Eyesibini YeziKronike
24 UYehowashe waba ngukumkani eneminyaka esixhenxe,+ yaye walawula iminyaka eyi-40 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguTsibhiya waseBher-shebha.+ 2 UYehowashe waqhubeka esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.+ 3 UYehoyada wamfunela abafazi ababini, waza wazala oonyana neentombi.
4 UYehowashe wayefuna ngentliziyo yakhe yonke ukulungisa indlu kaYehova.+ 5 Ngoko wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Yiyani kwizixeko zakwaYuda, niqokelele imali yokulungisa indlu kaThixo wenu+ unyaka nonyaka kuye wonke uSirayeli. Nimele niyenze ngokukhawuleza le nto.” Kodwa abaLevi, barhuqa iinyawo.+ 6 Ngoko ukumkani wabiza uYehoyada intloko, wathi kuye:+ “Kutheni ungathanga kubaLevi mabazise irhafu engcwele evela kwaYuda naseYerusalem, njengokuba uMoses+ umkhonzi kaYehova wayetshilo, kwaneyebandla likaSirayeli, ukwenzela intente yeSingqino?+ 7 Ngoku oonyana baka-Ataliya,+ laa mfazi wenza ububi, baqhekeze endlini kaThixo wokwenene,+ bazinikela kooBhahali zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova.” 8 Njengokuba ukumkani wayeyalele, benza ibhokisi+ baza bayibeka ngaphandle kwegeyithi yendlu kaYehova.+ 9 Emva koko bakhupha isaziso kulo lonke elakwaYuda naseYerusalem ukuba kuziswe irhafu engcwele+ kuYehova, leyo uMoses umkhonzi kaThixo wokwenene wayibekela uSirayeli entlango. 10 Zonke iintloko nabo bonke abantu bavuya kakhulu,+ baqhubeka besizisa iminikelo, beyifaka ebhokisini de yagcwala qhu.*
11 Xa abaLevi besiza nebhokisi ukuze inikwe ukumkani, baze babone ukuba kukho imali eninzi kuyo, kwakusiza unobhala kakumkani nomphathi wombingeleli oyintloko, bayikhuphe yonke loo mali kuloo bhokisi,+ baze bayibuyisele endaweni yayo. Babesenza le nto yonke imihla, ibe baqokelela imali eninzi kakhulu. 12 Ukumkani noYehoyada babeye bayinike abo babephethe emsebenzini wokulungiswa kwendlu kaYehova, yaye bona babeqesha abasiki bamatye, abakhandi abangamachule ukuze balungise indlu kaYehova,+ nabantu abasebenza ngentsimbi nekopolo ukuze balungise indlu kaYehova. 13 Abo babephethe emsebenzini bawuqalisa umsebenzi, yaye umsebenzi wokulungisa wahambela phambili phantsi kweliso labo, baza bayibuyisela indlu kaThixo wokwenene kwimo yayo efanelekileyo, baza bayenza yomelela. 14 Bathe bakuwugqiba umsebenzi, bayizisa kukumkani noYehoyada yonke imali eshiyekileyo, baza bona bayisebenzisela ukwenza impahla yendlu kaYehova, izinto zokulungiselela, ukwenza iminikelo, iindebe nempahla yegolide neyesilivere.+ Babesoloko benikela imibingelelo etshiswayo+ endlini kaYehova yonke imihla kaYehoyada.
15 Uthe xa emdala anelisekile bubomi, uYehoyada wafa. Wafa eneminyaka eyi-130. 16 Bamngcwabela kwisiXeko SikaDavide phakathi kookumkani,+ kuba wenza okuhle kwaSirayeli+ nakuThixo wokwenene nakwindlu kaThixo.
17 Emva kokufa kukaYehoyada, iinkokheli zakwaYuda zeza kuqubuda kukumkani, waza ukumkani wazimamela. 18 Abantu bayishiya indlu kaYehova uThixo wookhokho babo, bakhonza iipali ezingcwele* nezithixo, waza uThixo waba nomsindo* kuYuda nakwiYerusalem ngenxa yetyala labo. 19 Waqhubeka ethumela abaprofeti kubo, ukuba bababuyisele kuYehova yaye baqhubeka bebalumkisa, kodwa abazange bafune ukumamela.+
20 UZekariya unyana kaYehoyada+ umbingeleli wafikelwa* ngumoya kaThixo, wema ngentla kwabantu, wathi kubo: “Uthi uThixo wokwenene, ‘Kutheni nisaphula imiyalelo kaYehova nje? Anizukuphumelela! Ngenxa yokuba nimshiyile uYehova, naye uza kunishiya.’”+ 21 Bambhunga*+ baza bambetha ngamatye wafela eyadini yendlu kaYehova,+ ngokomyalelo kakumkani. 22 Ngaloo ndlela uKumkani uYehowashe wayiphosa kwelokulibala indlela awayethandwa ngayo ngokungagungqiyo nguYehoyada utata wakhe,* waza wambulala unyana kaYehoyada, owathi xa kanye sele eza kufa: “Kwanga uYehova angakohlwaya ngale nto uyenzileyo.”+
23 Ekuqaleni konyaka, umkhosi waseSiriya wenyuka weza kulwa noYehowashe, waza wahlasela uYuda neYerusalem.+ Bazibulala zonke inkokheli+ zabantu, boxutha izinto zabo, bazithumela kukumkani waseDamasko. 24 Nangona umkhosi wamaSiriya wawunamadoda ambalwa, uYehova wawunikela loo mkhosi wakwaYuda mninzi kakhulu+ kumaSiriya, kuba ayemshiyile uYehova uThixo wookhokho babo, ngoko amzisela* umgwebo uYehowashe. 25 Athe akurhoxa (kuba ayemshiye onzakele kakhulu*), izicaka zakhe zambhunga* kuba wayephalaze igazi loonyana* bakaYehoyada+ umbingeleli. Bambulalela ebhedini yakhe.+ Bamngcwabela kwisiXeko SikaDavide,+ kodwa abazange bamngcwabele kwindawo yokungcwaba ookumkani.+
26 Naba abantu abambhungayo:+ UZabhadi unyana kaShimeyati umAmonikazi noYehozabhadi unyana kaShimriti umMowabhikazi. 27 Imbali yoonyana bakhe nemigwebo emininzi eyeza kuye,+ nokulungiswa* kwendlu kaThixo wokwenene,+ zonke ezi zinto zibhalwe kwiingxelo* zeNcwadi YooKumkani. UAmatsiya unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.