Eyesibini YeziKronike
6 Ngelo xesha uSolomon wathi: “UYehova uthe uza kuhlala kwingqimba yelifu.+ 2 Ngoku ke ndikwakhele ipomakazi lendlu, indawo yakho yokuhlala ngonaphakade.”+
3 Ukumkani wajika, walisikelela lonke ibandla lamaSirayeli, ngoxa onke ayemile.+ 4 Wathi: “Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli, lowo wathembisa uDavide utata ngowakhe umlomo, noye wasenza saphumelela eso sithembiso ngezakhe izandla esithi, 5 ‘Ukususela ngemini endabakhupha ngayo abantu bam kwilizwe laseYiputa, andizange ndikhethe sixeko sakwakhela igama lam indlu kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli,+ yaye andikhange ndonyule mntu ukuba abe yinkokheli yabantu bam amaSirayeli. 6 Kodwa ndikhethe iYerusalem+ ukuba igama lam libe lapho, yaye ndikhethe uDavide ukuba aphathe abantu bam amaSirayeli.’+ 7 Utata uDavide wayekufuna ngentliziyo yakhe yonke ukwakhela igama likaYehova uThixo kaSirayeli indlu.+ 8 Kodwa uYehova wathi kutata uDavide, ‘Wawufuna ngentliziyo yakho yonke ukwakhela igama lam indlu, ibe yinto entle kakhulu leyo. 9 Kodwa ke, awuzukuyakha ngokwakho, ngunyana oza kumzala* oza kulakhela indlu igama lam.’+ 10 UYehova uyenzile into awayithembisayo, kuba ndiye ndangena ezihlangwini zikatata uDavide, ibe ndim ohleli etroneni yakwaSirayeli,+ kanye njengokuba uYehova wayethembisile.+ Kwakhona, ndiye ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli, 11 yaye ndiyibeke kuyo iTyeya enesivumelwano+ esenziwa nguYehova nabantu bakaSirayeli.”
12 Emva koko wema phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwalo lonke ibandla lamaSirayeli, waphakamisa izandla zakhe.+ 13 (Kuba uSolomon wayenze iqonga lekopolo walibeka embindini weyadi.*+ Ubude balo babuziikubhite* ezintlanu, liziikubhite ezintlanu ububanzi, nokuphakama kwalo kuziikubhite ezintathu, yaye wema phezu kwalo.) Waguqa phambi kwalo lonke ibandla lamaSirayeli, waphakamisela izandla zakhe ezulwini,+ 14 wathi: “Owu Yehova Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini okanye emhlabeni, obambelela kwisivumelwano nobathanda ngokungagungqiyo abakhonzi bakhe abahamba phambi kwakhe ngentliziyo yabo yonke.+ 15 Uye wasigcina isithembiso owasenza kumkhonzi wakho uDavide utata.+ Wathembisa ngomlomo wakho, ibe uye wayenza loo nto.+ 16 Ngoku ke Yehova Thixo kaSirayeli, sigcine isithembiso owasenza kumkhonzi wakho uDavide utata, xa wathi: ‘Kuza kuhlala kukho indoda ephuma kumnombo wakho, ehleli etroneni kaSirayeli, kuphela ukuba oonyana bakho bayayijonga indlela abahamba ngayo emthethweni wam+ kanye njengokuba wena uye wenza.’+ 17 Ngoku ke Yehova Thixo kaSirayeli, senze sibe sesithembekileyo isithembiso owasenza kumkhonzi wakho uDavide.
18 “Kodwa ngaba nyhani uThixo angahlala nabantu emhlabeni?+ Jonga! Amazulu, nditsho nezulu lamazulu, alikulingenanga.+ Kobekisela phi ke kule ndlu ndiyakhileyo!+ 19 Ngoku ndicela umamele umthandazo womkhonzi wakho nesicelo sakhe senceba, yhini Yehova Thixo wam, futhi ummamele xa ekhalela uncedo, umamele nalo mthandazo umkhonzi wakho awenza phambi kwakho. 20 Kwanga amehlo akho angaba phezu kwale ndlu imini nobusuku, kule ndawo wathi ngayo uza kubeka kuyo igama lakho,+ ukuze umamele umthandazo owenziwa ngumkhonzi wakho ngale ndawo. 21 Uze ummamele umkhonzi wakho xa ecela uncedo, nabantu bakho amaSirayeli xa bethandaza bejonge kwicala ekulo le ndawo,+ yaye kwanga ungeva ukwindawo ohlala kuyo emazulwini.+ Kwanga ungeva uze ubaxolele.+
22 “Ukuba umntu wona omnye umntu, kuze kufuneke enze isifungo esimbophelelayo,* athi ephantsi kweso sifungo* eze phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu,+ 23 kwanga ungasiva usemazulwini, ungenelele uze ubagwebe abakhonzi bakho ngokumbuyekeza umenzi-bubi, umgwebe ngento ayenzileyo,+ nangokumvakalisa engenatyala* olilungisa, uze umvuze ngobulungisa bakhe.+
24 “Ukuba abantu bakho amaSirayeli bayoyiswa lutshaba kuba beye baqhubeka bekona,+ baze babuye, balizukise igama lakho,+ bathandaze+ bekucenga kule ndlu ukuba ubenzele inceba,+ 25 kwanga ungeva usemazulwini,+ usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli uze ubabuyisele kumhlaba owawunika bona kunye nookhokho babo.+
26 “Xa amazulu evaliwe kuze kungabikho mvula+ ngenxa yokuba beye baqhubeka bekona,+ baze bathandaze bejonge kwicala ekulo le ndawo, bezukisa igama lakho, baze basiyeke isono sabo kuba uye wabathoba,*+ 27 kwanga ungeva usemazulwini uze usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, kuba uza kubafundisa indlela elungileyo abafanele bahambe ngayo.+ Uze uzise imvula+ kwilizwe lakho olinike abantu bakho laba lilifa labo.
28 “Ukuba kubakho indlala elizweni,+ okanye isifo esingubhubhani,+ imbalela embi, isihumba,+ ibubu leenkumbi, neenkumbi* ezitshabalalisayo,+ okanye ukuba bahlaselwa ziintshaba zabo nakweliphi na kumazwe abo,*+ okanye babethwe naluluphi na uhlobo lwesibetho nesifo,+ 29 nawuphi na umthandazo,+ nasiphi na isicelo senceba+ esenziwa nguye nabani na, okanye ngabantu bakho bonke amaSirayeli, (kuba saziwa ngumntu ngamnye isibetho sakhe nentlungu yakhe)+ baze bazolulele ngakule ndlu izandla zabo,+ 30 kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo,+ uze ubaxolele,+ yaye ubuyekeze ngamnye ngokweendlela zakhe zonke, kuba uyayazi intliziyo yakhe (nguwe kuphela oyazi kakuhle intliziyo yomntu),+ 31 ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho yonke imihla abayiphila kweli lizwe walinika ookhokho bethu.
32 “Nowasemzini ongasuki kubantu bakho amaSirayeli, osuka kwilizwe elikude ngenxa yegama lakho elikhulu,*+ ngamandla esandla sakho nangengalo yakho eyoluliweyo, aze eze kuthandaza kule ndlu,+ 33 kwanga ungeva usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo, uze umenzele loo nto akucela yona umntu wasemzini, ukuze zonke izizwana zomhlaba zilazi igama lakho+ zize zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, ukuze zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwe ngegama lakho.
34 “Ukuba abantu bakho baye balwa neentshaba zabo ngendlela obathume ngayo,+ baze bathandaze+ kuwe bejonge kwicala esikulo isixeko osinyulileyo nendlu endiyakhele igama lakho,+ 35 wuve usemazulwini umthandazo wabo nokucela kwabo inceba, uze ubagwebele.+
36 “Ukuba bayakona (kuba akukho mntu ungoniyo),+ bakucaphukise uze ubanikele kutshaba, bathinjelwe kwilizwe elikufutshane okanye elikude,+ 37 baze babuyele ezingqondweni bekwilizwe abathinjelwe kulo, bakucenge becela inceba bekwilizwe abangabathinjwa kulo, besithi, ‘Sonile yaye simoshile, senze ububi,’+ 38 baze babuyele kuwe ngentliziyo yabo yonke+ nangomphefumlo* wabo wonke kwilizwe abathinjelwe kulo,+ bathandaze kuwe bejonge kwilizwe labo owalinika ookhokho babo, nakwisixeko osinyulileyo+ nendlu endiyakhele igama lakho, 39 uze uwuve usemazulwini, kwindawo ohlala kuyo, umthandazo wabo nokucela kwabo inceba, ubagwebele,+ ubaxolele abantu bakho abakonileyo.
40 “Ngoko Thixo wam, kwanga amehlo akho angavuleka neendlebe zakho zimamele umthandazo owenziwa kule ndawo.*+ 41 Ngoku ke nyuka Yehova Thixo, uye endaweni yakho yokuphumla,+ kunye neTyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo wethu, mabombathiswe ngosindiso, yaye mabavuyiswe kukulunga kwakho abo banamathela kuwe.+ 42 Owu Yehova Thixo, sukumlahla umntu wakho omkhethileyo.+ Kwanga ungakhumbula indlela owamthanda ngayo ngokungagungqiyo uDavide umkhonzi wakho.”+