Yeremiya
45 Eli lilizwi elathethwa ngumprofeti uYeremiya kuBharuki+ unyana kaNeriya xa wabhala la mazwi encwadini ewaxelelwa nguYeremiya,+ ngonyaka wesine kaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda:
2 “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli ngawe Bharuki, 3 ‘Wena uthe: “Ndisengxakini, kuba uYehova wongeze intlungu kwingqaqambo yam! Ndityhafile ngenxa yokuncwina, yaye andifumananga ndawo yakuphumla.”’
4 “Ufanele uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Jonga! Ndiyayichitha loo nto ndiyakhileyo, ndiyincothule naleyo ndiyityalileyo, kwilizwe lonke.+ 5 Kodwa wena uzifunela* izinto ezinkulu. Yeka ukuzifunela ezo zinto.”’
“‘Kuba ndiza kubazisela intlekele bonke abantu,’+ utsho uYehova, ‘ibe naphi na apho uya khona, ndiza kubusindisa ubomi bakho.’”+