Ileta Eya KwabaseKolose
4 Nina zinkosi waphatheni kakuhle nangobulungisa amakhoboka enu, nisazi ukuba nani nineNkosi ezulwini.+
2 Thandazani ningayeki,+ ibe njengoko nithandaza, hlalani nithe qwa, nibulela.+ 3 Sithandazeleni nathi,+ ukuze uThixo asivulele umnyango wokuba sishumayele ilizwi, sishumayele ngemfihlelo engcwele engoKristu, le ndibanjwe ngenxa yayo,+ 4 nokuze ndithethe ngayo ngendlela ecacileyo, njengoko ndimele ndenze njalo.
5 Yibani nobulumko xa nisebenzisana nabantu bangaphandle, nilisebenzise kakuhle ixesha lenu.*+ 6 Hlalani nithetha kakuhle, amazwi enu enongwe ngetyiwa,+ ukuze niyazi indlela yokuphendula umntu ngamnye.+
7 UTikiko+ umzalwana wam endimthandayo, osebenza ngokuthembeka nolikhoboka kunye nam eNkosini, uza kunixelela yonke into ngam. 8 Ndimthumela kuni ukuze nazi ngathi nokuze anithuthuzele. 9 Uza kube ehamba no-Onesimo,+ umzalwana wam othembekileyo nendimthandayo, ovela kwalapho kuni. Baza kunixelela zonke izinto ezenzeka apha.
10 Uyabulisa uAristarko+ endibanjwe naye, noMarko+ umzala kaBharnabhas, (lo kwakuthiwe nize nimamkele+ ukuba uze kuni), 11 noYesu ekuthiwa nguYusto, ongomnye wamaYuda.* Ngabo kuphela endisebenzela uBukumkani bukaThixo nabo, yaye bayandithuthuzela.* 12 Uyabulisa uEpafra+ ikhoboka likaKristu Yesu elivela kuni. Akayeki ukunithandazela, ukuze ekugqibeleni nime niqinile yaye niqinisekile ngako konke ukuthanda kukaThixo. 13 Ndilingqina lokuba uzimisele kakhulu ukuninceda, nokunceda abo baseLawodike nabo baseHirapoli.
14 Uyabulisa uLuka+ ugqirha othandekayo noDemas.+ 15 Ndibuliseleni kubazalwana baseLawodike, kuNimfa nakwibandla elingenela endlini yakhe.+ 16 Emva kokuba niyifundile le leta, yinikeni ibandla laseLawodike ukuze ifundwe+ nalapho, nize nani niyifunde leya ivela eLawodike. 17 Yithini kuArkipo:+ “Zimisele ukuwenza kakuhle umsebenzi owunikwe yiNkosi.”
18 Lo mbuliso ubhalwa ndim, mna Pawulos ngesandla sam.+ Qhubekani nikhumbula ukuba ndibanjiwe.+ Ububele bukaThixo* mabube nani.