Amosi
4 “Liveni eli lizwi, nina zimazi zeenkomo zaseBhashan,
Ezisentabeni yaseSamariya,+
Nina bafazindini baqhatha izisweli,+ nityumza namahlwempu,
Nina bathi kubayeni benu,* ‘Siphatheleni into yokusela!’
2 INkosi enguMongami uYehova ifunge ngobungcwele bayo yathi,
‘“Jongani! Kuza imihla apho niya kuphakanyiswa ngeehaki zomxheli
Baze abashiyekileyo baphakanyiswe ngeehaki zokuloba iintlanzi.
3 Niza kuphuma ngeentanda eziseludongeni, ngamnye aye ngqo phambili,
Ibe niza kuphoswa eHarmon,” utsho uYehova.’
Kuba yiloo nto enithanda ukuyenza kakade, nina maSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
6 ‘Mna ndawenza acoceka amazinyo enu ngenxa yokungabi nakutya kuzo zonke izixeko zenu
Ndaza ndanenza naswela isonka kuzo zonke izindlu zenu;+
Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.
7 ‘Ndanivimba nemvula kwiinyanga ezintathu ngaphambi kwexesha lesivuno.+
Ndenza kwanetha kwesinye isixeko, kodwa kwesinye akwanetha.
Esinye isiqwenga somhlaba safumana imvula,
Kodwa esinye soma ngenxa yokungabikho kwemvula.
8 Abantu bezixeko ezibini okanye ezithathu babegxadazelela kwisixeko esinye ukuze basele amanzi,+
Ibe babenganeli.
Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.
9 ‘Ndanibetha ngomoya otshisayo nokungunda.+
Nalapho anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.
10 ‘Ndathumela isifo esingubhubhani esinjengeso saseYiputa.+
Ndabulala abafana benu ngekrele,+ ndathimba namahashe enu.+
Ndakwenza kwangena ezimpumlweni zenu ukunuka kweenkampu zenu.+
Kodwa anizange nibuyele kum,’ utsho uYehova.
Naninjengesikhuni esixhwilwe emlilweni,
Kodwa anizange nibuyele kum,’+ utsho uYehova.
12 Yiloo nto endiza kuyenza kuwe, Sirayeli.
Ekubeni ndiza kwenza kanye le nto kuwe,
Zilungiselele ukudibana noThixo wakho, Sirayeli.