Eyokuqala YeziKronike
5 Aba ngoonyana bakaRubhen+ izibulo likaSirayeli. Wayelizibulo kodwa kuba waye wangcolisa ibhedi katata wakhe,+ ilungelo lakhe lobuzibulo lanikwa oonyana bakaYosefu,+ unyana kaSirayeli. Ngoko akazange abhaliswe kumnombo wokuzalwa njengezibulo. 2 Nangona uYuda+ wayebalasele kunabantakwabo, ibe kuye kwaphuma owaba yinkokheli,+ ilungelo lobuzibulo lawela kuYosefu. 3 Oonyana bakaRubhen, izibulo likaSirayeli, yayinguHanoki, uPalu, uHetseron noKarmi.+ 4 Oonyana bakaYoweli yayinguShemaya unyana wakhe, uGogi unyana wakhe, uShimeyi unyana wakhe, 5 uMika unyana wakhe, uRehaya unyana wakhe, uBhahali unyana wakhe, 6 noBheraha unyana wakhe, owathathelwa ekuthinjweni nguKumkani uTilegati-pilenesere+ waseAsiriya, nowayeyinkosi yamaRubhen. 7 Kubantakwabo ngokweentsapho zabo ngokubhaliswa ngokomnombo wokuzalwa weenzala zabo, intloko yayinguYeyeli, uZekariya, 8 noBhela unyana ka-Azazi unyana kaShema unyana kaYoweli, owayehlala eArohere+ ukuyokutsho eNebho naseBhahali-meyon.+ 9 Kuba imfuyo yabo yaba ninzi elizweni laseGiliyadi,+ wahlala ngasempuma ukuyokutsho ekuqaleni kwentlango ngakuMlambo UmEfrate.+ 10 Ngemihla kaSawule, balwa imfazwe namaHagri, bawoyisa, ngoko bahlala kwiintente zabo kulo lonke ilizwe elikwimpuma yeGiliyadi.
11 Inzala kaGadi yayihlala kufutshane nabo, elizweni laseBhashan ukuyokutsho eSaleka.+ 12 UYoweli wayeyintloko, uShafam engowesibini, kukho uYanayi noShafati eBhashan. 13 Yaye abantakwabo ababengabendlu yookhokho babo yayinguMikayeli, uMeshulam, uShebha, uYorayi, uYakan, uZiya noEbhere, besixhenxe xa bebonke. 14 Aba yayingoonyana baka-Abhihali unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuze. 15 UAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, wayeyinkosi yendlu yookhokho babo. 16 Babehlala eGiliyadi,+ eBhashan+ nakwiidolophu eziphantsi kwayo,* nakuwo onke amadlelo aseSharon ukuyokutsho esiphelweni sawo. 17 Bonke babebhaliswe ngokweminombo yabo yokuzalwa ngemihla kaKumkani uYotham+ wakwaYuda nangemihla kaKumkani uYerobhoham*+ wakwaSirayeli.
18 AmaRubhen, amaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ayenamakroti ayi-44 760 emkhosini wawo, awayephatha amakhaka, amakrele nawayexhobe ngezaphetha* yaye ayeqeqeshelwe imfazwe. 19 Alwa imfazwe namaHagri,+ noYeture, uNafishi+ noNodabhi. 20 Ancediswa ekulweni nabo, ada amaHagri nabo bonke abo babekunye nawo banikelwa kuwo, kuba akhwaza ecela uncedo kuThixo emfazweni, wasiphendula isicelo sawo kuba ethembele ngaye.+ 21 La makroti ayithimba imfuyo yabo, iinkamela eziyi-50 000, iigusha eziyi-250 000 needonki eziyi-2 000, athimba nabantu* abayi-100 000. 22 Baninzi ababulawayo, kuba uThixo wokwenene wayewalwela.+ Ahlala kwindawo yabo de athinjwa.+
23 Inzala yehafu yesizwe sakwaManase+ yayihlala kummandla osuka eBhashan ukuya eBhahali-hermon naseSenire nakwiNtaba YeHermon.+ Babebaninzi kakhulu. 24 Aba babeziinkosi zezindlu zookhokho babo: uEfere, uIshi, uEliyeli, uAzriyeli, uYeremiya, uHodaviya noYadiyeli. Babengamakroti, amadoda adumileyo naziintloko zezindlu zookhokho bawo. 25 Abazange bathembeke kuThixo wookhokho babo, bathengisa ngomzimba koothixo bezizwana zelo lizwe,+ ezatshatyalaliswa nguThixo phambi kwabo. 26 Ngoko uThixo kaSirayeli waxhokonxa umoya kaKumkani uPuli waseAsiriya+ (oko kukuthi, uKumkani uTilegati-pilenesere+ waseAsiriya) ukuze athathele ekuthinjweni amaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase, wabasa eHala, eHabhore, eHara nakuMlambo iGozan.+ Baselapho de kube namhla.