Isahluko Sesihlanu
‘Funa UYehova’ Ngokumnqula Ngendlela Emkholisayo
1. Ziziphi iintsikelelo ozinandiphayo ngokuba phakathi kwabantu bakaThixo?
ELINJANI lona ilungelo onalo lokwazi uThixo ozizalisekisayo iziprofeto zakhe! Asenokusebenza nakuwe amazwi omprofeti uHoseya athi: “Ndiza kukugana ube ngowam ngokuthembeka; yaye ngokuqinisekileyo uya kumazi uYehova.” Ngala mazwi uHoseya wayechaza ukuba abantu bakaThixo ababuyileyo ekuthinjweni eBhabhiloni babeya kunqabiseka ngokungathi baseparadesi. Ngokufanayo, abantu bakaThixo namhlanje bayachuma yaye banqabisekile ngokomoya, ngokungathi baseparadesi. (Hoseya 2:18-20) Ngoku, uthwele igama likaThixo—njengoko ungomnye wamaNgqina kaYehova azinikeleyo kuye—yaye umele uqhubeke uzinikele kuye.—Isaya 43:10, 12; IZenzo 15:14.
2, 3. (a) Kwakutheni ukuze uYehova aluthiye unqulo lwabantu bakhe bamandulo? (b) Kutheni kubalulekile nje ukuhlolisisa isigidimi sabaprofeti?
2 USirayeli wamandulo wayeluhlanga oluzinikele kuYehova, yaye walunika imiyalelo engazange ifunyanwe zezinye iintlanga. (Duteronomi 4:33-35) Kodwa ekupheleni kwenkulungwane yesithoba ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, imeko yamaSirayeli yayitshintshe kangangokuba uThixo wayalela uAmosi ukuba athi kuwo: “Ndiyithiyile, ndiyigatyile imithendeleko yenu . . . Ukuba ninikela kum iminikelo etshiswa kuphele, andiyi kukholiswa nayiloo minikelo yenu esisipho.” (Amosi 5:21, 22) Nangona uThixo engathethi loo mazwi kwibandla lakhe elisemhlabeni uphela namhlanje, ngaba unokuyithelekelela indlela obuya kuvakalelwa ngayo xa unokufumanisa ukuba ulugqala ngaloo ndlela unqulo lwakho? Ngaba kukho isifundo ngamnye wethu anokusifunda koku?
3 Ngelo xesha, abantu bakaThixo babesithi banqula uYehova ngendlela emkholisayo. Kodwa abaninzi babo babenqula oothixo babahedeni, njengoBhahali wamaKanan nemifanekiso eqingqiweyo yamathole eenkomo, yaye babesenza nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo. Babequbuda kwindalo esesibhakabhakeni ngoxa babesenza izifungo kuYehova. Ngoko uThixo oyinyaniso wathumela abaprofeti ukuba bababongoze aba bantu ukuba babuyele kunqulo olunyulu. (2 Kumkani 17:7-17; 21:3; Amosi 5:26) Ngoko kucacile ukuba kwanabakhonzi abazahluleleyo bakaThixo kusenokufuneka bahlole izenzo okanye isimo sabo sengqondo ukuze baqiniseke ukuba bamkhonza ngendlela emkholisayo uYehova.
‘ULWAZI NGOTHIXO’
4. Yayinjani imeko ngethuba lokulawula kukaKumkani uYerobhoham II?
4 Cinga nje ngexesha umprofeti wokuqala kwaba bali-12 awathetha ngalo ngoThixo. Wayechaza kwangaphambili ngemini kaYehova eyayiza kufikela ubukhosi bezizwe ezilishumi bakwaSirayeli. Kodwa izinto zazibonakala ziluhambela kakuhle gqitha olo hlanga ngokwezinto eziphathekayo. Kanye njengokuba uYona wayeprofetile, uKumkani uYerobhoham II wawumisela kwakhona umda wakwaSirayeli emantla ukusuka ngaseDamasko ukuya kutsho kuLwandle Olufileyo. (2 Kumkani 14:24-27) Nangona uYerobhoham wenza izinto ezimbi, uYehova wazeka kade umsindo, engafuni kuwatshabalalisa ngokupheleleyo amaSirayeli. UThixo wawanika ithuba lokuguquka amaSirayeli, ukuze ‘afune uYehova, aze aqhubeke ephila.’—Amosi 5:6.
5. Yintoni awayengenayo amaSirayeli eyawenza agatywa nguYehova?
5 Ngoxa izinto zaziwahambela kakuhle amaSirayeli ngokwezinto eziphathekayo, ayefanele asebenzise elo thuba ukuze abuyele kuYehova ngokuthi azabalazele ukumazi ngakumbi aze azimisele ukwenza oko kumkholisayo. Kunokuba enze oko, ayezithembile, ecinga ukuba ‘intlekele ayiyi kusondela okanye ifikelele kuwo.’ (Amosi 9:10) Ayemlibele uYehova kuba ayenezinto eziphathekayo ‘ezaneleyo, yaza ngenxa yoko yaphakama intliziyo yawo.’ (Hoseya 13:6) Masingazikhohlisi ngokucinga ukuba le yimbali yamandulo engenanto yakwenza nathi. Kaloku phawula isizathu sokuba uYehova awabek’ ityala amaSirayeli: “Ngenxa yokuba ukugatyile ukwazi, ndiya kukugatya nawe ekukhonzeni njengombingeleli kum.” Ayezahlulele kuYehova yaye ejikelezwe ngamalungu eentsapho ezizahluleleyo. Sekunjalo, ayengenalo ‘ulwazi lokwenyaniso ngoThixo.’—Hoseya 4:1, 6.
6. Kuthetha ukuthini ukuthi amaSirayeli ayengenalo ulwazi ngoThixo?
6 Oku akuthethi kuthi amaSirayeli ayengazange aweve amazwi kaThixo, kuba abazali babeyalelwe ukuba bawadlulisele kubantwana babo. Ngoko amele ukuba ayekhe abeve abazali bawo bethetha ngamazwi aseBhayibhileni, okanye ayeweva xa eye kwiindibano zikawonke wonke. (Eksodus 20:4, 5; Duteronomi 6:6-9; 31:11-13) Ngokomzekelo, ayevile ukuba yintoni eyenzekayo xa uAron wenza ithole legolide ngoxa uMoses wayekwiNtaba yeSinayi ukuze afumane iMiyalelo Elishumi. (Eksodus 31:18–32:9) Ngoko amaSirayeli awayephila ngexesha laba baprofeti ayewazi uMthetho yaye ayevile ngeengxelo zangaphambili. Kodwa ulwazi lwawo lwalufile kuba aluzange luwashukumisele ekubeni anqule uThixo ngendlela afuna ngayo.
7. (a) Yintoni eyabangela ukuba amaSirayeli angathobeli? (b) UmKristu ‘unokuqalisa njani ukumlibala uMenzi wakhe’?
7 Usenokuba uyazibuza ukuba, ‘Yenzeka njani into yokuba amaSirayeli angathobeli?’ UHoseya wayichaza indlela okwaqala ngayo oko, esithi: “USirayeli wamlibala uMenzi wakhe.” (Hoseya 8:14) NgesiHebhere le ndinyana ifundeka ngokuthi “waqalisa ukumlibala.” Ngoko amaSirayeli akazange amlibale ngequbuliso uYehova. Kunoko, ekuhambeni kwexesha awazange akubone ukubaluleka kokumnqula ngendlela emkholisayo. Ngaba ucinga ukuba umKristu unokuwela kumgibe ofanayo? Cinga ngokomzekelo ngendoda ezimisele ukunyamekela iintswelo zokwenyama zentsapho yayo. (1 Timoti 5:8) Ukuze ikwazi ukwenjenjalo, ngokufanelekileyo iya kuwugqala umsebenzi wempangelo njengobalulekileyo. Kusenokuvela iintswelo ezingakumbi, ize ikubone kunyanzelekile ukuphoswa zezinye iintlanganiso zamaKristu ukuze isebenze. Ekuhambeni kwexesha, kuba lula ukuphoswa ziintlanganiso, ize iphoswe zezingakumbi. Ngokuthe ngcembe, ubuhlobo bayo noThixo buba buthathaka—ngaloo ndlela sele ‘iqalisile ukumlibala uMenzi wayo.’ Kusenokwenzeka into efanayo nakumKristu onabazali okanye izalamane ezingakholwayo. Ujamelene nengxaki yokuba: Lingakanani ixesha amele alichithe kunye nabo, yaye nini? (Eksodus 20:12; Mateyu 10:37) Kuthekani ngexesha amele alichithe ekukhenketheni nasekuzonwabiseni?
8. Ngexesha lika-Amosi, kwakuthetha ntoni “ukucoceka kwamazinyo”?
8 Silifundisisile iLizwi likaThixo saza salusebenzisa ulwazi lwethu. Sekunjalo, ngamnye wethu umele acingisise ngebinzana elisencwadini ka-Amosi elithi: “ukucoceka kwamazinyo.” Esebenzisa uAmosi, uThixo wabalumkisa abantu Bakhe wathi: “Mna ndaninika ukucoceka kwamazinyo kuzo zonke izixeko zenu nokuswela isonka kuzo zonke iindawo zenu.” (Amosi 4:6) Oko kucoceka kwakungabangelwa kukuhlanjwa kwamazinyo. Kwakubangelwa kukuba engatyanga nto, ngenxa yendlala. Ngaphezu koko, esi yayisisilumkiso solunye uhlobo lwendlala, “kungekhona indlala yesonka, kungekhona ukunxanelwa amanzi, kodwa kube kokokuva amazwi kaYehova.”—Amosi 8:11.
9, 10. (a) Inokwenzeka njani into yokuba umKristu alambe ngokomoya? (b) Kutheni sifanele siyiphaphele ingozi yokulamba ngokomoya?
9 Loo mazwi ka-Amosi ayebhekisela kwimeko embi yokomoya yeecawa zeNgqobhoko. Kanti bona abantu bakhe abasemhlabeni wonke, uThixo ubavulele “amasango ezikhukula emazulwini.” Basikelelwe ngentabalala yokutya kokomoya. (Malaki 3:10; Isaya 65:13, 14) Noko ke, umKristu usenokuzibuza athi, ‘Ndizondla kangakanani ngoko kutya kokomoya?’ Ezinye izazinzulu ziye zenza ulingelo kwizilwanyana ezazenzakele kwinxalenye yobuchopho ekwenza uzive ulambile, zaza zafumanisa ukuba zazingenawo umdla wokutya, ngoko zalamba zada zafa, nangona kwakubekwe ukutya okuninzi phambi kwazo! Ngaba inokwenzeka into yokuba, ngengqiqo yokomoya, ubuchopho bomKristu benzakale ngokokude azilambise nakuba engqongwe yintabalala yokutya kokomoya?
10 Khawucinge ngemeko yakho, uze uhlolisise ezi nkalo zilandelayo: UYehova wawanika intabalala yokutya kokomoya amaSirayeli. AyenoMthetho owawunokulomeleza ulwalamano lwawo kunye naye; ayenikwe imiyalelo yendlela ayenokubethelela ngayo ulwazi ngoThixo ebantwaneni bawo; yaye ayenabaprofeti ababewanceda ukuba akuqonde ukuthanda kukaThixo. Sekunjalo, aqalisa ukumlibala uYehova. IBhayibhile ithi ngemihla kaHoseya, ayenentabalala ada ‘anela zizinto eziphathekayo, yaza yaphakama intliziyo yawo.’ (Hoseya 13:6; Duteronomi 8:11; 31:20) Ukuba asifuni izinto eziphathekayo ziphazamise ulwalamano lwethu kunye noThixo, simele siyiphaphele loo ngozi imihla ngemihla.—Zefaniya 2:3.
NIKEL’ INGQALELO KWIMIBANDELA EBALULEKE NGAKUMBI
11, 12. (a) Ebudeni bolawulo lukaKumkani u-Uziya, kwakutheni ukuze kufuneke abaprofeti bakhuthaze abantu ukuba babuyele kuYehova? (b) Yintoni ababesilela kuyo ngokutsho kukaYoweli?
11 Ngoxa uYerobhoham II wayelawula kwaSirayeli, yena u-Uziya (okwabizwa ngokuba nguAzariya) wayelawula kwaYuda. U-Uziya wawandisa ummandla wakhe, wayandisa neYerusalem. “Wabonakalisa amandla ngokomlinganiselo ongaqhelekanga” kuba “uThixo oyinyaniso waqhubeka emnceda.” “Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova” yaye “ethambekele ekufuneni uThixo.” Kodwa abantu abaninzi kwaYuda baqhubeka besenza iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo.—2 Kronike 26:4-9.
12 Kucacile ukuba, nangona abantu bakwaYuda nakwaSirayeli babebizwa ngegama likaThixo, ngokufuthi babengamnquli ngendlela emkholisayo. Abaprofeti bazama ukubanceda bahlukanise phakathi konqulo lwenyaniso nolobuxoki. Esebenzisa uYoweli, uThixo wababongoza esithi: “Buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke, nangokuzila ukutya nangokulila nangokwenza isijwili.” (Yoweli 2:12) Phawula oku: UThixo wayefuna abantu bakhe babuyele kuye ‘ngeentliziyo zabo zonke.’ Ngoko ingxaki yayikukuba babenganquli ngokusuk’ entliziyweni. (Duteronomi 6:5) Nangona babenqula uYehova, babengakwenzi oko ngentliziyo epheleleyo. Esebenzisa abaprofeti, wakugxininisa ngokuphindaphindiweyo ukubaluleka kobubele bothando, okusesikweni nokululama—yaye zonke ezo ziimpawu zentliziyo.—Mateyu 23:23.
13. Yintoni amaYuda awabuyayo ekuthinjweni eBhabhiloni awayefanele ayenze?
13 Kwakhona, cinga nje ngoko kwenzekayo emva kokuba amaYuda ebuyele ezweni lawo. Nangona unqulo lwenyaniso lwalubuyiselwe ngokuvisisana noMthetho, izinto zazingahambi kakuhle. AmaYuda aqalisa ukuzila ngeentsuku ezazingqamene neziganeko zokutshatyalaliswa kweYerusalem. UYehova wabuza wathi: “Ngaba ngokwenene nanizilela mna na, mna kanye na?” UThixo wakubona kufanelekile ukusitshabalalisa eso sixeko, ngoko asinto yakuzilelwa leyo. Kunokuba azilele iziganeko zexesha eligqithileyo, loo maYuda ayefanele agcobe, enze imisitho yovuyo ngenxa yeentsikelelo zonqulo lwenyaniso. (Zekariya 7:3-7; 8:16, 19) Yaye ayefanele anikele ingqalelo kweminye imibandela. Yiphi imibandela ngokomzekelo? “Gwebani ngokusesikweni; nize nibe nobubele bothando nenceba omnye nomnye . . . ningacebi nto imbi elowo nxamnye nomnye ezintliziyweni zenu.” (Zekariya 7:9, 10) Nathi sinokungenelwa koko abo baprofeti bakufundisa abantu bakaThixo ngokuphathelele ukunqula uThixo ngentliziyo epheleleyo.
14. (a) Abo babebuyile ekuthinjweni babefanele banqule njani? (b) Abaprofeti bazigxininisa njani iimpawu ezibandakanyekileyo elunqulweni?
14 Kubandakanya ntoni ukunqula ngentliziyo epheleleyo? Kaloku, yintoni eyayilindelekile kubantu bakaThixo ngaphambi nasemva kokuthinjwa kwabo? Kwakulindeleke ukuba bathobele imilinganiselo kaThixo yokuziphatha. Kukho nezinye iziganeko ezikhethekileyo ababeyalelwe nguMthetho ukuba babe nenxaxheba kuzo, ezaziquka ukuhlanganisana ukuze bafunde ngokuthanda kukaThixo. Ukongezelela koko, uThixo wathumela abaprofeti bakhe ukuba babakhuthaze babonise ububele bothando, okusesikweni, ukululama, inceba nokuthozama. Phawula indlela uYehova awazigxininisa ngayo ezi mpawu: “Ndiyoliswa bububele bothando, kungekhona imibingelelo; ndiyoliswa kukwazi uThixo kuneminikelo etshiswa kuphele.” “Zihlwayelele imbewu ngobulungisa; vuna ngokuvumelana nobubele bothando.” (Hoseya 6:6; 10:12; 12:6) UMika wathi: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?” (Mika 6:6-8) Yaye umprofeti uZefaniya wababongoza abantu bakaThixo wathi: “Funani uYehova, nonke balulamileyo bomhlaba . . . Funani ubulungisa, funani ululamo.” (Zefaniya 2:3) Ezi mpawu zibaluleke gqitha ukuba sifuna ukunqula uThixo ngendlela emkholisayo.
15. Ngokuvisisana noko kwakhuthazwa ngabaprofeti, yintoni afanele ayenze amaKristu kunqulo lwawo?
15 Zibaluleke kangakanani ezo mpawu kunqulo lwethu? Uyazi ukuba ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubalulekile. (Mateyu 24:14; IZenzo 1:8) Kodwa usenokuzibuza ukuba: ‘Ngaba ndikugqala njengoxanduva ukushumayela kwintsimi yethu? Okanye ngaba ndikugqala njengethuba lokunceda abantu abafuna ukuva isigidimi esisindis’ ubomi seBhayibhile? Ngaba ndinenceba kubo?’ Ewe, inceba nobubele bothando bufanele busishukumisele ekubeni silumkise abanye ngemini kaYehova. Kwakhona okusesikweni nobulungisa bubandakanyekile kwimizamo yethu yokudlulisela eso sigidimi kuzo zonke iintlobo zabantu.—1 Timoti 2:4.
16, 17. Kutheni ukululama nokuthozama kubalulekile nje kunqulo lwakho?
16 Enye into ebalulekileyo kukuya kwiintlanganiso zamaKristu. (Hebhere 10:24, 25) Ngaba wakha wayicinga indlela oko okuhlobene ngayo nokululama kunye nokuthozama? Abantu abalulamileyo bathobeke ngokwaneleyo ukuba bamkele imiyalelo kaYehova baze bakusebenzise oko bakufundayo. Umntu othozamileyo uyaziqonda iintsilelo zakhe, aze alwamkele ukhuthazo kunye nolwazi alufumana kwiintlanganiso.
17 Ngoko kucacile ukuba nathi sinokungenelwa koko kwafundiswa ngabaprofeti. Kodwa kuthekani ukuba kusafuneka uphucule kwenye yezi nkalo zikhankanywe ngasentla? Okanye kuthekani ukuba uye wenza iimpazamo ezinzulu, nokhathazekayo xa ucinga ngazo? Iincwadi zabaprofeti abali-12 ziza kukukhuthaza yaye zikuncede.
BUYELA KUYEHOVA
18. (a) Ngoobani abafumana ukhuthazo ngokukhethekileyo kwisigidimi sabaprofeti abali-12? (b) Uvakalelwa njani ngokubongoza kukaYehova abantu ukuba babuyele kuye?
18 Njengoko sibonile, abaprofeti babengapheleli nje ngokuvakalisa umgwebo. Babevakalisa nezibongozo zikaYehova zokuba abantu babuyele kuye. Omnye wabo, uHoseya wavakalisa wathi: “Yizani, sibuyele kuYehova, kuba uqwengile kodwa uya kusiphilisa. Waqhubeka exabela, kodwa uya kusibopha. . . . Yaye siya kwazi, siya kukusukela ukwazi uYehova.” (Hoseya 6:1-3) Enyanisweni, uYehova uThixo wenza okusesikweni ngokuthi agwebe uSirayeli noYuda. Kodwa abantu bakhe babefanele bakugqale oko njengemizamo yokubavuselela ngokomoya. (Hebhere 12:7-13) Ukuba abo bantu bakaYehova babenokubuyela kuye, wayeya ‘kubaphilisa’ aze ‘ababophe amanxeba.’ Yiba nomfanekiso-ngqondweni womntu eguqile ukuze abophe amanxeba omhlobo wakhe. Ngoku yiba nomfanekiso-ngqondweni kaYehova esenza oko. Unenceba ngokwenene uYehova uThixo, emenza akulungele ukubopha amanxeba abo babuyela kuye! Ngaba oko akusishukumiseli ekubeni sifune ukubuyela kuye xa simonile?—Yoweli 2:13.
19. Kubandakanya ntoni ukwazi uYehova?
19 Yintoni ebandakanyekileyo ekubuyeleni kuThixo? UHoseya usikhumbuza ukuba senze okungakumbi ‘kunokumazi’ nje uThixo, kodwa ‘sisukele ukumazi uYehova.’ Enye incwadi ithi ngoHoseya 6:3: “Kukho umahluko omkhulu phakathi kokwazi ngoThixo kunye nokumazi uThixo, kanye njengokuba kukho umahluko phakathi kokufunda ngothando kunye nokuba nomntu othandana naye.” Kufuneka sibe nolwazi olunzulu ngoYehova. Umele abe ngumntu wokwenene kuthi, uMhlobo esimthembayo nesinokuthetha naye nangaliphi na ixesha. (Yeremiya 3:4) Xa unobuhlobo obunjalo kunye naye, uya kuyiqonda indlela avakalelwa ngayo ngoko ukwenzayo, yaye oko kuya kukunceda gqitha ukuba uzabalazele ukumnqula ngendlela emkholisayo.
20, 21. UKumkani uYosiya wabonisa njani ukuba uyamazi uThixo?
20 UKumkani uYosiya wayengumzekelo omhle wokusukela unqulo lwenyaniso. Makhe sihlolisise amanye amava akhe. Ngexesha lokulawula kukaYosiya njengokumkani, uhlanga lwalonakaliswe lunqulo-zithixo, ugonyamelo, nokukhohlisa okwakususela kwimihla yokulawula kukaManase noAmon. (2 Kumkani 21:1-6, 19-21) Ukubongoza kukaZefaniya olo hlanga ukuba ‘lufune uYehova’ kumele ukuba kwamkhuthaza uYosiya, kuba “waqalisa ukufuna uThixo kaDavide.” UYosiya waqalisa iphulo lokuphelisa unqulo-zithixo kwaYuda, wada waya kufikelela nakummandla owawukade ungowobukhosi basentla.—Zefaniya 1:1, 14-18; 2:1-3; 3:1-4; 2 Kronike 34:3-7.
21 Kwanasemva koko, uYosiya waqhubeka efuna uYehova. Wayalela ukuba kulungiswe itempile. Ebudeni bokwenziwa kwaloo msebenzi, kwafunyanwa “incwadi yomthetho kaYehova ngesandla sikaMoses,” ekunokwenzeka ukuba yayingumbhalo wokuqala woMthetho. Wasabela njani uYosiya xa kwafundwa loo ncwadi? “Kwathi kamsinya nje akuweva ukumkani amazwi omthetho, ngoko nangoko wazikrazula izambatho zakhe.” ‘Wayikrazula nentliziyo yakhe’ waza wakusebenzisa ngoko nangoko oko kwakubhalwe kuloo ncwadi. Akazange azame ukuzithethelela esithi sele enze umsebenzi omkhulu. Ngaba uyakhumbula ukuba waba yintoni umphumo wokuguquka kwakhe? “Yonke imihla yakhe [oonyana bakaSirayeli] abaphambukanga ekulandeleni uYehova uThixo wookhokho babo.”—2 Kronike 34:8, 14, 19, 21, 30-33; Yoweli 2:13.
22. Sinokungenelwa njani kumzekelo kaYosiya?
22 Usenokubuza uthi, ‘Mna ngendandisabele njani?’ Ngaba nawe wawuya kuwaphulaphula amazwi abaprofeti, njengokuba wenzayo uYosiya, uze wenze utshintsho kwindlela owenza ngayo izinto okanye ocinga ngayo? Nangona singaphili kwixesha likaZefaniya noYosiya, siyakubona ukubaluleka kokwamkela isigidimi nesiluleko sikaThixo namhlanje. Ngoko ukuba umKristu uvakalelwa kukuba ufanele enze utshintsho kwindlela aphila okanye anqula ngayo, ziya kumkhuthaza gqitha ezi ncwadi zabaprofeti abali-12.—Hebhere 2:1.
23. Ukuba uvakalelwa kukuba kufuneka uphucule kwinkalo ethile, yintoni onokuyenza?
23 Maxa wambi usenokuvakalelwa ngendlela awavakalelwa ngayo uYona xa wayesesiswini sentlanzi enkulu: “Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho! Ndiya kuyondela njani itempile yakho engcwele kwakhona?” (Yona 2:4) Kodwa anokusomeleza ngokwenene amazwi kaYehova, thina bantu bangafezekanga nabasoloko besenza iimpazamo! “Buyelani kum, nam ndiza kubuyela kuni.” (Malaki 3:7) Ukuba kukho imfuneko yokuba uqinise ubuhlobo bakho noYehova, abadala bebandla okulo baya kukuvuyela ukukunceda. Njengokuba nemoto iqala ngesantya esiphantsi, nawe uza kwenza inkqubela kancinane kancinane. Emva kwethuba, ukwenza inkqubela kuya kuba lula ngakumbi. Unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukwamkela aze akuncede, kuba “unobabalo nenceba, uzeka kade umsindo kwaye unobubele bothando obuninzi.” (Yoweli 2:12-14) Ngokuqinisekileyo, izigidimi zaba baprofeti zilukhuthazo kubo bonke abo bazabalazela ukunqula uThixo ngendlela emkholisayo.
IMPINDA
• Ngokuvisisana nesigidimi sabaprofeti abali-12, yintoni ekwakufuneka beyenzile abantu bakaThixo?—Zefaniya 2:3.
• Abantu bakaThixo bamandulo bamlibala njani?—Hoseya 8:14.
• Kutheni amaKristu emele aphaphe nangona enentabalala yokutya kokomoya?—Amosi 4:6; 8:11.
UVAKALELWA NJANI?
• Yintoni ebandakanyekileyo ekunquleni uYehova ngentliziyo epheleleyo?—Hoseya 6:6; Mika 6:8.
• Ukuba uvakalelwa kukuba uye wamshiya uYehova, unokubuyela njani kuye?—Hoseya 6:1-3.
• Unokumxelisa njani uKumkani uYosiya ekufuneni uYehova?—2 Kronike 34:19-21; Yoweli 2:13.
[Umfanekiso okwiphepha 57]
UAmosi
[Umfanekiso okwiphepha 58]
Umntu usenokuqalisa njani ukumlibala uYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 60]
Ngaba umKristu usenokulamba nangona ejikelezwe yintabalala yokutya kokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 64]
Ngaba uzabalazela ukufikelela zonke iintlobo zabantu ngeendaba ezilungileyo?
[Imifanekiso ekwiphepha 66]
UYosiya akazange azingxengxezele xa kwakufuneka ebuyisele unqulo lwenyaniso
[Umfanekiso okwiphepha 67]
Ngaba uya kwenza naluphi na utshintsho olufunekayo ukuze uphile ngokuvisisana nemilinganiselo yeBhayibhile?
[Umfanekiso okwiphepha 68]
Abanye bafanele ‘bamfune uYehova’ ngokuthi babuyele kuye