IiNdumiso
Dumisani igama likaYehova;
Mdumiseni, nina bakhonzi bakaYehova,+
2 Nina nimi endlini kaYehova,
Kwiiyadi zendlu yoThixo wethu.+
3 Dumisani uYa, kuba uYehova ulungile.+
Lidumiseni ngengoma* igama lakhe, kuba liyathandeka.
6 UYehova wenza yonke into athanda ukuyenza+
Ezulwini nasemhlabeni, kwiilwandle nakuwo onke amanzi anzulu.
7 Ubangela ukuba amafu anyuke evela* kwezona ndawo zikude emhlabeni;
Imvula uyenzela umbane;*
Ukhupha umoya koovimba bakhe.+
10 Waxabela iintlanga ezininzi,+
Wabulala nookumkani abanamandla,+
11 USihon ukumkani wama-Amori,+
UOgi ukumkani waseBhashan,+
Nazo zonke izizwe zakwaKanan.
13 Owu Yehova, igama lakho likho ngonaphakade.
Owu Yehova, udumo lwakho luza* kuhlala lukho kuzo zonke izizukulwana.+
Akukho moya emlonyeni wazo.+
19 Owu ndlu kaSirayeli, dumisani uYehova.
Owu ndlu ka-Aron, dumisani uYehova.
20 Owu ndlu kaLevi, dumisani uYehova.+
Nina noyika uYehova, dumisani uYehova.
Dumisani uYa!+