KumaHebhere
1 Kudala, uThixo wayethetha nookhokho bethu kaninzi nangeendlela ngeendlela esebenzisa abaprofeti.+ 2 Ngoku ekupheleni kwale mihla, uye wathetha nathi esebenzisa uNyana,+ aye wamenza indlalifa yazo zonke izinto,+ nathe ngaye wenza izinto ezisemhlabeni nezisesibhakabhakeni.*+ 3 Ulubonakalisa kakuhle uzuko lukaThixo+ nobuntu bakhe,+ yaye uzigcina zonke izinto zikho ngelizwi lakhe elinamandla. Emva kokuba esicocile kwizono zethu,+ wahlala ngasekunene kOyena Uphakamileyo, ezulwini.+ 4 Ngoko uye waba ngaphezu kweengelosi,+ kangangokuba uye wafumana igama elingaphezu kwelazo.+
5 Ngokomzekelo, yiyiphi ingelosi awakha wathi kuyo: “Ungunyana wam; namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho”?+ Waza kwakhona wathi: “Ndiza kuba ngutata wakhe, yena abe ngunyana wam”?+ 6 Kodwa xa ephinda elizisa emhlabeni iZibulo lakhe+ uthi: “Zonke iingelosi zikaThixo maziqubude kuye.”
7 Kwakhona uthi ngeengelosi: “Iingelosi zakhe uzenza zibe ngumoya, nabasebenzi bakhe+ babe lidangatye lomlilo.”+ 8 Kodwa xa ethetha ngoNyana uthi: “UThixo uyitrone yakho+ ngonaphakade kanaphakade, nentonga yoBukumkani bakho yintonga yobulungisa. 9 Ubuthandile ubulungisa, waza wakucaphukela ukungabi namthetho. Yiyo le nto uThixo, uThixo wakho, ekuthambise+ ngeoli yovuyo ngaphezu koogxa bakho.”+ 10 Uphinda athi: “Nkosi, ekuqaleni wabeka iziseko zomhlaba, namazulu angumsebenzi wezandla zakho. 11 Zonke ezo zinto ziza kutshabalala, kodwa wena uza kuhlala ukho; zonke ziza kuguga okwempahla, 12 kwaye uza kuzisonga okwesambatho eside, uze uzitshintshe okwempahla. Kodwa wena awuzukutshintsha, neminyaka yakho ayizukuphela.”+
13 Kodwa yiyiphi ingelosi awakhe wathi kuyo: “Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho”?+ 14 Azingabo na zonke oomoya abenza inkonzo engcwele,+ ezithunywayo ukuba ziyokusebenzela abo baza kusindiswa?