Eyesibini KwabaseKorinte
4 Ngoko ekubeni uThixo esinike lo msebenzi ngenceba yakhe, asinikezeli. 2 Kodwa siye saziyeka izinto ezilihlazo, ezenziwa emfihlekweni, sayeka ukuba namaqhinga okanye ukungxenga ilizwi likaThixo,+ kodwa siye safundisa abantu inyaniso, saza ngaloo ndlela saba yimizekelo emihle kwizazela zabo phambi koThixo.+ 3 Ukuba ke iindaba ezilungileyo esizishumayelayo zogqunyiwe, zogqunywe kwabo batshabalalayo. 4 Abo bantu ngabo bangakholwayo athe uthixo weli hlabathi*+ wamfamekisa iingqondo zabo,+ ukuze bangakuboni ukukhanya+ kweendaba ezilungileyo, ezizukileyo ezingoKristu ongumfanekiso kaThixo.+ 5 Kuba asishumayeli ngathi, kodwa sishumayela ukuba uYesu Kristu yiNkosi, yaye thina singamakhoboka enu ngenxa kaYesu. 6 Kuba nguThixo owathi: “Ukukhanya makukhanye ebumnyameni,”+ yaye uye wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele+ ngolwazi oluzukileyo lukaThixo ngobuso bukaKristu.
7 Kodwa ke, obu butyebi sibuphethe+ ngezitya zodongwe,+ ukuze kucace ukuba amandla ethu angaqhelekanga avela kuThixo, hayi kuthi.+ 8 Sicinezelwe zizinto ezininzi kodwa asixinekanga ukuba side singakwazi ukushukuma; sibhidekile kodwa loo nto ayithethi kuthi asinayo tu indlela yokuphuma;*+ 9 siyatshutshiswa, kodwa asilahlwanga;+ siphoswa phantsi, kodwa asitshatyalaliswa.+ 10 Sisoloko sinyamezele ukuphathwa kakubi emizimbeni yethu nokuba sesichengeni sokufa njengoYesu,+ ukuze indlela awayephila ngayo uYesu ibonakale emizimbeni yethu. 11 Kuba thina baphilayo sisoloko sisesichengeni sokufa+ ngenxa kaYesu, ukuze indlela awayephila ngayo uYesu ibonakale emizimbeni yethu efayo. 12 Ngenxa yoko thina sijongene nokufa, kodwa nina nifumana ubomi.
13 Ekubeni sinokholo olufanayo nolo kubhalwe ngalo kwathiwa: “Ndathetha kuba ndinokholo,”+ nathi siyathetha kuba sinokholo, 14 sisazi ukuba lowo wavusa uYesu uza kusivusa nathi njengoYesu, aze asinikele kuye, thina kunye nani.+ 15 Kuba zonke ezi zinto zenzelwa nina, ukuze iintsikelelo zikaThixo zande* ngenxa yabantu abaninzi abathandaza kuThixo bemzukisa.+
16 Ngoko asinikezeli, kodwa nokuba umntu esinguye ngaphandle uya esonakala, ngokuqinisekileyo umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha yonke imihla. 17 Kuba nangona ubunzima esijongene nabo buyinto egqithayo nencinci, busizisela uzuko olungenakulinganiswa nanto noluza kuhlala ngonaphakade.+ 18 Okwangoku sihlala sijongise amehlo ethu kwizinto ezingabonwayo, kungekhona kwizinto ezibonwayo.+ Kuba izinto ezibonwayo ziyagqitha, kodwa izinto ezingabonwayo zingunaphakade.