe, nayo yonke into ekulo,
Isixeko kunye nabemi baso.”
17 “Kuba ndithumela iinyoka kuni,
Iinyoka ezinetyhefu ekungenakusetyenziswa makhubalo kuzo,
Yaye ziza kunitya ngokuqinisekileyo,” utsho uYehova.
18 Intlungu yam ayinakupheliswa.
Intliziyo yam iyagula.
19 Kwilizwe elikude kuvakala isikhalo esicela uncedo
Isikhalo esivela kwintombi yabantu bam:
“UYehova akakho seZiyon na?
Okanye ukumkani wayo akakho kuyo na?”
“Kutheni bendikhubekisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo,
Ngoothixo babo basemzini abalilize?”
20 “Ixesha lokuvuna lidlule, ihlobo liphelile;
Kodwa asikhange sisindiswe!”
Ndothukile.
22 Akukho bhalsam* na eGiliyadi?+
Okanye akukho mphilisi* na apho?+
Kutheni ingachachanga intombi yabantu bam?+