IiNdumiso
EkaDavide.
27 UYehova kukukhanya kwam+ yaye uyandisindisa.
Ngubani ke endinokumoyika?+
UYehova yindawo yobomi bam ekhuselekileyo.+
Ngubani ke onokundinkwantyisa?
2 Xa ndandihlaselwa ngabenzi-bubi befuna ukuqwenga inyama yam,+
Yasuka yaba ngabantu abandicaphukelayo neentshaba zam ezakhubekayo, zawa.
Nokuba kungakho imfazwe ejoliswe kum,
Ndiza kuhlala ndithembele kuye.
4 Inye into endiye ndayicela kuYehova,
Yiyo endiyifunayo,
Kukuba ndihlale endlini kaYehova yonke imihla yobomi bam,+
Ndibukele ukuthandeka kukaYehova,
5 Kuba uza kundizimelisa kwikhusi lakhe ngomhla wentlekele;+
Uza kundifihla endaweni efihlakeleyo yentente yakhe,+
Andibeke phezulu eliweni.+
6 Ngoku ndiyazoyisa iintshaba ezindingqongileyo;
Ndiza kubingelela ententeni yakhe imibingelelo ndikhwaza futhi ndivuya;
Ndiza kumdumisa ngengoma* uYehova.
8 Intliziyo yam ithi wena uthi:
“Khangelani ubuso bam.”
Ndiza kubukhangela ubuso bakho Yehova.+
9 Sukubufihla ubuso bakho kum.+
Sukumgxotha ngomsindo umkhonzi wakho.
Ungumncedi wam;+
Sukundilahla okanye undishiye, Thixo wam ondisindisayo.
11 Ndiyalele indlela yakho, Yehova,+
Ndikhokelele kwindlela elungileyo, ukuze ndikhuseleke kwiintshaba zam.
12 Ungandinikeli kwiintshaba zam,+
Kuba kuvele amangqina obuxoki andityholayo,+
Ibe afuna ukundenzakalisa.
13 Ngendiphi ukuba bendingenalo ukholo
Lokuba ndiza kubona ukulunga kukaYehova kwilizwe labaphilayo?*+
Ndithi, thembela ngoYehova.