Hoseya
4 Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli,
Kuba uYehova ubabeka ityala abemi beli lizwe,+
Kuba ayikho inyaniso nothando olungagungqiyo nokwazi uThixo kweli lizwe.+
2 Ukufunga into engekhoyo, ukuxoka,+ ukubulala,+
Ubusela nokukrexeza*+ kugqugqisile,
Negazi lichithwa lichithiwe.+
3 Kungenxa yoko le nto eli lizwe liza kuzila+
Naye wonke umntu ohlala kulo eza kuphelelwa;
Izilwanyana zasendle neentaka zezulu,
Kwaneentlanzi zaselwandle ziza kutshabalala.
4 “Kodwa ke, makungabikho mntu ulwa nomnye okanye ukhalimela omnye,+
Kuba abantu bakho baziphethe njengabantu abalwa nombingeleli.+
5 Ngoko uza kukhubeka emini emaqanda,
Nomprofeti uza kukhubeka kunye nawe, ngokungathi kusebusuku.
Yaye ndiza kumvala umlomo* umama wakho.
6 Abantu bam baza kuvalwa umlomo, kuba abazi nto.
Ekubeni ululahlile ulwazi,+
Nam ndiza kukulahla uze uyeke ukuba ngumbingeleli wam;
Ekubeni uwulibele umthetho* kaThixo wakho,+
Ndiza kubalibala noonyana bakho.
7 Okukhona babesanda, kokukhona babendona.+
Uzuko lwabo ndiza kulutshintsha lube lihlazo.*
8 Bazityebisa ngesono sabantu bam,
Banyolukela isiphoso sabo.
9 Into eza kwenzeka ebantwini iza kwenzeka nakubabingeleli;
Ndiza kubaphendulisa ngenxa yeendlela zabo,
Ibe ndiza kubabuyekeza ngenxa yezenzo zabo.+
10 Baza kutya, kodwa banganeli.+
12 Abantu bam babuzisa kwizithixo zabo ezenziwe ngomthi,
Benza yonke into abayixelelwa yintonga yabo;*
Kuba ukuthanda kwabo ukuthengisa ngomzimba* kuyabalahlekisa,
Yaye ngokuthengisa kwabo ngomzimba* abavumi ukuzithoba kuThixo wabo.
13 Babingelela phezu kweentaba,+
Naphezu kweenduli baqhumisa umbingelelo,
Phantsi kwemithi yom-oki, eyestorakisi nayo yonke imithi emikhulu,+
Kuba imnandi imithunzi yayo.
14 Andizukuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuthengisa kwazo ngomzimba,
Noomolokazana benu ngenxa yokukrexeza* kwabo.
Kuba amadoda emka nabafazi abathengisa ngomzimba,
Aze abingelele kunye nabafazi abathengisa ngomzimba etempileni;
Isizwana esinjalo, esingaqondiyo+ siza kutshatyalaliswa.
16 Kuba uSirayeli uye wanenkani+ okwemazi yenkomo.
Ngaba ke uYehova uza kumalusa njengetakane legusha eliyinkunzi kwidlelo elivulekileyo?*
17 UEfrayim uthe nca kwizithixo.+
Myekeni!
Abalawuli bakhe balithanda* gqitha ihlazo.+
19 Umoya uza kumka naye ngamaphiko awo.
Yaye baza kuba neentloni ngemibingelelo yabo.”