Yeremiya
52 UZedekiya+ wayeneminyaka eyi-21 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguHamutali+ intombi kaYeremiya waseLibhena. 2 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, njengoYehoyakim.+ 3 Ezi zinto zenzeka eYerusalem nakwaYuda kuba uYehova wayenomsindo, de wabagxotha phambi kwakhe.+ Yaye uZedekiya wamjikela ukumkani waseBhabhiloni.+ 4 Ngonyaka wesithoba wokulawula kukaZedekiya, ngenyanga yeshumi, ngomhla weshumi kuloo nyanga, uKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni wagaleleka eYerusalem nomkhosi wakhe wonke. Bamisa inkampu, bakha nodonga lokuyirhangqa macala onke.+ 5 Isixeko sarhangqwa de yangunyaka we-11 kaKumkani uZedekiya.
6 Ngenyanga yesine, ngomhla wesithoba kuloo nyanga,+ indlala yayibhokile esixekweni, abantu belo lizwe bephelelwe kukutya.+ 7 Ekugqibeleni udonga lwesixeko lwaqhekezwa, yaye onke amajoni abaleka emka esixekweni ngobusuku, aphuma ngegeyithi ephakathi kweendonga ezimbini ezingakumyezo kakumkani, ngoxa amaKhaledi ayesirhangqile isixeko; yaye aqhubeka ehamba ngendlela yaseArabha.+ 8 Kodwa umkhosi wamaKhaledi wamleqa uKumkani uZedekiya,+ wamfumana kwintlango yaseYeriko, waza wathi saa umkhosi wakhe. 9 Emva koko wambamba ukumkani, wamsa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela kwilizwe laseHamati, waza yena wamgweba. 10 Ukumkani waseBhabhiloni wabaxhaxha oonyana bakaZedekiya phambi kwamehlo akhe, waxabela nazo zonke iinkokheli zakwaYuda eRibhela. 11 Emva koko, ukumkani waseBhabhiloni wamtyhaphaza amehlo uZedekiya,+ wambopha ngamatsheyini ekopolo, waya naye eBhabhiloni, wamvalela ejele de wayokufa.
12 Ngenyanga yesihlanu, ngomhla weshumi kuloo nyanga, oko kukuthi, ngonyaka we-19 kaKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni, uNebhuzaradan umphathi woonogada, owayeligosa likakumkani waseBhabhiloni, wagaleleka eYerusalem.+ 13 Wayitshisa indlu kaYehova,+ indlu kakumkani nazo zonke izindlu zaseYerusalem; watshisa nazo zonke izindlu zabantu ababalulekileyo. 14 Zonke iindonga ezazijikeleze iYerusalem zadilizwa ngumkhosi wamaKhaledi owawukunye nomphathi woonogada.+
15 UNebhuzaradan umphathi woonogada wabathimba abanye bamahlwempu nabo bonke abanye abantu ababeshiyekile esixekweni. Wathimba nabo babebalekele kukumkani waseBhabhiloni nabanye abasebenzi abanobuchule.+ 16 Kodwa uNebhuzaradan umphathi woonogada washiya abanye babona bantu bahlwempuzekileyo elizweni, ukuze balime amasimi eediliya, benze neminye imisebenzi yesinyanzelo.+
17 AmaKhaledi aziqhekeza zaziingceba iintsika zekopolo+ zendlu kaYehova neenqwelo+ noLwandle lwekopolo+ olwalusendlini kaYehova, ayithwalela eBhabhiloni yonke ikopolo yazo.+ 18 Athatha neenkonkxa, imihlakulo, izicima-mlilo, izitya,+ iindebe+ nazo zonke izinto zekopolo ezazisetyenziswa etempileni. 19 Umphathi woonogada wathatha izitya,+ izitya zomlilo, izitya ezincinci, iinkonkxa, iziphatho zezibane,+ iindebe nezitya zegolide nesilivere yokwenene.+ 20 Ke bona ubunzima beentsika ezimbini, uLwandle, iinkunzi zeenkomo zekopolo eziyi-12+ ezaziphantsi kolwandle neenqwelo uKumkani uSolomon awayezenzele indlu kaYehova, abuzange bukwazi ukulinganiswa.
21 Zona iintsika, nganye yazo yayiziikubhite eziyi-18* ukuphakama, inokujikelezwa ngumsonto wokumeta oziikubhite eziyi-12;+ ubungqingqwa bayo babuyiminwe emine* kwaye iholoholo. 22 Ingqukuva eyayiphezu kwayo yayiyeyekopolo; ukuphakama kwengqukuva enye kwakuziikubhite ezintlanu;+ umnatha ophinyeneyo neerharnati ezazikuwo onke amacala ayo zaziyikopolo. Intsika yesibini yayifana nale, kunjalo ke nangeerharnati. 23 Kwakukho iirharnati eziyi-96 emacaleni; zaziyi-100 xa zizonke iirharnati ezazijikeleze umnatha ophinyeneyo.+
24 Umphathi woonogada wathatha noSeraya+ umbingeleli oyintloko, uZefaniya+ umbingeleli wesibini noonogada basemnyango abathathu.+ 25 Yaye esixekweni wathatha igosa lendlu kakumkani elinye elalingumphathi wamajoni, amadoda asixhenxe kulawo ayesondele kukumkani awafunyanwayo esixekweni, nonobhala wentloko yomkhosi, lowo wayehlanganisa abantu belo lizwe, namadoda ayi-60 ebantwini belo lizwe ababeshiyekile esixekweni. 26 UNebhuzaradan umphathi woonogada wabathatha wabasa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela. 27 Ukumkani waseBhabhiloni wabaxabela wababulala eRibhela+ kwilizwe laseHamati. Ngaloo ndlela uYuda wemka kumhlaba wakhe waya ekuthinjweni.+
28 Aba ngabantu awabathathayo uNebhukadenetsare* wabasa ekuthinjweni: ngonyaka wesixhenxe, amaYuda ayi-3 023.+
29 Ngonyaka we-18 kaNebhukadenetsare,*+ kwathathwa abantu abayi-832* eYerusalem.
30 Ngonyaka we-23 kaNebhukadenetsare,* uNebhuzaradan umphathi woonogada wathimba amaYuda ayi-745.*+
Yaba ngabantu abayi-4 600 xa bebonke abasiwa* ekuthinjweni.
31 Ngonyaka awaba ngukumkani ngawo, uKumkani uEvili-merodaki waseBhabhiloni wamkhulula uKumkani uYehoyakin*+ wakwaYuda ejele.+ Kwakungonyaka we-37 ethinjiwe uKumkani uYehoyakin wakwaYuda, ngenyanga ye-12, ngomhla we-25 kuloo nyanga. 32 Wathetha ngobubele naye waza itrone yakhe wayiphakamisa kakhulu kuneetrone zabanye ookumkani ababekunye naye eBhabhiloni. 33 Ngoko uYehoyakin wazikhulula iimpahla zakhe zasejele, yaye wayesitya qho phambi kwakhe yonke imihla yobomi bakhe. 34 Wayefumana ukutya okuvela kukumkani yonke imihla, ubomi bakhe bonke, de wafa.