Duteronomi
27 UMoses nabo bonke abadala bakwaSirayeli bema phambi kwabantu. UMoses wathi kubo: “Yithobeleni yonke imiyalelo endininika yona namhlanje. 2 Ngemini eniza kuyiwela ngayo iYordan ningena kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, nize nimise amatye amakhulu, niwatyabeke.*+ 3 Xa seniwelile, nize nibhale amazwi alo Mthetho kuloo matye, ukuze ningene kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, ilizwe eligcwele ubisi nobusi, kanye njengokuba uYehova uThixo wookhokho benu wanithembisayo.+ 4 Xa seniyiwelile iYordan, nize niwamise la matye eNtabeni Ye-Ebhali,+ niwatyabeke,* kanye njengokuba ndiniyalela namhlanje. 5 Kwakhona nimele nimakhele uYehova uThixo wenu isibingelelo apho, isibingelelo samatye. Animelanga nisebenzise izixhobo zentsimbi kuwo.+ 6 Nifanele nisakhe ngamatye apheleleyo isibingelelo sikaYehova uThixo wenu, yaye nimele nenzele uYehova uThixo wenu iminikelo etshiswayo phezu kwaso. 7 Nimele nenze imibingelelo yobuhlobo,+ niyityele apho,+ nize nivuye phambi koYehova uThixo wenu.+ 8 Nize niwabhale ngokucacileyo kuloo matye onke amazwi alo Mthetho.”+
9 Emva koko uMoses nababingeleli abangabaLevi bathetha nawo onke amaSirayeli besithi: “Yithini cwaka nimamele maSirayeli. Namhlanje niye nangabantu bakaYehova uThixo wenu.+ 10 Nimele nilimamele ilizwi likaYehova uThixo wenu, nize niyithobele imiyalelo+ nemithetho yakhe, endiniyalela yona namhlanje.”
11 Ngaloo mini uMoses wabayalela abantu esithi: 12 “Izizwe eziza kuma eNtabeni YeGerizim+ ukuze zisikelele abantu emva kokuba niyiwelile iYordan nazi: SesakwaSimeyon, esakwaLevi, esakwaYuda, esakwaIsakare, esakwaYosefu nesakwaBhenjamin. 13 Nazi izizwe eziza kuma eNtabeni Ye-Ebhali+ ukuze ziqalekise: SesakwaRubhen, esakwaGadi, esakwa-Ashere, esakwaZebhulon, esakwaDan nesakwaNafetali. 14 Yaye abaLevi baza kuthetha nawo onke amadoda akwaSirayeli bekhwaza, besithi:+
15 “‘Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo+ okanye umfanekiso wesinyithi,+ into eyenyanyekayo kuYehova,+ engumsebenzi wezandla zomntu olichule,* aze ayifihle.’ (Yaye bonke abantu baza kuphendula bathi, ‘Amen!’)*
16 “‘Uqalekisiwe umntu odelela utata okanye umama wakhe.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
17 “‘Uqalekisiwe umntu onciphisa umda wommelwane wakhe.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
18 “‘Uqalekisiwe umntu owenza imfama ibhadule endleleni.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
19 “‘Uqalekisiwe umntu ogqwetha isigwebo+ somntu wasemzini, esomntwana ongenatata* okanye esomhlolokazi.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
20 “‘Uqalekisiwe umntu olala nomfazi katata wakhe, kuba uhlazisa utata wakhe.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
21 “‘Uqalekisiwe umntu olala nesilwanyana.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
22 “‘Uqalekisiwe umntu olala nodadewabo, intombi katata wakhe okanye kamama wakhe.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
23 “‘Uqalekisiwe umntu olala nomama womfazi wakhe.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
24 “‘Uqalekisiwe umntu oqubula ummelwane wakhe aze ambulale.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
25 “‘Uqalekisiwe umntu owamkela isinyobo ukuze abulale umntu omsulwa.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)
26 “‘Uqalekisiwe umntu ongabambeleliyo kumazwi alo Mthetho ngokuthi awathobele.’+ (Bonke abantu baza kuthi, ‘Amen!’)