Kubalisa UMateyu
11 Akuba uYesu egqibile ukunika abafundi bakhe abayi-12 imiyalelo, wemka apho waya kushumayela kwezinye izixeko.+
2 Wathi uYohane esakuva esejele+ ngezinto ezenziwa nguKristu, wathumela abafundi bakhe+ 3 ukuba bambuze bathi: “UnguLowo Uzayo na, okanye simele silindele omnye?”+ 4 UYesu wathi kubo: “Hambani niyokuxelela uYohane izinto enizibonayo nenizivayo:+ 5 Abantu abangaboniyo bayabona,+ abaziziqhwala bayakwazi ukuhamba, abaneqhenqa+ bayaphiliswa, abangevayo bayeva, abafileyo bayavuswa namahlwempu axelelwa iindaba ezilungileyo.+ 6 Wonwabile lowo ungakhutyekiswayo ndim.”+
7 Bakuba bemkile abafundi bakaYohane, uYesu wathetha ngoYohane kubantu abaninzi ababelapho, wathi: “Naniyokubona ntoni entlango?+ Ingcongolo esiwa ngapha nangapha ngumoya?+ 8 Naniyokubona ntoni ke? Indoda enxibe iimpahla zodidi? Kaloku, abo banxiba iimpahla zodidi bahlala kwizindlu zookumkani. 9 Ngoko, naniyokubona ntoni kanye kanye? Umprofeti? Ndithi kuni, uYohane mkhulu lee kunabaprofeti.+ 10 Nguye lo kwakubhalwe kwathiwa ngaye: ‘Jonga! Ndithumela umthunywa wam phambi kwakho, oza kukulungiselela indlela!’+ 11 Ndiyaniqinisekisa ukuba, kwabo bazelwe ngabafazi akuveliswanga omkhulu kunoYohane umBhaptizi; kodwa oyena mntu uphantsi eBukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.+ 12 Ukususela kwimihla kaYohane umBhaptizi kude kube ngoku, abantu bebesoloko bezama kangangoko ukufumana uBukumkani bamazulu, yaye abo basebenza nzima bayabufumana.+ 13 Kuba bonke abaProfeti noMthetho, baprofeta de kwafika uYohane;+ 14 yaye enoba niyayivuma okanye aniyivumi loo nto, ‘nguye lo Eliya kwakuthiwe uyeza.’+ 15 Lowo uneendlebe makamamele.
16 “Ndingasifanisa nantoni na esi sizukulwana?+ Sifana nabantwana abancinci abahleli kwiindawo ekuthengiswa kuzo abakhwaza abanye, 17 besithi: ‘Sanidlalela ifleyiti, kodwa anizange nidanise; sakhala kakhulu, kodwa anizange nikhathazeke.’ 18 NoYohane ke akatyi sonka, akaseli nawayini, kodwa abantu bathi, ‘Unedemon.’ 19 UNyana womntu yena uyatya, uyasela,+ kodwa abantu bathi, ‘Jongani! Le ndoda inyolukileyo, esoloko isela iwayini, nengumhlobo wabaqokeleli berhafu naboni.’+ Kodwa ubulumko bubonakala* ngezenzo.”+
20 Emva koko, wazingxolisa izixeko awenza kuzo eyona mimangaliso mininzi, kuba zingazange ziguquke, esithi: 21 “Uza kuthi shu, Korazin! Uthi shu, nawe Bhethesayida! Kaloku, ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, zona ngezaziguquke kudala zaza zahlala eluthuthwini zinxibe amalaphu okwenza ingxowa.+ 22 Kodwa ndithi kuni, niza kohlwaywa ngaphezu kweTire neSidon ngeMini Yomgwebo.+ 23 Wena Kapernahum,+ ngaba mhlawumbi uza kunyuselwa ezulwini? Hayi, uza kwehlela engcwabeni;*+ kaloku ukuba imimangaliso eyenzeke kuwe yayenzeke eSodom, ngeyisekho nanamhlanje. 24 Kodwa ndithi kuni, niza kohlwaywa ngaphezu kweSodom ngeMini Yomgwebo.”+
25 Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndikudumisa phambi kwabantu Tata, Nkosi yezulu nomhlaba, kuba uye wazifihla ezi zinto kwizilumko nezifundiswa, wazityhilela abantwana.+ 26 Wenze ngolo hlobo Tata, kuba kukuthanda kwakho oko. 27 UTata uziphathise mna zonke izinto,+ ibe akekho umntu omazi kakuhle uNyana ngaphandle kukaTata;+ engekho nomntu omazi kakuhle uTata ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumxelela ngaye.+ 28 Yizani kum nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, ndiza kunihlaziya. 29 Thathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndizolile, ndithobekile,*+ ibe niza kuhlaziyeka. 30 Kuba idyokhwe yam ayityabuli,* nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”