IiNdumiso
Kumalathisi; mayikhatshwe yimirhubhe. Ingoma emnandi kaDavide.
4 Xa ndikubiza, ndiphendule, yhini Thixo wam olilungisa.+
Ndivulele indlela yokubaleka* xa ndisentlungwini.
Ndenzele ububele uze uwuve umthandazo wam.
2 Nina bonyana babantu, kuza kude kube nini nijika uzuko lwam lube lihlazo?
Kuza kude kube nini nithanda izinto ezingenaxabiso yaye nikhangela ubuxoki? (Selah)
3 Yazini ukuba uYehova uza kumphatha ngendlela ekhethekileyo* lowo unamathelayo kuye;
UYehova uza kuva xa ndimbiza.
4 Khathazekani, kodwa ningoni.+
Thulani, nithethe ezintliziyweni zenu, kwiibhedi zenu. (Selah)
6 Baninzi abathi: “Ngubani oza kusibonisa into elungileyo?”
Ukukhanya kobuso bakho makusikhanyisele, yhini Yehova.+
7 Uyivuyise kakhulu intliziyo yam
Kunabo banesivuno esikhulu newayini entsha.