Isahluko 3
Izitshixo Ezibini Zomtshato Ohlala Uhleli
1, 2. (a) Umtshato wawenzelwa ukuba uhlale ixesha elingakanani? (b) Kunokwenzeka njani oku?
XA UTHIXO wamanyanisa indoda nomfazi wokuqala ngomtshato, kwakungekho nto ibonisa ukuba wawuza kuba lumanyano lokwexeshana. UAdam noEva babeza kuhlala kunye ubomi babo bonke. (Genesis 2:24) Umtshato obekekileyo kuThixo kukumanyaniswa kwendoda enye nomfazi omnye. Kukuziphatha okubi ngokwesini nokunzulu kwelinye iqabane okanye omabini kuphela okuwanika izizathu ezingokweZibhalo zokuqhawula umtshato aze akwazi ukuphinda atshate.—Mateyu 5:32.
2 Ngaba kungenzeka ngabantu ababini bahlale kunye bonwabile ixesha elingenasiphelo? Ewe, ibe iBhayibhile ichaza oothunywashe, okanye izitshixo ezibini ezinokubanceda benze oku. Ukuba indoda nomfazi bayazisebenzisa, baya kuvula umnyango osa elonwabeni nakwiintsikelelo ezininzi. Ziziphi ezi zitshixo?
ISITSHIXO SOKUQALA
3. Ziziphi iintlobo ezintathu zothando amaqabane omtshato afanele azihlakulele?
3 Isitshixo sokuqala luthando. Okubangel’ umdla kukuba kukho iintlobo ezahlukeneyo zothando ezichazwe eBhayibhileni. Olokuqala ngumsa wobubele obanawo ngomntu, thando olo olubakho phakathi kwabahlobo abasenyongweni. (Yohane 11:3) Olunye luthando olubakho phakathi kwamalungu entsapho. (Roma 12:10) Olwesithathu luthando umntu abanalo ngomntu wesini esahlukileyo. (IMizekeliso 5:15-20) Kambe ke, zonke ezi ntlobo zothando indoda nomfazi bafanele bazihlakulele. Kodwa kukho uhlobo lwesine lothando, olubaluleke ngaphezu kwazo zonke ezinye.
4. Luluphi uhlobo lwesine lothando?
4 Kulwimi lwantlandlolo lweZibhalo zamaKristu zesiGrike, igama lolu hlobo lwesine lothando lithi a·gaʹpe. Elo gama lisetyenziswe kweyoku-1 kaYohane 4:8, apho sixelelwa oku: “UThixo uluthando.” Eneneni, “siyamthanda [uThixo], ngenxa yokuba wasithanda kuqala.” (1 Yohane 4:19) UmKristu uqala ahlakulele uthando olunjalo ngoYehova uThixo alandelise ngabanye abantu. (Marko 12:29-31) Igama elithi a·gaʹpe likwasetyenziswe nakumaEfese 5:2, ngokuthi: “Nize niqhubeke nihamba eluthandweni, kanye njengokuba noKristu wanithandayo, waza wazinikela ngenxa yenu.” UYesu wathi abafundi bakhe babeya kubonwa ngolu hlobo lothando: “Ngako oku bonke baya kwazi, ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando [a·gaʹpe] phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Kwakhona, phawula indlela elisetyenziswe ngayo igama elithi a·gaʹpe kweyoku-1 kwabaseKorinte 13:13: “Ngoku kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezi zontathu; kodwa eyona inkulu kwezi luthando [a·gaʹpe].”
5, 6. (a) Kutheni uthando lungaphezulu kunokholo nethemba? (b) Ziziphi ezinye izizathu zokuba uthando luya kwenza umtshato uhlale uhleli?
5 Yintoni le yenza olu thando lungu-a·gaʹpe lube lukhulu kunokholo nethemba? Lulawulwa yimigaqo—yimigaqo elungileyo—efumaneka eLizwini likaThixo. (INdumiso 119:105) Lukukuxhalabela ukwenza okulungileyo nokuhle kwabanye ngokungazingci ngokwembono kaThixo, enoba loo mntu sikwenza kuye ubonakala ekufanele okanye engakufanele. Olo thando lwenza amaqabane atshatileyo alandele isiluleko seBhayibhile esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unonobangela wokukhalazela omnye. Kwananjengoko noYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Izibini ezitshatileyo ezithandanayo neziluhlakulelayo olo thando ziba “nothando [a·gaʹpe] olukhulu omnye ngomnye, ngenxa yokuba uthando lugubungela inkitha yezono.” (1 Petros 4:8) Phawulani ukuba uthando lugubungela iimpazamo. Aluzibethi ngayaba, ekubeni kungekho mntu ungafezekanga ungenzi siphoso.—INdumiso 130:3, 4; Yakobi 3:2.
6 Xa isibini esitshatileyo sihlakulela olo hlobo lothando ngoThixo yaye sithandana, umtshato waso uya kuhlala uhleli yaye siya konwaba, kuba “uthando aluze lusilele.” (1 Korinte 13:8) Uthando “lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.” (Kolose 3:14) Ukuba utshatile, wena neqabane lakho ningaluhlakulela njani olu hlobo lothando? Fundani iLizwi likaThixo kunye, nize nincokole ngalo. Fundisisani ngomzekelo kaYesu wothando nize nizame ukumxelisa nicinge njengaye nenze izinto njengaye. Ukongezelela, yiyani kwiintlanganiso zamaKristu, apho kufundiswa khona ngeLizwi likaThixo. Yaye thandazelani uncedo lukaThixo ukuze nibe nolu hlobo lothando lubalaseleyo, olusisiqhamo somoya oyingcwele kaThixo.—IMizekeliso 3:5, 6; Yohane 17:3; Galati 5:22; Hebhere 10:24, 25.
ISITSHIXO SESIBINI
7. Yintoni intlonelo, ibe ngubani ofanele abonakalise intlonelo emtshatweni?
7 Ukuba abantu ababini abatshatileyo bathandana ngokwenene, kuya kufuneka bahlonelane, ibe intlonelo sisitshixo sesibini somtshato owonwabisayo. Intlonelo kuthiwa “kukubacingela abanye, ukubabeka.” ILizwi likaThixo liluleka onke amaKristu, kuquka amadoda nabafazi bawo: “Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Umpostile uPetros wabhala: “Nina madoda, qhubekani nihlala nabo ngohlobo olufanayo ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi.” (1 Petros 3:7) Umfazi ululekwa ngelithi “ufanele abe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.” (Efese 5:33) Ukuba ufuna ukubeka umntu, uba nobubele kuye, uhlonele isidima sakhe nezimvo zakhe, uze ukulungele ukumenzela nantoni na esemandleni akho ayicelayo.
8-10. Ziziphi ezinye iindlela intlonelo eya kwenza umanyano lomtshato lomelele luze lonwabise ngazo?
8 Abo banqwenela ukuba nomtshato owonwabisayo babonisa intlonelo kumaqabane abo ‘baphosa iliso, kungekhona kwizilangazelelo zobuqu, kodwa nakwizilangazelelo zobuqu zamaqabane abo.’ (Filipi 2:4) Abacingi ngokulungelwa kwabo kuphela—nto leyo ebiya kuba kukuzingca. Kunoko, acinga nangokulungelwa kwamaqabane abo. Eneneni, yeyona nto iphambili kubo leyo.
9 Intlonelo iya kunceda amaqabane atshatileyo akwamkele ukungavisisani ngezimvo. Akukho ngqiqweni ukulindela ukuba abantu ababini banganeembono ezifanayo kwinto yonke. Into ebalulekileyo endodeni isenokungabi namsebenzi emfazini, ibe into akholwa yiyo umfazi isenokungakholwa yiyo indoda. Kodwa ngamnye ufanele ahlonele iimbono nezinto ezikhethwa ngomnye, lo gama nje zingachasananga nemithetho nemigaqo kaYehova. (1 Petros 2:16; thelekisa uFilemon 14.) Ngaphezu koko, ngamnye ufanele ahlonele isidima somnye ngokungasoloko emnukuneza okanye emenza intlekisa, phakathi kwabantu okanye xa bebobabini.
10 Ewe, ukuthanda uThixo nokuthandana nokuhlonelana zizitshixo ezibalulekileyo ukuze umtshato uphumelele. Zinokusetyenziswa njani kwezinye iinkalo ezibalulekileyo kubomi bomtshato?
UBUNTLOKO OBUFANA NOBUKAKRISTU
11. NgokweZibhalo, ngubani intloko emtshatweni?
11 IBhayibhile isixelela ukuba indoda yadalwa yaneempawu ezaziya kuyenza ibe yintloko yentsapho ephumelelayo. Ngenxa yoko, indoda iya kuphendula kuYehova ngempilo-ntle yokomoya neyokwenyama yomfazi nabantwana bayo. Kuya kufuneka yenze izigqibo ezilungeleleneyo ezibonisa ukuthanda kukaYehova ize ibe ngumzekelo omhle ngehambo yobuthixo. “Abafazi mabathobele amadoda abo njengakuyo iNkosi, ngenxa yokuba indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba kanjalo noKristu eyintloko yebandla.” (Efese 5:22, 23) Noko ke, iBhayibhile ithi nendoda inentloko yayo, Lowo unegunya phezu kwayo. Umpostile uPawulos wabhala: “Ndifuna nazi ukuba intloko yayo yonke indoda nguKristu; ngokulandelayo intloko yomfazi yindoda; ngokulandelayo intloko kaKristu nguThixo.” (1 Korinte 11:3) Indoda elumkileyo ifunda indlela yokusebenzisa ubuntloko ngokuxelisa intloko yayo, uKristu Yesu.
12. Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa nguYesu wokuzithoba nowokusebenzisa ubuntloko?
12 NoYesu unentloko yakhe, uYehova, yaye uzithoba ngokufanelekileyo kuYe. UYesu wathi: “Ndifuna, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo undithumileyo.” (Yohane 5:30) Onjani ukuba mhle umzekelo! UYesu ‘lizibulo kwindalo yonke.’ (Kolose 1:15) Waba nguMesiya. Wayeza kuba yiNtloko yebandla lamaKristu athanjisiweyo aze abe nguKumkani onyuliweyo woBukumkani bukaThixo, ngaphezu kwazo zonke izithunywa zezulu. (Filipi 2:9-11; Hebhere 1:4) Nangona ikweso sigxina siphakame kangako yaye inethemba lezinto ezibaluleke ngolo hlobo, le ndoda inguYesu yayingekho ngqwabalala, ingayekeleli, okanye ifune izinto ngetshova. Yayingengomayitshe, owayehlelele ukukhumbuza abafundi bayo ukuba bamele bayithobele. UYesu wayenothando novelwano, ngokukodwa kwabacinezelekileyo. Wathi: “Yizani kum, nonke nina nixhamlekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathelani kuni idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali ibe ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mateyu 11:28-30) Kwakumnandi ukuba kunye naye.
13, 14. Ixelisa uYesu, indoda enothando iya kubusebenzisa njani ubuntloko bayo?
13 Indoda enqwenela ubomi bentsapho obonwabisayo iyazinceda ngokujonga imikhwa emihle kaYesu. Indoda elungileyo ayibi ngqwabalala ibe nguzwilakhe, isebenzisa kakubi ubuntloko bayo njengento yokugrogrisa umfazi wayo. Kunoko, iyamthanda ize imbeke. Ukuba uYesu ‘wayethobekile ngentliziyo,’ indoda inezizathu ezininzi zokuba njalo kuba, yona ayifani noYesu, iyazenza iziphoso. Xa yenze isiphoso, ifuna umfazi wayo abe ngoqondayo. Ngoko ke, indoda ethobekileyo iyazivuma iimpazamo zayo, nangona amazwi anjengala, “Uxolo; ubunyanisile,” esenokungaphumi ngokulula. Umfazi uya kukufumanisa kulula ukuhlonela ubuntloko bendoda ethozamileyo nethobekileyo kunaleyo inekratshi inguntamo-lukhuni. Kwelinye icala, umfazi onentlonelo naye ucela uxolo xa enze isiphoso.
14 UThixo wadala umfazi waneempawu ezintle anokuzisebenzisa ekwenzeni umtshato wonwabise. Indoda elumkileyo iya kukuqonda oku yaye ayiyi kumenza angazivelisi ezi mpawu. Amabhinqa amaninzi adla ngokuba novelwano gqitha aze aziphaphele iimvakalelo zabanye, mpawu ezo ezifunekayo ekunyamekeleni intsapho nasekuqiniseni ulwalamano lwabantu. Ngokuqhelekileyo, eyona nto umfazi anobuchule kuyo kukwenza ikhaya libe yindawo ekumnandi ukuhlala kuyo. “Umfazi onesidima” ochazwe kwiMizekeliso isahluko 31 wayeneempawu ezintle nobuchule obubalaseleyo, ibe intsapho yakhe yangenelwa ngokupheleleyo kuzo. Ngoba? Kuba “ikholose” ngaye intliziyo yendoda yakhe.—IMizekeliso 31:10, 11.
15. Indoda inokulubonisa njani uthando nentlonelo efana nekaKristu kumfazi wayo?
15 Kwezinye iindawo, eyona nto kubekw’ umnwe kuyo ligunya lendoda, kangangokuba ukuyibuza nje umbuzo kujongwa njengendelelo. Isenokumphatha njengekhoboka umkayo. Ukusebenzisa kakubi ubuntloko ngolo hlobo kusenokonakalisa kungekuphela ulwalamano lwayo nomkayo kodwa kwanoThixo. (Thelekisa eyoku-1 kaYohane 4:20, 21.) Kwelinye icala, amanye amadoda alal’ emqokozweni angathabathi khokelo, ephos’ iintambo kubafazi bawo. Indoda ethobela uKristu ayimxhaphazi umfazi wayo okanye imthobe isidima. Kunoko, ixelisa uthando lukaYesu lokungazingci ize yenze ngokwesiluleko sikaPawulos: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo.” (Efese 5:25) UKristu Yesu wabathanda abalandeli bakhe kangangokuba wabafela. Indoda elungileyo iya kuzama ukuxelisa eso simo sengqondo sokungazingci, ifuna ukulungelwa komfazi wayo, kunokufuna izinto ngetshova kuye. Xa indoda ithobela uKristu yaye ibonisa uthando nentlonelo efana nekaKristu, umfazi wayo uya kushukunyiselwa ukuba ayithobele.—Efese 5:28, 29, 33.
UKUZITHOBA KOMFAZI
16. Kulwalamano lwakhe nendoda yakhe umfazi ufanele abe naziphi iimpawu?
16 Emva kwethutyana edale uAdam, “wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.” (Genesis 2:18) UThixo wadala uEva ‘njengomncedi,’ kungekhona umntu oza kukhuphisana naye. Umtshato wawungayi kuba njengenqanawa enabaqhubi ababini abakhuphisanayo. Indoda yayiza kuba yintloko enothando, aze umfazi abonise uthando, intlonelo nokuzithoba engaqhutywa.
17, 18. Ziziphi ezinye iindlela umfazi angaba ngumncedi wokwenene ngazo kwindoda yakhe?
17 Noko ke, umfazi olungileyo akaneli nje ukuthobela. Uzabalazela ukuba ngumncedi wokwenene, ayixhase indoda yakhe kwizigqibo ezenzayo. Kakade ke, uzixhasa ngokulula xa evumelana nazo. Kodwa kwanaxa engavumelani nazo, ukuqhubeka eyixhasa kungenza izigqibo zayo ziphumelele ngakumbi.
18 Umfazi angayinceda indoda yakhe ibe yintloko elungileyo nangezinye iindlela. Unokuyichazela indlela ayixabisa ngayo imigudu yayo ekukhokeleni, kunokuyihlab’ amadlala okanye ayenze izive ingamanelisi. Xa esebenzisana ngendlela entle nendoda yakhe, ufanele akhumbule ukuba ‘umoya ozolileyo nowobulali, unexabiso elikhulu emehlweni kaThixo,’ kungekhona kwawendoda yakhe kuphela. (1 Petros 3:3, 4; Kolose 3:12) Kuthekani ukuba indoda ayikholwa? Ikholwa ingakholwa, iZibhalo zikhuthaza abafazi ukuba “bawathande amadoda abo, babathande abantwana babo, babe ngabaphilileyo engqondweni, babe nyulu, babe ngabasebenzi ekhaya, babe ngabalungileyo, bazithobe kumadoda abo, khon’ ukuze kungathethwa ngokutshabhisayo ngelizwi likaThixo.” (Tito 2:4, 5) Kwimibandela yesazela, indoda engakholwayo isenokuzihlonela izimvo zomfazi wayo xa eyichazela ‘ngomoya wobulali nangentlonelo.’ Amanye amadoda angakholwayo aye ‘azuzeka ngaphandle kwelizwi ngehambo yabafazi bawo, ngenxa yokuba eye angamangqina okuzibonela ehambo [yabo] enyulu ndawonye nentlonelo enzulu.’—1 Petros 3:1, 2, 15; 1 Korinte 7:13-16.
19. Kuthekani ukuba indoda icela umfazi wayo ukuba aphule umthetho kaThixo?
19 Kuthekani ukuba indoda icela umfazi enze into eyalelwayo nguThixo? Xa kunjalo, umele akhumbule ukuba nguThixo uMlawuli wakhe omkhulu. Ulandela umzekelo woko kwenziwa ngabapostile xa babecelwa ngabasemagunyeni ukuba bavukele umthetho kaThixo. IZenzo 5:29 zithi: “Ekuphenduleni uPetros nabanye abapostile bathi: ‘Simele sithobele uThixo njengomphathi kunabantu.’”
UNXIBELELWANO OLUHLE
20. Uthando nentlonelo zifuneka kweyiphi inkalo ebalulekileyo?
20 Uthando nentlonelo zibaluleke nakwenye into emtshatweni—unxibelelwano. Indoda enothando iye incokole nomfazi wayo ngomsebenzi wakhe, ngeengxaki zakhe, ngendlela ayijonga ngayo imibandela ethile. Kuyafuneka oku emfazini. Indoda ezipha ixesha lokuncokola nomfazi wayo ize ikuphulaphule ngokwenene oko akuthethayo ibonisa ukuba iyamthanda yaye iyamhlonela. (Yakobi 1:19) Isikhalo sabanye abafazi kukuba amadoda abo achitha ixesha elincinane gqitha encokola nabo. Imbi gqitha ke loo nto. Liyinyaniso elokuba kula maxesha axakekileyo, amadoda asenokusebenza ixesha elide ekude nekhaya, ibe iimeko zoqoqosho zisenokubangela abanye abafazi nabo baphangele. Kodwa isibini esitshatileyo simele sizibekele ixesha lokuba kunye. Kungenjalo, ngamnye uya kuhamba ngayibonayo. Oku kusenokusifaka kwembi ingxaki ukuba ngamnye kunyanzeleka aye komnye umntu angatshatanga naye xa efuna uvelwane lweqabane.
21. Ukuthetha kakuhle kuya kuwenza njani umtshato wonwabise?
21 Ibalulekile indlela abafazi namadoda abanxibelelana ngayo. “Amazwi amnandi . . . ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.” (IMizekeliso 16:24) Enoba iqabane liyakholwa okanye alikholwa, esi siluleko seBhayibhile siyasebenza: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa,” okuthetha ukuthi, makube myoli. (Kolose 4:6) Xa omnye ebengenasuku lumnandi, amazwi ambalwa obubele novelwano eqabane lakhe anokwenza lukhulu. “Ziilamuni zegolide kwizitya zesilivere ezimakhazikhazi ilizwi elithethwe latyapha.” (IMizekeliso 25:11) Indlela othetha ngayo namagama owasebenzisayo abalulekile. Ngokomzekelo, xa umntu ecaphukile, enyanzelisa, usenokuthi komnye: “Vala loo mnyango!” Kodwa hayi indlela ‘avakaliswe ngetyuwa’ ngayo amazwi, athethwe ngokuzola, nangokuqonda, “Ungandinceda uvale umnyango?”
22. Ukuze zinxibelelane kakuhle izibini zifanele zibe nasiphi isimo sengqondo?
22 Unxibelelwano luba luhle ngakumbi xa nithetha kamnandi, nijongane ngothando ninezimbo zomzimba ezibonisa oko, ninobubele, niqondana, yaye nithantamisana. Ngokuzama ngamandla ukuhlala benonxibelelwano oluhle, indoda nomfazi baya kuzichaza ngokukhululekileyo iimfuno zabo, yaye baya kuthuthuzelana bancedane ngamaxesha okuphoxeka okanye okuxinezeleka. “Thethani ngokuthuthuzelayo kwimiphefumlo edandathekileyo,” libongoza lisitsho iLizwi likaThixo. (1 Tesalonika 5:14) Kuya kubakho amaxesha axa indoda idakumbile aya kubakho nawokuba umfazi abe njalo. ‘Banokuthetha ngokuthuthuzelayo,’ bakhane.—Roma 15:2.
23, 24. Uthando nentlonelo luya kunceda njani xa kukho ukungavisisani? Zekelisa.
23 Amaqabane atshatileyo abonisa uthando nentlonelo akasayi kukujonga njengento enkulu ukungavisisani. Aya kuzabalazela ‘ukungavuthi ngumsindo’ omnye komnye. (Kolose 3:19) Omabini afanele akhumbule ukuba “impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu.” (IMizekeliso 15:1) Kulumkele ukuligalel’ amanzi okanye wenze iqabane eliphalaza imbilini yalo lizive linetyala. Kunoko, kujonge oko kuzibika njengethuba lokuqonda uluvo lwalo. Ngaxhatha linye, zamani ukulungisa iingxaki nize nifikelele kwisigqibo ngemvisiswano.
24 Khumbula xa uSara wayecebisa umyeni wakhe, uAbraham, ngendlela yokucombulula ingxaki ethile ibe oko akuzange kungene kamnandi kuye. Ukanti, uThixo wathi kuAbraham: “Phulaphula izwi lakhe.” (Genesis 21:9-12) UAbraham waliphulaphula, yaye wasikelelwa. Ngokufanayo, ukuba umfazi ucebisa into eyahlukileyo kwecingwa yindoda, ifanele ubuncinane imphulaphule. Kwangaxeshanye, umfazi akafanele athethe angayeki kodwa ufanele aphulaphule nokuthethwa yindoda yakhe. (IMizekeliso 25:24) Into yokuba kusoloko kusima izwi lendoda okanye elomfazi asikokubonakalisa uthando oko ingeyiyo nentlonelo.
25. Ukunxibelelana kakuhle kuya kusifaka njani isandla ekwenzeni izinto ezinzulu zobomi bomtshato zonwabise?
25 Ukunxibelelana kakuhle kubalulekile nakwiintlobano zesini zesibini esitshatileyo. Ukuzingca nokungazeyisi kunokulonakalisa kanobom olu lwalamano lusondele ngolu hlobo lomtshato. Kubalulekile ukuba ninxibelelane ngokukhululekileyo, nibe nomonde. Xa ngamnye ngokungazingci ecinga ngokulungelwa komnye, isini asifane sibe yingxaki engako. Kulo mbandela nakweminye efanayo, “ngamnye makathi gqolo efuna, kungekhona okwakhe ukulungelwa, kodwa oko komnye umntu.”—1 Korinte 7:3-5; 10:24.
26. Nangona wonke umtshato uya kuba nawo amahla-ndinyuka awo, ukuphulaphula iLizwi likaThixo kuya kuzinceda njani izibini ezitshatileyo zifumane ulonwabo?
26 Esinjani sona ukuba sihle isiluleko esinikelwa liLizwi likaThixo! Enyanisweni, wonke umtshato uya kuba nawo amahla-ndinyuka awo. Kodwa xa amaqabane atshatileyo ethobela ukucinga kukaYehova, okutyhilwe eBhayibhileni aze asekele ulwalamano lwawo kuthando lomgaqo nentlonelo, anokuba nentembelo yokuba umtshato wawo uya kuhlala uhleli yaye usonwabisa. Ngaloo ndlela akayi kwanela nje ukubekana kodwa aya kuba abeka noMsunguli womtshato, uYehova uThixo.
LE MIGAQO YEBHAYIBHILE INGASINCEDA NJANI . . . ISIBINI SIBE NOMTSHATO OHLALA UHLELI NOWONWABISAYO?
AmaKristu okwenyaniso ayathandana.—Yohane 13:35.
AmaKristu akulungele ukuxolelana.—Kolose 3:13.
Kukho ulungelelwaniso olufanelekileyo lobuntloko.—1 Korinte 11:3.
Kubalulekile ukuthetha into efanelekileyo ngendlela efanelekileyo.—IMizekeliso 25:11.
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ukuthandana nokuhlonelana kuwenza umtshato uphumelele